AMAKROZA


M. Mbambo










MASKEW MILLER
LONGMAN



1
8
13
18
24
29
34
37
41
46
49
52
54
58
62
65
71
75
79
82
lzalathiso

1 Abantu Belo .
2 Alitshoni Lingenandaba                 
3 Ndoze Ndiziphindezele                 
4 Ungumsont onyikinyiki                   
5 Usinde Cebetshu	
6 Mandingaze Ndidaniswe                
7 Sisigqibo Senkundla Eso                
8 Wamkelekile EGcuwa	
9 Mvandedwa Ndiyeke	
10 Umbethe Ngemfe Iphindiwe	
1 1 Umlingi Akaphezi                     
12 KwaNozabemdela                     
13 Amazwi KaXhomiyakayaka              
14 Ligqwetha Kwakhona UKhuselwa	
1 5 UMvangeli Nehasa                    
16 Ngenxa KaNodywebheza                
17 Ndlela-Ntle	
18 Intlwa Ayibanjwa Ngentloko Isavela	
19 Lwahlanza Uselwa                     
20 Khuselwa Ndixolele                    


Maskew MillerLongman(Pty)Ltd	Howard Drive, Pinelands, Cape Town

Offices in Johannesburg, Durban, Port Elizabeth, Kimberley,
King Williams Town, Pietersburg, Bloemfontein, Nelspruit and	
Mafikeng, and representatives throughout southern Africa.	 


(c) Maskew Miller Longman (Pty) Ltd 1992
	   
A11 rights reserved. No part of this publication may be	         

reproduced, stored in a retrieval system, or transmitted in	
any form or by any means, electronic, mechanical,
photocopying, recording, or otherwise, without the prior		
written permission of the copyright holder.		     
First published 1992		      
Second edition 1995	
Tenth impression 1997	         
ISBN 0 636 02145 9	      
	
Cover illustration by Fay Humphris and Warwick Humphris

Setin 1O/20fl l2ptSabon
Imagesetting by Castle Graphics	        
Cover reproduction by Den Graphics	
Printed by CTP Book Printers (Pty) Ltd,
	               
Caxton Street, Parow 7500, Cape Town
	     

-1-
Abantu Belo

I
 lizwekazi lasemaXhoseni lahlulwe kubini ngumlambokazi onamanzi neziziba. Lo mlambokazi uhombe ngeengxa-ngxasi, uze ubuye uqhayise ngeenzonzobila zeziziba. Masivume sixele amaXhosa asendulo xa esithi; lo mlambo yiNciba. Ngendalo umXhosa wasemaXhoseni unobuciko obuntubululu. Akaziqhekezi ntloko ekucingeni nasekuthulu-leni obo buciko. Kungoko bathe bakuwubona umlambo iNciba basuka bacikoza baxela incede engceni. Batsho kwafaneleka ukuthi elinye icala lomlambo nguMphesheya-Nciba, baze bathi elinye nguMneno-Nciba. Kumacalana omabini omlambo kumi amaXhosa asemaXhoseni xhokro-kro. La maXhosa axhage iNciba sisizukulwana sikaNkosi uPhalo. Liqale ngoRharhabe ilizwana loMneno-Nciba ukubona ikumkani ekumkanayo. URharhabe lo kuKunene kukaPhalo ncakasana. Eli lizwe lamaNgqika lidume ngobuhle lineNgotya yomzi kaTshiwo kumaTshawe akwaPhalo.

Inxalenye yeli lizwe loMneno-Nciba imi kwindawo entle kakhulu. Eli lizwe lihombe ngeendidi ngeendidi zabantu. Likho ihlokondiba labantu abafumileyo. Uninzi lwabantu boMneno-Nciba zizityebi namahlwempu. Asekho amakholwa akhonza kwihlokondiba leetyalike ezahlukeneyo. Abahedeni abangamakholwa bakho, kunjalo nje bayakhonza. Kuloo mazwana oMneno-Nciba, amadoda asadla ngendebendala yokugcina amasiko nezithethe. Kuloo makhaya anjalo kusalawula uxolo nemvisiswano. Kuyingxoboshishi nexwabaxu kwamanye amakhaya. Kuninzi lwamadoda aloo makhaya kulawula uchuku kuwo, sele erhanugekile. Xa kuthethwa ngesiko nesithethe ngamanye amadoda, wona athetha ngebhrayifleyisi nedinala. Umgwenye obomvu usazingca ngokuhlala kumanqugwala amahle. Luzibalule ulwandile olufundileyo ngokuhlala kumapomakazi ezindlu ezintle. Amaxesha ngamaxesha ude ulinde ukuthi gqi komLungu emnyango kwezo ngqili zemizi, wothuke ubande ceke xa kuthi momfu uMdaka omnyama enguyena mnikazimzi. 	Whena! Ngena ngaphakathi. inene ubona into obe ungayilindelanga kwindlu yomXhosa. Ubona ifenitshala ekumgangatho ophezulu iwafince onke loo magumbi aloo ndlu. Bubumenye-menye bezipili eludongeni, kwigumbi lokuzicoca, kwelokuphumlela, kwelokuphekela, kwelokutyela nakwelangasese. Zonke izinto zempucuko yaseNtshona zilapha.
Hlala phantsi udl' imbadu nomnikazi-mzi, ubhaqa ukuba umnene lo waginya wade wabhukuxa kwicala lemfundo yaseNtshona, eseyimveku ukhenkebe lo. Wasiginya wasibimbiliza isiXhosa azalelwe kuso. Alunangqambu ulwimi lwakhe akuchukumisa umcimbi awaziyo. Wakulandwa emva umcimbi ongcambu yawo isisiXhosa, idlob 'okwenkonyana intliziyo karheme. Ingqiqo nengqikelelo ziintshengece ubukhali kaloku. Ngeliso uya mayana kanti uhlangule kanobom. Amadoda afana ngeendevu zodwa nantsika. Andibi na kaloku agqwesile abambelele kwizithethe namasiko asesiXhoseni? Gxebe! Anxonxothele kwimfundo yase-Ntshona, abethe ade angcotsha babhomboloza nobuchopho kukugcina okuncokolwa ziincwadi. Bagawushile ekufundiseni imfundo elunambithi yaseNtshona nakwiintsapho zabo.
Ndithi mna kuwe uphosiwe, ewe akubonanga ungabona-nga oongquphantsi babantu abangayanga ezikolweni nasezi-tyalikeni zasemLungwini. Ewe kaloku izindlu zisenoosoze neentsika. Intanyongo, isiswenye nemfe sele zide zagqola ngumsi. Ziluhlaza yaka izindlu bubulongwe, lo gama bungekabi ngamalongwe. Ziingcibi zemicimbi ethile oorheme aba. Le nyaniso idula mhla ngezisusa nezizathu ezithile zobuXhosa ezifana neembeleko, umoluko, imigidi, amaleqe neengqina, athi ke uZithile waseMathileni azicacise ubungcali engazigasi phofu.
Emasimini kuyageleshwa ngexesha lokugelesha, ziqhumis uthuli izipani zeenkabi kube nje. Ngexesha lokulima kuyalinywa; ngutiya, udyakalashe, ugasityeketye, ingesi elibomvu nelimhlophe. Kwangonyezi ngelokuhlakula ixesha iba nguwashiywa nowashiywa kwindlela eya emasimini. Hayi ke ngexesha laseKwindla ukuya kwixesha lokuvuna kuxhelwa eXhukwane, lelinjalo ixhaphetshu.
Ilizwe lona linomqolo weentaba, iintaba ezixakathe utyani zambathiswa ngamahlathi ukuze kuthiwe ezo ziintaba zakwaMathole. Ezo ntaba zinjal ubuhle zinembali eyodwa ezingayibalisayo ngabemi belo zwe. Ezo ntaba zinamagama eziwazuze kubemi belo zwe ngenxa yeziganeko nokuma kwazo. Amathol omgquba akwaNgqika ezo ntaba azazi
ngokweziganeko zazo. Ngubani na ongevanga ngeNtaba kaNdoda? Intaba esisitulo soThixo waseZulwini, ngabula S.E.K. Mqhayi. Inqwelo yomlilo iya kubetha phantsi kweNtaba kaNdoda. Isono sande kangangokuba kutshaya nomntwana. Gxebe! Itsho eyasemaCirheni imboni umfo kaGabha. UQelekequshe kumhlaba kaTyhali-Ngqika unembali eyodwa engqinwa nalingcwaba lomSkotshi osisitshixo sesiThixo kwimfundo yomntu oMnyama, uJames Steward A! Somgxada! Intab eGudu iyayazi imbali yokuqala kaloliwe okhutshu-khutshuze kwelo lamaNgqika, intab eBhukazana, eyeGqirha, ekaMnqwazi noBelek umntwana. Zinala mahlathi akwaHoho zingabetha kuyondelelane mhla zigwadla ngembali yakuNtsipho komkhulu kwaSandile. Ezo ntaba zinjalo nje zingundaba-mlonyeni kumachebesha nakubafuyi, zidunyiswa naziimveku ezi zembala.
Eli lizwe lihonjisiwe kaloku yimilambo ehl' ezintabeni. Wubone nanko umlambo iXesi uphuphuma kuzo unkcunkca unkcenkcez' amanzi acocekileyo. Usixhomile njalo isantya sawo ukuya kugqitha kuloNothonto:

Ewe, isijorha soNothonto,
Usiphunguza nampofu,
Iciko lokucikozel uJongumsobomvu.
Aphi n' amagquba kaRharhabe?
Amagqub' ooChungwa nooCiko?
Amagqub ooMaHote nooLanga?
Iintaba zooMaNyarha nooNojoli,
EzooMaQhorha nooMaKhobonqaba?
A! Jongumsobomvu!

Iintaba namahlath aseDikeni ziyalazi zilibona nokulibona iliso lomlambo iTyhume lodumo, elithe ngexesha lamzuzu laseza iimfidi zeendidi ngeendidi zabafundi beentlanga ngeentlanga. Loo nyaniso iyangqinwa ngamaMugabe. Nakusasa nje umlambo awukatshi uthi khonkqo, kodwa, inqabile ingqaka, sele uthande ukutsitsa intloya.
Kwelo lizwe linjalo, kukho iphakathi logaga phakathi kwamaphakathi, indangandanga yomXhosa, isithwala-ndwe phakathi kwezinye, icaluza lamanyange neyolisa lawohlanga, isifundiswa esanxanelwa imfundo sasela kwaSomgxada eDikeni, sabetha kwamamaniseka ngokunxonxothela phezu kwentili yomlambo iTyhume eFort Hare. Kulapho esi sifundiswa siphume sithwele isidanga somthetho. Sisitshica-
inki, isicagogo sikachwenene. Ligqwesa-dala, ukhakhakha lo kwakuphathwa umthetho. Uwazi onke amasiko asebu-gqwetheni ukhenkebe lo. Izithethe namasiko asemaXhoseni uwazi oshumi. Ukwaluka, umolulo, ingqina, inkomo yesondlo, inkomo yenqoma, inkomo yobulunga nenkomo yesitsununu kumaBhaca uyazazi. Ndithetha ntoni na mna? Iingoma zasemaXhoseni zezisusa ezikhulu ezinjengengulazibhaca, eyomkhosi, igwatyu, umhlahlo, eyamagqirha uyazazi, uyazivuma nokuzivuma.
Lo ngunyana kaLukhanyo, uThahla, uNdayeni, uZiqele, uDumile igama. Umzi kayise noyisemkhulu umi phantsi kwezo zithokothoko zamahlathi amnyama ezinyaweni zaloo ntaba inguzikhangelene. Lo Zikhangelene litsha kraca-kraca eli gama kuye, yabe elo gama ulizuze kuba emva kwakhe kuthe zinzi intaba engundaba-mlonyeni kumaRharhabe ngokubanzi, iNtaba kaNdoda. Ngezantsi qelele uZikha-ngelene lo ukhangelene nendulana engephi, kodwa hayi ukubaluleka kwayo. Igama laloo ndulana kuthiwa nguNtsipho. Izikumkani ngezikumkani kwaRharhabe zingcwatywa apho. Ukumkani uVelile Sandile, A! Velile! uphunyuliswe apho. Ukumkani uMxolisi Sandile A! Bazindlovu! ulele apho. Asazi ke kuwe Mhlekazi uMaxhoba, kodwa koxhomekeka kwiinyaniso ezobe ziphila ngaloo mihla.
Umzi wakwaHombile umi phantsi kwezo zithokothoko zamahlathi amnyama kuloo mmandla wemvula kwaRharha-be. Inkosikazi kaDumile nguNomkikise intombi enguMaNala ephuma eBowden emhlophe kaMajola. Yinzwakazi enezinxo-nxo nomhlantla uMaNala lo. Umntu lo uqhawu-qhawukile ukumila kwakhe. Undilisekile sel ethetha unina kaKhuselwa. Ibala lakhe linomtsalane, wakumondela unga ungaphinda ukumjonga. Zinjalo ukumfanela izivatho zokwenda, wanjalo ukuwufanela nomzi wakhe, wagqwesa ngokuyifanela indoda yakhe. Kwiintombi zakwaXhosa uMaNala wayegqweswa nguThuthula intombi kaMthunzana kuphela. Uyise nguKhaya, ongumlimi wokuqala ukuba yindoda ebufundeleyo ubulimi kwisikolo solimo iFort Cox.
Loo nzwakazi imanz andonga ubuhle, yayilivila lokwenene, intombi esuke yazibula ngentombi eyaba ngumafungwashe nekwaliphelo. Lo mnqongo womntwana kwathiwa nguKhuselwa. UDumile yena yingqitsimakhwe yegqwetha, umakhwekhwetha odume njengehashe lomdyarho. Le ndumasi yamenzela ubutshaba nobungozi obuchwechwa njengomhlaza kwiqela labantu. Obo butshaba busuke baba sisisi esiqhumayo kubomi bomhla nezolo bukaKhuselwa. Kwidolophana awayexelenga kuyo uDumile eHewu, emnyango wegumbi lakhe kwakubhaliwe amagama ngolu hlobo:
DUMILE HOMBILE MA (S.A.)
ATTORNEY AT LAW

Le ndumasi kaDumile yatyhutyhumeza de yanwenwela kwiincam zeloMzantsi-Afrika. Iingxangxasi zemilambo iGqili neLigwa ezitsholoza intsholo ekuyola eyamkelwa ngochulumanco ziintaba zeli lizwe, ziyifunqule ngamandla ukuyithumela kulwandlekazi lweKapa neBhayi. Zonke ezo zinto zidiza indumasi yomfo kaHombile. Kwakungekho namnye ungena enesikhalazo aphinde aphume ekhedamile. Kwigumbi lakhe lokusebenza kwakusoloko kuzele abantu. UKhuselwa wathabatheka yindlela uyise awayesebenzisana ngayo nabantu. Ngenkuthazo ayizuze kuyise wasel ezeka mzekweni naye efundela umthetho. Esikolweni eFort Hare uyintlaka nexolo noNambitha uKhuselwa. Sele bekunyaka wabo wokugqibela bobabini. UNambitha okhaya lisePhakamisa ugqibezela izifundo zakhe zeB.Sc. Obona bunyaniso bokuba intombi kaHombile ithabathe izifundo zomthetho bucaca gca kwincoko yakhe nomhlobokazi wakhe uNambitha.
MaKhusi, yintoni eyabangela ukuba ufunde umthetho unzima nje? kubuza uNambitha.
Oyena ndoqo ngumdla endinawo kwizifundo zomthetho, ngaphezu koko ke Nambi, ekukhuleni kwam ndaba nomnqweno wokuba ndifunde kwicandelo lomthetho ngenxa kabawo. Kungenjalo ngendiye kwizifundo ezikwicandelo lezobugqi, injongo ikukuzuza isidanga seB.Sc de ndibhaqe iD.Sc, koko akuzange kube njalo.
Nambi, yintoni eyabangela ukuba ude ufune ukuziqhekeza intloko ngezifundo zeB.Sc zikho nje izifundo zeBA? kutsho uMaKhusi.
Ndacaphukela ukuchankcathela kumgca kacwethe. Kaloku kule mihla yokufunda kwethu kunzima. Ingaba uyayiphawula na into yokuba iincwadi esizifundayo esikolweni zibhalwe ngooProfesa abathile? Umongo wazo bu bomi obukruqulayo beYunivesithi, neendlela emaku-
phicothwe ngazo iincwadi ezifundwayo eziYunivesithi? Kum loo nto iyibeka elubala into yokuba ababhali bazo abazibhali kuba benesiphiwo sokubhala iincwadi, mandilitsolise elokuba babhala kuba bewazi umgaqo olandelwayo wobhalo zincwadi. Ngenxa yokunqaba kweentsiba thina maXhosa asifikeleli sonke eziYunivesithi. Eyona nto ichukumisa umxhelo, thina sizwe sakowethu sishiyiwe zezinye izizwe. Silibele ngunobenani. Isizwe nabafundi beencwadi bafuna ukuva uncuthu olukwincam yolwimi lwakho uphokoza izimvo namava ngobomi, into eya kubatsho nabafundi bafuduke kumafudula ukuba anezikroba, kanti ukuba asekwe kwiziseko ezinokuvelisa iziqhamo ezinokutyiwa luluntu kulungile. Tyhini Nambitha, utsho kwasa kum, kutsho uKhuselwa.
Nambitha ntombi, uyayiqonda phofu eyokuba thina maXhosa sifunda iincwadi ezinye? Mandithi, ukuba uyihl omkhulu ufundile, uyihlo nawe, nomntwana wakho, nomntwana womntwana wakho, nifunde iincwadi ezinye. Ngubani umXhosa ofundileyo ongalifundanga ITYALA LAMAWELE njengencwadi yakhe ekhethiweyo esikolweni? Ukhona phofu ofundileyo ongayifundanga INGQUMBO YEMINYANYA? Anditsho ukuba ezi ncwadi maziye kungcwatywa kumathala eencwadi, kodwa ndithi hayi bo. Ababhali bezi ncwadi babephila kwinkulungwane egqithileyo. Ingaba iingxaki zamaXhosa anyandla zisafana na nezamaXhosa akusasa nje? Hayi! Mna lo mcimbi uyandoyikisa. Vula amehlo akho ubone ukuba iincwadi ezifundwayo ezikolweni zezoobani na? Impendulo ithi, zezamadodana neentombi zesizwe sakowethu, ahlohla kwezi Yunivesithi, nabo bakwiqumrhu eliphicotha ligocagoca uncwadi. Hayi ukuba mhle komsebenzi wabo ongenatyheneba olungiselelwe izikolo. Ingaba uhlalutyo lweencwadi luya kwenziwa phi na? Andibi na iincwadi azinasihlava kuba zibhalwe ngoosiyazi? Akukho nto sinokuyigxeka ngaphandle kokuncoma umsebenzi omhle wendembelele leyo. Mna ndiyakoyika ukuhamba komntu engacwezeli mgongxo natyholo. Nambitha ntombi, wena yintoni eyabangela ukuba ufunde izifundo zobugqi? kubuza uKhuselwa.
Lingatshona ilanga ndikuxelela, mandisuke ndishwankathele nje ngelithi, ndithanda umntu, ndiyawazi umphefumlo womntu awulindi xesha lithile xa uza kuphuma kweli gobhogobho lingumzimba . Ndizimisile ke nam xa ndingugqirhakazi ukuba  ndizinikezele emsebenzini wam phantse ngalo lonke ixesha lokudla kwam ubom, ndizame ukuhlangula umzimba womntu kwiintlungu zenyama. Kaloku izingqi zokufa ziintlungu.
Nambitha, ungakwazi wena ukwahlukana nokwenza imiliza, oonomarhambazana, amajikazi, iiwatsha, izikhaka nemibhaco?
Khuselwa, yonke into inexesha layo. Ndiza kwenza oko ndibambelele kwinkolo ethi: Isiqalo sobulumko kukoyika uThixo.
Emva kwaloo ncokwana ikuyola abafundi bohlukene, umfundi ngamnye kwaba babini wonda ngegumbi lakhe lokufundela.
-2- Alitshoni Lingenandaba

UmXhosa 
 owathi alitshoni lingenandaba wayethetha inyaniso engemngxengwa. Ngeeholide zikaDisemba kunyaka ophelileyo uKhuselwa ebesekhayeni lakhe ngokwesiko lomntwana wesikolo kakade. Ngenxa yeenkumbulo anazo ngabazali bakhe, akakhange ahlale thuba lide eMngqesha ophezulu. Ukhawulezile ukusinga eHewu ukuya kubona abazali bakhe kwindawo yempangelo. Iziyunguma neziyolo ziyathungelana eHewu. IHewu sele yaphantsa yalikhaya kuDumile nangani esempangelweni nje. Kuyazalwa ngabazalayo, bayangcwaba abangcwabayo, kuyendiselwana, kuyoluswa, kuyimigidi, iintonjane, ngamadlaka neenkomo zamazila. Abanye abantu bonwabile eHewu, noko abanye besezintlungwini nje.
Le yiholide engasayi kuze ilibaleke kwiingqondo zomzi wasemaMpondweni kwaHombile, ngokukodwa kuDumile noKhuselwa intombi yakhe. Yiholide esisingqala nesiqalekiso kubomi babo. Kungenxa yalo mrhululu ungaphele ndawo weziyolo neziyunguma zaseHewu, ekwathi ngazo uDumile waqalwa sisifo sentliziyo. Oku kungumvuka wokuthi umkaHombile, unina kaKhuselwa uNomkikise, agcagce nelikraca-kraca ikrwala lasemaNuneni. Kuthe kanti kuhleliwe nje, aba babini omnye ngumnyikilelwa, omnye ngumnyikileli. Uthe akuphuma uhili ezingcongolweni, abanyikilelani aba bagcagca. Kuvakele amahum-hum okuba begcagca nje umnyikileli sel ento. Abazange baziwe ukuba baye kutshona mlambo mni na. Umnyikilelwa waba ngachazwa entombini, suka waba mfiliba. Yaye ingamazi, oko kubangwa kukuba yona ingemhlali apho eHewu.
Isihomo, isithozela, isidima, nokwaziwa aziwa ngako lo makhwekhwetha wegqwetha uDumile, savuthuluka okwamagqabi emthini ebusika, wafana nqwa nethanga elifelwe ngumlibo. Uvalo lwalungongoza imini nobusuku okwegutsi ityibilik emgaqweni. Xa kumpondo zankomo ubebiwa bubuthongo, luqale ke novalo ukuthi gogololo. Ukuphuma kwelanga xa abantu abaninzi beqala ukubona imini entsha, yena ube eyiqalekisa intsasa. Ngokuya iqina
imini, umvandedwa ubumkrekretha. Intlungu awazibona sele ekuyo kwakungekho bani angamphokozela. Ngorhatya lwemivundla bezivela iinkwenkwezi zorhatya, uCelizapholo nezinye iinkwenkwezi zibe ngathi ziyayibona intlungu yakhe. Wavakala umfo wasemzini encwina enjalo yintlungu, eziyaleza kuNdinguye-kaMenzi ngamazwi acatshulwe kwiNcwadi eNgcwele athi:

Izulu libalisa uzuko lukaThixo,
Saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini impompozela imini intetho,
Ubusuku buxelela ubusuku ukwazi.
Akukho ntetho, akukho mazwi,
Apho singavakaliyo isandi sawo.
Intambo yawo yokulinganisa,
Iphume yaya ehlabathini lonke,
Kwaba seziphelweni zelimiweyo ukukhuluma
kwawo.

Wayewuphetha lo mthandazo umfo kaHombile ngaphandle ko Amen, lusangongoza ngathi luza kuphuma ngomlomo uvalo. UDumile waye ethotyiwe sisenzo esothusayo somkakhe. UDumile, uNomkikise noKhuselwa babasezi-ndabeni, baziindaba nabo kumajelo eendaba. Wawuba ngavula eli jelo losasazo, basezindabeni. Kwakumana ukuhlokoma iCiskei Radio, iTranskei Radio nejelwana iXhosa Radio limana ukuvakala nezo ndaba zalo zibungxengwarha. Ukumka kwelanga ngaloo mini, oomabona-kude bazichazile ezi ndaba bezivanga ngemifanekiso yabo kuthethwa ngabo. Owona mfanekiso ube manyumnyezi noya kuhlala uhleli ezingqondweni zababukeli, ngumfanekiso oboniswe ngumabona-kude wegqwetha uDumile Hombile evathe izivatho zomthetho mhla ngothweso-zidanga kwiyunivesithi yaseFort Hare. Uthe usajongiwe lo mfanekiso wasithela ngephanyazo. Kuvele umfanekiso kaNomkikise, unina kaKhuselwa evathiswa isivatho esimngqinayo ukuba ungumama womthandazo wangoLwesine, simngqina simcacisa kananjalo ukuba ungumama webhatyi. Kuthe besadlwengulwe ingqondo yileyo, suka bakrexeziswa iintliziyo ngumfanekiso wekrwala elikraca-kraca lasemaNuneni uMhontswana. Ubuso bakhe babuzele izinxenxe. Intloko yakhe yayizele iinduma, ziphothene zicacile, kungasacaci kakuhle ukuba sisiphi na isixhobo okanye isikhali esasisetyenziswa ukumzoba Yayicacile yona eyokuba umzobi owayemzoba wayenexesha elaneleyo, kunjalo nje wayonwabile. Kukrexeze ingqondo nentliziyo, kuthelela amehlo ngeenyembezi sakuboniswa uKhuselwa, intombi kaMnumzana noNkosikazi Hombile, isezinyembezini. Ithe yakuvela ebusweni bukamabona-kude, yabufihla obayo ubuso kubo.
Ngeli xesha kufundwa iindaba, uKhuselwa noyise sele bewolene belilelana. Mbone uyise ehleli kwisitulo esibusofarha, esingethe intombi yakhe, iinyembezi zigilana ukuqengqeleka ezidleleni ezibutumata zikaKhuselwa. Kwiindawo ngeendawo abantu bazibona, baziva ezi ndaba zibe krakra nakumninizo. Amagqwetha awayefunda noDumile eYunivesithi akrakrelwa nawo lolu daba. Abantu awayesebenza phakathi kwabo zazingamahlwili iintliziyo zabo zezi ndaba. Wonke ubani ezi ndaba wazamkela ngomothuko nangeentliziyo ezophayo, ngaphandle koVuyisa Mgxali, umtshutshisi kwiNkundla yakwaZwelitsha owaye echulumancile ngale nyewe. Yinkoliso yabantu eyayifunda naye eYunivesithi eyamthumela imiyalezo yokumthuthuzela ngeengcingo uDumile, yimbi imtsalela iimfono-mfono, eminye imiyalezo ize ngamacwecwe. Phakathi kwaloo ntaphane yemiyalezo yovelwano nentuthuzelo, kwakukho eyayivela nakwiNgqonyela yeYunivesithi yaseKapa. Mandibalule umyalezo owawuvela kwiTshansela yeYunivesithi yaseTranskei owawuzotywe amagama athi: Isithuko asibeki siphako.
Ngengomso, aba babini, uKhuselwa noyise, baye kubonana nogqirha.
Besiya kwagqirha nje, amaphepha-ndaba emizi ngemizi azehlela ezenyukela kubo ngalo mbandela. Besihla benyuka nje bona ngendlela eya kugqirha edolophini eVetlisi, noolindixesha benyanga bathelele bexelisa amawa emva kwengxolo kwangalo mbandela wakwaHombile.
Mandithi umothuko owazuzwa nguDumile kuDisemba womnyaka ophelileyo yaba yinqwelo egoqozayo ukuza kumphuthuma emhlabeni. OoNyawuza, ooThahla, ooNdayeni bamphuthuma unyana wabo uDumile emva kweenyanga ezintandathu kwenzeke eso sihelegu. Wangcwatywa ngenkonzo ephezulu kunene, nezukileyo, wabekwa kumadlaka ooyise, phantsi kozikhangelene. Abantu awayesebenza phakathi kwabo eHewu baxel iinyosi
zifuduka.ukuza kungcwaba igqwetha labo. Abahlobo, izalamane, kwathontelwana kuphunywa kwiziphaluka ngeziphaluka. Kwakunyakazela zizifundiswa okweembovane ehlotyeni. Zazigaxele izivatho zazo ezahlukeneyo ngokwezidanga zazo ngokweeYunivesithi ezazifunda kuzo. Umfundisi kaDumile wathetha ngaye nomsebenzi wakhe wophela.
Amazwi ezithethi eziliqela abalule ukuqaqamba kwesimilo sakhe. Umtshutshisi omkhulu kwiNkundla yaseBhayi owayefunda noDumile eYunivesithi eFort Hare wathetha ambalwa ngobomi bakhe beYunivesithi, echaza isimilo sakhe ngamazwi akhethiweyo wenjenje: Ubesisinxosha-nxosha sesinqini-nqini ezifundweni zakhe njengoko ebenjalo emsebenzini wakhe. Wayezinikela kwiincwadi zakhe umhla nezolo. Ubesisitshamlilo ekusombululeni iingxaki zethu ezifundweni, unkanishe akungawuqondi umcimbi apho uya ngakhona, isilumko esegqithwa nguAdam kuphela (yena mntu kuthiwa wathiya yonke into esisilo nesisilwanyana emhlabeni uphela). Ubengumcekisi welizwi lomxukuxela, umvukeli nomcekisi ochasene nokwenziwa kwamasiko nezithethe zabantu basemzini ngabantu abangamaXhosa, umlweli wabantu abacinezelwe yidyokhwe yobukhoboka ngokwasengqondweni nasenyameni, umsombululi wamaqhina nomcombululi weentsonkotha kule mizana. Waye engumphixanisi weengxabano nomchitha-chithi wochuku esesesikolweni. Engekaziphumeleli iimviwo zakhe zobugqwetha, wayesele eligqwetha elicacisa inyaniso, linukuneza ubuxoki, liphakamisa uYesu Krestu unyana kaNdikhoyo-kaMenzi.
Amathambo akhe abekwa apho ecaleni kooyise nooyisemkhulu, aselelwa. Amahlazo angumvuka wenyala lokugcagca kukaNomkikise umfazi kamfi uDumile, ayeza kushiyeka nentombi yabo ekukuphela kwayo uKhuselwa. Wayemana ukuphupha amaphupha awoyikekayo esikolweni. Maxa wambi wayembona unina emaphupheni ekhwele imfene eyibambe ngomsila ngathi ubambe umkhala. Lamhlasimlisa lona iphupha lokubona unina etyiwa zizinja zomzi wakhe. Zamqwenga kungekho bani unqandayo, bonk abantu bebukele, phofu kungekho ulilayo, kungekho uhlekayo. Uvuke ngenye imini ekhala, iinyembezi zibonakala. Uphupha laa mfo wayegcagce nonina engamazi nakakuhle esithi: Wamanga uyihlo esaphila, nam ndange ude undiwole. Kutsho intshovu-ntshovu ebilileyo emaphupheni isiza kuye. Akuzange kumncede nganto ukothuka ebuthongweni elila, kuba wayehlala yedwa kwigumbi lakhe lokulala. Wasuka woyika ngokoyika okukhulu. Waqalisa ukuzibala ngolu hlobo izinto ezimehleleyo:

NgoDisemba womnyaka ophelileyo, kugcagce umama nomfo ekuthiwa nguMhontswana
wasemaNuneni. Kwiinyanga ezintandathu emva koko ndiseholideyini, ndangcwaba ubawo. Ngoku
kwinyanga yesithandathu ndibhala iimviwo zam
zokugqibela. Liyinene elithi: Alitshoni lingenandaba.

-3-
Ndoze Ndiziphindezele

Kungenyanga
 zingaphi abafundi bezigqibile izibiliboco nezimundela zemigcobo yokuvuyela ukuthweswa kwabo izidanga, bewongwa yiYunivesithi ebebefunda kuyo, uKhuselwa uzuza umsebenzi. Uzuza udaba ngephepha-ndaba leendaba zakusasa lesiNgesi, libhengeza lingafihlisi ngesithuba sempangelo sobugqwetha esikwiNkundla yakwaMantyi kwaZwelitsha. Kwa-oko akuzibhaqa ezo ndaba uwe emnxebeni. Andibi na kaloku nexesha lalimvumela? Osemagunyeni uphendule ngengaqu engathandabuzi emxelela ukuba makafike ngokukhawuleza uwufumene umsebenzi.
Ezi ndaba zamkelwa ngovuyo olukhulu nguKhuselwa. Kwakukhe kwathi merhe uvalo akucinga ngoZwelitsha nangendawo yokuhlala. Waye engenakho ukuvuka kusasa yonke imihla esuka kwifama kayise ephantsi koZikhangelene asinge kwaZwelitsha. Ndifuna ukuthi wayeqinisekile ngoZwelitsha ukuba udlokova okomqalwa wenkab ehashe, adlwayize okwamaza olwandle. Abantu abasebenza apho bonke baxakekile, baziingqondi neziyatha, zizivukela-mbuso nezithanda-mbuso, ndibala ntoni na, amakholwa, abezopolitiko noofunzeweni bakwalapha. Kukho neqela lemibutho eyavalwa umlomo. UZwelitsha uzele abancomi, abagxeki, amahlwempu, izityebi, uyaphuphuma nazizitya-mali.
Abantu abasebenza ngomthetho bona bathe qwa. Bazi kakuhle ukuba ubomi babo busesichengeni umhla nezolo. Bayabanceda abantu xa besengxakini, kodwa abantu bakuphuma engxakini bayabahlambela abantu bomthetho. Uthi umntu isizekabani soku ikwangabo. Kaloku abantu abasebenza emthethweni banempazamo yokuba bawulawule umthetho. Batyholeka kakhulu ke ngoko, ngokuwuthabathela ezandleni zabo umthetho. Kulo Zwelitshandini kukho amahum-hum eqela lombutho othile ongaziwa kakuhle apha ekuhlaleni, okhe ugaleleke ezinzulwini zobusuku abantu bekobentlombe ubuthongo. Oorheme abo bankqonkqoza emnyango nasezifestileni kakubi. Umntu ongaphakathi ukuba ukhetha ukunyamezela makazi mhlophe ukuba ukhetha ukushiyeka kungekho cango kuloo ndlu yakhe. Andibi na kaloku luyakhatywa lwaphulwe bangene ngebhova benze unothanda? Kungena oosifung uma, izibhovu-bhovu zamadoda, oophuma-silwe bokwenene. Ziinto ezithi hlasi lowo zimfunayo nokuba yindoda nokuba yinkwenkwe, nokuba yintombi, nokuba ngumfazi. Loo mntu ufikelwe lelo thamsanqa lambethe ilishwa akaphindi abonwe esadla amazimba.
Iintetho zamana ukuwa ngokuwa ngokuphathelele kule nyewe. Abanye abantu babesithi lirhamncwa lasentsomini, nangani nje izenzo zona zazingebuntsomirha. Eyokuthuthwa kwabantu ngobusuku yayingamasikizi. Abanye babesithi ngulaa Gilikanqo awakhe wathetha ngaye ubawo uS.E.K. Mqhayi, esithi: Sisilo esingaziwa mngxuma.
Abantu nokuba babesithini na ngale dlabantu, into eyayicacile yayinye ngoku, idlabantu idlabantu, kunjalo nje iyabagqiba. Njengokuba bona belibele kukuyiteketisa nje yona idlemntwini. Ubuciko bokuncokolisa ingozi kwakufuneka buphelile kwenziwe ngezigalo.
Kwakucace kamhlophe ukuba nokuba yintoni na le iphuma mlambo mni na, iyathutha, inqunqela egoqweni qha. Abantu mabayeke ukucikoza ngemilomo baxele ingcungcu. kuba kwakungasekho nto intle. Ukuba wayekhona othi kuhle, inokuba wayeyibona endlwini yakhe into entle. Kwakusithi ukuba ufikile uDlabantu ezinzulwini zobusuku, uve ngowelewele nezikhalo zoluntu. Izinja zazikhwina, zimbi zikhulunga zikhwenyele nemisila, kuthi kusithi qheke ukusa kube kuthe cwaka. Abantu babemana ukuthuthwa ezindlwini zabo ngobusuku kanti baya kubulawa. Isizathu soko inene sasimthuzuba.
UKhuselwa wayezivile ezi zinto nakwiimbali zobuntwana. Namhlanje kuthi merhe uvalo akuzicinga, ngokukodwa eza kusebenza apho ngomthetho ngokusemthethweni. Wacinga, wacinga, de wafikelela kumazwi awathethwa ngumfo kaMangcu athi; IBisho likhaya lam. Wayeqinisekile ngala mazwi ukuba athethwa ngumfo kaMangcu kweli Qonce, ngexesha awayephatheke kakubi emsebenzini wakhe kwakweli Bisho. Masibulele umqambi wodumo wasema-Ngwevini ubawo uB.J.P. Tyamzashe, ngokuthi la mazwi kaMangcu awafakele ii-notes (ngemvume kaMangcu, phofu) ukuze nje loo mazwi abe asadla ubomi nanamhla oku. Namhlanje kutsho intombi engumafungwashe neliphelo
likaDumile, uKhuselwa; UZwelitsha likhaya lam, andisokuze ndiye ndawo.
Uqukezile ekhawulezisa ukuzilungiselela eshiya iHewu nezinto zalo, esiya kowabo phantsi kozikhangelene. Nalapho akaphozisanga maseko, waya kuzifunela indawo yokuhlala kwaZwelitsha. Wabhuqa wancama kuba kwakungekho negumbi eli lembala ngaphandle kwemikhukhu, iipozi, amatyotyombe namacangci. Usinge eBisho apho afike amaxabiso engalungiselelwanga umntwana ophuma esikolweni, exhonyiwe de afanela iingcungcu ezimilomo mide.
Lithe lakuthambeka ilanga ngaloo mini, negqwetha lathambeka ukusinga ePhakamisa kuloNambitha, intwanazana awayefunda nayo kwaNokholeji. Ufike apho ngorhatya lwemivundla. UGxarha, uyise kaNambitha wamxelela ukuba uNambitha waphuma eFort Hare waya kwesinye isikolo esiya kugqibezela ubugqirha bakhe, ngoku useMthatha ngempangelo. Ubolekwe igumbi ePhakamisa kwa-No.l, kuloNambitha, ngeerandi ezilishumi ngeveki. Wakuthakazelela oku uKhuselwa, wakwamkela ngomdla kananjalo. Wazilungiselela, walala emva kweendaba zikamabona-kude zentsimbi yethoba. Ngosuku olwalu-ntanywe ngabasemagunyeni emnxebeni, wavuka uKhuselwa, ixesha seliphangwe yinja. Ulele ukudinwa. Kaloku ngezolo uhle esenyuka efuna indawo yokulala, ngoku uyaselwa. iwotshi awayeyilungisile ukuze intame umsobomvu yatshijila yathi; uNotshe.
Xa ephuma endlwini eleqa ibhasi, sele ekufutshane kuyo, waphukelwa sisithende sesihlangu sakhe. Loo nto yamenza ukuba makaye kuqala ekuqaleni ukunxiba. Ekubuyeni kwakhe, ufike estophini sebhasi sele ziphelile iibhasi. Ulinde apho labetha lona icala lentsimbi yesibhozo. Waqala ukungazinzi ngomphefumlo, intliziyo ayabinakho ukuzola, abavuma ukulala uboya bakhe. Ngelingeni kuvele ivukuvuku lenqwelo-mafutha engenaphahla izele bubugoxo, indlandla-theka, namanani ayo eyixela ukuba yeyaseMdantsane. Wathwalwa yiloo nqwelo-mafutha yaya kumbeka kwaMantyi kwaZwelitsha. Ufike sele ingamashumi amathathu anesihlanu emizuzu umtshutshisi eqhuba, eyala, ebonisa amagqwetha amatsha ngomsebenzi. UVuyisa Mgxali wayesele eyikrobele into yokuba uKhuselwa Hombile akakafiki.
Kwathi gubhu-gubhu, see nyaka isisu sakhe akucinga ngoyise uDumile Hombile. UDumile waya kulala kobandayo







engazange abe nathuba lampindezelo uMgxali. Isigxala esasigxungula intliziyo kaVuyisa Mgxali namhlanje sasifumene umphululi uKhuselwa. Wacinga uMgxali waqonda ukuba lifikile ixesha lesifungo sakhe. Ndoze ndiziphindezele. Lawo yayingamazwi aphuma kumlomo kaVuyisa Mgxali ewabhekisa kuDumile Hombile esadla amazimba. Ngoku lalifikile elo xesha lempindezelo, eza kuziphindezela kwisidalwa esingento, isidalwa esingaziyo ukuba kulele ingqumbo yempindezelo endleleni yaso.
Kukhale Utswi-tswi emnyango eluvula kancinane uKhuselwa ucango. Sivakele isithende sesihlangu kucacile phofu ukuba umniniso uyachwechwa kumgangatho weplanga. Waye echophisile, suka isithende sesihlangu sanga siqhayisela abasendlwini. Eyakhe injongo yayikukuba angabaphazamisi abantu abasendlwini ngengxolo. Uvakele evungama umtshutshisi: Wenzani kanye-kanye? Ucinga ukuba kuphi apha? Ucinga ukuba yikona kaSathana le? Okanye ucinga ukuba kusetimitini apha? Ungxolela oobani? Ngelizwi elithambileyo lokuzithoba uKhuselwa ucele uxolo ecacisa ukuba uselwe.
Andikukhathalelanga nokuba usele nokuba uselwe, inkundla asindawo yamavila namanxila. Abantu abanjalo bayavalelwa apha. Xa bendinguwe mna ngendiqalisa kwangoku ukufuna umsebenzi kwenye indawo. Hlala phantsi, kutsho uMgxali esafuthekile ngumsindo.
Indlu yayinamagqwetha akwisithuba samashumi amabini, amanye ephuma kwisikolo somthetho, ematsha kraca. Ngenkangeleko yaba ngathi akamsizeli uKhuselwa, nangani iintliziyo zawo zazingamahlwili yindlela ahlaselwe ngayo. Akuba ehleli phantsi uKhuselwa, ukrwaqule edongeni. Apho ubone imifanekiso yabatshutshisi ababekhe baba ngabatshutshisi eNkundleni yakwaZwelitsha ngaphambili. Uwubonile umfanekiso obhalwe X. Damane BA LLB (Witwatersrand), L. Xulubana BA B Juris (SA) no T. Soqela MA Badmin (Hons) (Pretoria) LLM (SA). Le ofisi yayicocekile isithi, ndijonge.
Kwakukho izitulo ezibini ezide, nezibini ezifutshane. UMgxali uthe akugqiba ukusarha uKhuselwa, waqhuba ngentetho yakhe: Andithandabuzi, ndiyanazi nilapha nje nifuna ulwazi lomthetho, nibone nokuqhutywa kwamatyala, nizibonakalise nani uncedo eningathi niluvelise ukunceda uluntu ngokubanzi. Le ndlela ingumnqantsa. Ngumnqweno
wam ukuba ndakubhubha okanye ndakutshintshwa kuchongwe kwalapha kule nkundla umtshutshisi omkhulu. Andingethandi ukuba kuyiwe ngaphandle nikhona nina. Kodwa ke abafikelela encotsheni ngabaqale bazame bazingise rhoqo. Emva koko uVuyisa Mgxali unqwale ngentloko enikezela kumncedisi wakhe ukuba awafungise loo magqwetha matsha. Naye akaphozisanga maseko, bakuba begqibile ukumisa izibhozo zabo bacela ukuba uNdinguye-ka-Menzi abancede. UMgxali uphakamile ecacisa ukuba ngoku bangamagqwetha, zonke ezaa zinto babezifunda kwisikolo somthetho, kufuneka ngoku bengazifundanga, koko bezenzile.
Ndinomnqweno wokufumana amagqwetha amathathu kuni. Ndifuna ukudlana iindlebe nawo ngeli tyala lingomso. Kwangoko uKhuselwa umi ngeenyawo walandelwa ngamadodana amabini. Bangene kwigunjana elingasekhohlo kwelo bebekulo behamba noMgxali. UKhuselwa yena akazange ayithabathele ngqalelo eyokungxoliswa kwakhe nguMgxali, ecinga kambe ukuba wenza umsebenzi womthetho oqatha, ke ngoko ufanele ukuba abe qatha naye. Bathe bakuba bengene bonke kwelo gunjana, uMgxali wathi kubo: Bahlekazi, kubi, kuza kufuneka sizimisele. Kukho ityala lentloko ye-UDF endicinga ukuba sele nilivile ngamaphepha-ndaba nakoonomathotholo. Lityala lomvukeli-mbuso oyintloko yeUDF njengoko sele nditshilo. Lo mfo unamatyala mathathu, lelokuvukela umbuso, lelokuzithathela isondo ngolunya kwintwanazana enguVathiswa Tiso eminyaka ilishumi, lelokubulala usomashishini wase-Mphekweni eNgqushwa ngenjongo yokuzuza imali. Ummangalelwa 1o ke niyamazi nguAndile Gqogqa. Yabonani ke, ndinqwenela intsebenziswano yenu. Imiyalelo kwelinje lona ityala kufuneka yamkelwe ngokukhawuleza, yenziwe ngoko nangoko. Ndifuna nicacelwe, sisingcoli esiya, yaye siqhelile ukuxoxa ezinkundleni. Ndigqibile bethu yaye ningakhululeka. Nincede kodwa kusasa ngentsimbi yesibhozo nibe nilapha. Uncede nkosazana ngomso ungandiphoxi. La mazwi ayebhekiswa kuKhuselwa. Ngoncumo noKhuselwa waphendula ethembisa. Kwaphunywa kwagodukwa.







-4-
Ungumsont onyikinyiki

N
gosuku lwetyala yaba luvuyo nentsikelelo kwabo babesaphilile. Babonwabile kuba babesindile kwisitshingitshane esasiphuma kulwandle lwakwaGompo ngobusuku, saphantsa sayitshabalalisa idolophana yakwaZwelitsha. Kwaba lithamsanqa ukuba size ngesebe. Imizila yomonakalo yayingenganganto kwiifama ezikummandla weBerlin kuba kwakutshabalele efuyiweyo nelinyiweyo. Sasigqugqisile koomaTsholomnqa nakooma Nxarhuni, kucacile ukuba into esisivuno mayincanywe yona Edolophini eMonti kwakububutyobo.
Abantu abaninzi kuthe kusithi qheke ukusa, babe bengasenamakhaya, izindlu zingenamaphahla, izithuthi zibubutyobo. Xa kumpondo zankomo zivakele ngoonomathotholo iindaba zokuba eso sitshingitshane singene saphelela kulwandlekazi lwaseBhayi. Ngokutsho kwabazi bezitshingitshane uLucia waye esuka kulwandle lwelndiya ngaselndiya kanye, yaye bathi ugqithe ngamendu aphantsi kakhulu xa ebehamba ngesantya samakhulu amane ngeyure enye.
Namhlanje bonke abameli bamaziko eendaba babesele bethontelene kwaMantyi kwaZwelitsha. UKhuselwa ngale mini wavuka kusasa wazilungiselela, wahamba waya kufika ngexesha kwaZwelitsha. Umlawuli wetyala lika-Andile Gqogqa umtshutshisi omkhulu kwaZwelitsha waye ekho, no-Andile. Mbone u-Andile ehleli ezolile kwindawo yabamangalelwa, inzwana yomfo ngenkangeleko. Wakumthi tshawu ngamehlo, bekubonakala ngathi uphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesihlanu. Unkabi unomkhitha, akasosinyhada-velana, engasuke kuyaphi egadeni, noko anomzimba oceke-cekana nje. Iinwele zakhe zazibonakala ukuba zaziphenywa zimomoze phambi kokuba umninizo abe seluvalelweni.
UVuyisa Mgxali eyona ngonyama yayifuna ukuliqwenga liphele igama lika-Andile Gqogqa emhlabeni, uvele namhlanje ekhangeleka njengommeli wabantu bakwaZwelitsha. Indoda le sisigqigqana esineziquluba, eqala ukungena ebudodeni.
Umfo wondlekile, umzimba ungwanzilili. Njengokuba waye ezolile u-Andile, kwelakhe icala uVuyisa yena waye ebonakala ukuba uvath inja, ubuso bakhe busangene. Ngemihla yangaphambili eselula oko uVuyisa waye eyimbethi-manqindi yodidi oluphezulu. Le nyaniso yayintanywa bubuso bakhe obabunemikrwelo eyayicacile phezu kwamehlo anamashiya aqhamileyo. Kumacalana omabini empumlo kwakukho imitshithi yamanqindi. Minazana ithile kumlo wamanqindi eShow Grounds kwaKomani, uVuyisa Mgxali lo wabetha enye imbethi-manqindi lwahlanza uselwa, yangcwatywa. Umfo kaMgxali wayeziva esegazini ngaloo mihla emabhongo, ezikhola nokuzikhola. Waziphandela ngokwakhe nakweso sikhundla wayehleli kuso.
Zaziliqela izihlobo zika-Andile Gqogqa, zize kuzivela ngezazo iindlebe ukuthethwa kwetyala. Abaxhasi nabachasi be-UDF babekho. Lavandlakanywa ityala, zabekwa nezizathu zezityholo atyholwa ngazo umtyholwa. Akukhange kubekho zintsha, ibe zezo zidla ngokuvela kumaphepha-ndaba. Amagqwetha awuxoxe ngobuciko lo mbandela. Ityala lokuvukela umbuso, igqwetha lika-Andile, uPhumelele Ndodana, alizange lilazi. La mabini, elokuzithathela isondo, nelokubulala, avunywa. Emva kweqela lemibuzo inkundla isuke yee khwasu yaphuma ngokwenkqubo nomthetho wenkundla. UKhuselwa noogxa bakhe balandela baphuma.
Babeqala ukuya kwinkundla yamatyala. Bathe xa besohlukana phambi kwenkundla yamatyala, uKhuselwa wabona igatyana lomfana lithetha nomtshutshisi uVuyisa Mgxali. Eli gatyana lithabathe imvulophu evaliweyo kuVuyisa Mgxali leza nayo kuKhuselwa. Isivatho salo mfo yayisesegosa elisebenza emthethweni. Ulibonile nalo lisiza kwicala asinga ngakulo yena Khuselwa. Ngethamsanqa abahlobo bakaKhuselwa babesele bohlukene naye. Eli Gosa londe ngoKhuselwa:

GOSA :	Nkosazana Hombile, uxolo, uthi uMhlekazi nceda thabatha le mvulophu uyinike u-Andile Gqogqa ngoku. Khawuleza, ityala malithi liphinda ukudibana emva kwemini abe yena sele eyifumene.
KHUSELWA :	Ndiyinike u-Andile Gqogqa, ungubani wena? Suke yasimbela isinqe yona le tyuka. Wothuka







	 uKhuselwa yile nto, kodwa ezingqondweni
	 zakhe kwankenteza amazwi ezolo omtshutshisi
	 athi. Imiyalelo yamkelwe ngokukhawuleza,
	 yenziwe ngoko nangoko. Akuwacinga la mazwi
	 uKhuselwa walanda emkhondweni awaye
	 ewalathiswe ligosa. Ugqobhoze kwiqela
	 leminyangwana, yimbi ingavuleki, ayiphawule
	 sele kumva ukuba itshixiwe. Ebethi akufika
	 kuvuliwe kwelinye icala anyathelele phezulu
	 ukugqithela kolunye ucango. Esahamba
	 ngesantya njalo, nanko engena kwigunjana
	 elimxinwa. Udibene apho nabalindi bamabanjwa
	 ababini betyethe iintonga ezinkone. Ngokunga-
	 thandabuzekiyo, aba balindi babelinde ama-
	 banjwa aza kuxoxa amatyala.
UMLINDI	: Ufuna ntoni nkosazana kulo mmandla?
KHUSELWA	: Ndigunyaziswe ngumtshutshisi ukuba mandi-
	 nike u-Andile Gqogqa le mvulophu.
UMLINDI	: Awazi yhini na ukuba akufuneki kubekho mntu
	 unyathela kulo mmandla lo gama amatyala
	 engekagwetywa? Ingubani phofu lo yena
	 ukuthumileyo?
KHUSELWA	: (Esothuka) Ngumtshutshisi omkhulu uVuyisa
	 Mgxali.
UMLINDI	: Ndinalo ilungelo lokuyivula ndiyibone into
	 esingethwe yimvulophu leyo. Ndiboleke ke
	 nkosazana ukuba awukhathazeki.
KHUSELWA	: (Eyinikezela) Hayi, andikhathazeki, ungayivula
	 uve okuphakathi. Lo gama kwenzeka yonke le
	 nto, iintatheli zamaphepha-ndaba zixakekile,
	 ziyaduntsuza, abakwamabona-kude bayafota.
	 Kudala kambe beququzela kwasekuphumeni
	 kwenkundla inqumama. Babe ngazama ukubuza
	 imibuzo kuKhuselwa olibanjwa ngoku, umlindi
	 wabalela ngelithi: Akukho banjwa lakhe
	 lavunyelwa ukuba liphendule imibuzo yama-
	 phepha-ndaba. Nombanjwa onguKhuselwa
	 waye engenamdla wakuphendulana neentatheli.
	 Kwimvulophu eyayiphethwe nguKhuselwa
	 kwakudweliswe imibuzo neempendulo
	 ekulindeleke ukuba inkundla xa idibene
	 ibhekiswe kumbanjwa ongu-Andile Gqogqa.
Kwimizuzu embalwa kuphinde kwathi wayi-wayi, yaqulungana, yahlangana inkundla. Liphinde lachotshelwa ityala lika-Andile Gqogqa. Livandlakanyiwe zisiwa ngokuwa iintetho. UMantyi uMhlekazi uJikizandu walithumela kwinkundla engentla eyayiza kuchophela amatyala afana neli lika-Andile Gqogqa kuJuni wonyaka lowo, echaza kananjalo ukuba ityala elinokuzithathela isondo novukelo-mbuso ulithumela eJajini yena. Zivakele, zayityhutyha-tyhutyha inkundla yakwaZwelitsha iindaba zokubanjwa kukaKhuselwa Hombile. Ziye kufikelela kuMantyi ezi ndaba, waza yena wagunyazisa ukuba makangavalelwa uKhuselwa, wakhutshwa kwangaloo mini. Ngorhatya lwemivundla lo mkraca-kraca wegqwetha unguKhuselwa waba sezindabeni, waziindaba naye. Ibonisiwe yacaca kunjalo nje imifanekiso yakhe nomlindi-mabanjwa. Ngesi siganeko ziwe ngokuwa iintetho, zimbi zisithi uthengiwe, ezinye zazisithi nguye ummeli ka-Andile Gqogqa, ngoku uzama ukumbonisa nokuzama ukumkhulula etyaleni. Babembalwa kakhulu abathi kukungazi.
Eyona nto yayicacile ngoku kukuba uKhuselwa untyumpa-ntyumpeka enyuleni, nokuba loo nyula wayentyumpa-ntyumpeka kuyo yayibhadliswe ngubani na. Yile nto kwakulula nje ukuba angaphelelwa nangumsebenzi. Uthe ehleli egumbini lakhe ePakamisa kwaNo.1, wanombono wesi siganeko siqala kancinane njengokuqhwithwa komcinga wematshisi, ngoku unwenwa oku komlilo otshis idobo. Ezingqondweni zakhe wawucacile umbono wasemini. Nalo igosa lisuka kumtshutshisi liphethe imvulophu.
Abantu bambona okwesibini uKhuselwa kumabona-kude. Babembonile mhla kwagcagca unina nekrwala elikraca-kraca lasemaNuneni. Ngoku sele bembona efuna ukukhulula ibanjwa lezobupolitika ngobuqhophololo bokufuna ukuzuza imali. Waye ezele yimivuyo uVuyisa Mgxali, esazi kanjalo ukuba uKhuselwa lo wenze eli sikizi, uphantsi kwakhe emsebenzini. Lalifikile ixesha lokunga angaziphindezela kuDumile Hombile, nangani nje ngoku wayeziphindezela kuKhuselwa, uyise kaKhuselwa sele elele kobandayo.
Obona butshaba phakathi kukaVuyisa Mgxali noDumile Hombile yintoni? Ngumsebenzi omhle nongenakhwiniba kaDumile Hombile. Loo ngqumbo yempindezelo nezisongelo zokuziphindezela kuDumile ngoku ziwa phezu kwentloko kaKhuselwa ongazi nto yena. Ukuhamba kwetyala akuzange









kube njengokuthanda kukaVuyisa kuba lahamba ngokusemthethweni, lichotshelwe nguMantyi weNkundla yakwaZwelitsha uMhlekazi Jikizandu. Ngemini eyayityu-njelwe ityala kwaqhutywa ngolu hlobo:

VUYISA : Nkosazana Hombile, ingaba unalo na
	 igqwetha?
KHUSELWA	: Mhlekazi, akukho mfuneko yagqwetha,
	 okwakuqhubeka ngalaa mini ndiyakwazi.
VUYISA	: Nkosazana, ngubani owakuthengayo ukuze nje
	 wena uvume ukuhambisa imvulophu enemibuzo
	 neempendulo?
KHUSELWA	: Andizange ndithengwe.
VUYISA	: Nkosazana, akusancedi nto ukukhanyela. Lonke
	 eli nale nkundla iyayazi loo nto. Wena
	 wawuthengwe ngamalini, uthengwa ngubani?
KHUSELWA	: Andiyazi le nto yaziwa yile nkundla ngam. Mna
	 andizange ndithengwe ngamali.
VUYISA	: Wayithi rhuthu lo mfo le mvulophu, wayinika
	 wena?
KHUSELWA	: Kunjalo kanye, usuke nayo kuwe weza nayo
	 kum, esithi unikwe nguwe umyalelo wokuba
	 mna mandiyithabathe ndiyise ku-Andile
	 Gqogqa.
VUYISA	: O! Lo mfo ukunike le mvulophu usuka nayo
	 kum? Ngubani igama lakhe?
KHUSELWA	: Igama lakhe lona andilazi. Ndaye ndimbonile
	 ethetha nawe, waza wamnika imvulophu. Yena
	 usuke kuwe weza kum wandibiza ngegama,
	 wathi wena uthi kum. Ndizamile ukumbuza
	 igama lakhe, suka akandihoya?
VUYISA	: Akulazanga igama lakhe? Into ecacileyo
	 yeyokuba wena uyamazi lo mfo usuke kum?
	 Hayi, nkosazana sukundityhola.
KHUSELWA	: Andikutyholi, ligosa lasemthethweni eliya.
	 Oyena mntu undityholayo nguwe ngokuthi
	 ndithengiwe. Wena umazi ngaphezu kwam lo
	 mfo.
VUYISA	: Uloyiko lwam kukuba le mali uthengwe ngayo
	 uya kuyitya sele ugugile. Thetha inyaniso wena,
	 mhlawumbi uya kusinda. Uneenkani zikayihlo
	 uDumile wena.
(Ubhekise kuMantyi) Mhlekazi othembekileyo, ndinga ndingabhenela kuwe, andinawo amanye amazwi okuphendulana nomtshutshisi. Ndiyacela phambi kokuba inkundla yenze nantoni na ngesi sityholo, inga ingacacelwa ukuba andithengwanga, yaye ndimsulwa. Eyona nto ndinga ndingagwetyelwa yona bubuyatha bokungazi, nokuzama ukwenza ngokomyalelo kamtshutshisi umsebenzi wam. Sona isazela sakho wena mtshutshisi, ukuba le nkundla ingandivumela ndithi siyakugweba, ndingatsho. Ndibe ndiqhuba ngokomyalelo wakho.

Akugqiba ukuwathetha la mazwi uKhuselwa, uMantyi wakwaZwelitsha wathi: Ngenxa yokuba Khuselwa Hombile uligqwetha elifikayo kule nkonzo yobugqwetha enochuku ngeendlela ezihamba ngqo zobugqwetha, kucacile wenziwe kukungazi. Abathethi betyala abasithi bayavelana nawe. Umthetho wesiTaliyane esiseke umthetho weli lizwe phezu kwawo, wona awuvumelani nawe. AmaRoma kaloku athi:
Ignorantia juris neminem excusat. Ngenxa yalo mgca, le nkundla uxoxa kuyo ikufumanisa unetyala lokungazi. Isigwebo sakho esisuka kule nkundla siyavelana nawe. Sithi:
Ukususela ngalo mzuzu, akusayi kuvunyelwa ukuba usebenze njengegqwetha kwezi ndawo zilandelayo:
eMdantsane, eZwelitsha, eHewu, eNgqushwa naseBisho, isithuba esingangeminyaka emibini.
UKhuselwa wayesazi ngokwasemaNgesini ukuba intetho yesiLatini ethi - ignorantia juris neminem excusat ithetha ukuthi - ignorance ofthe law excuses no one.
Yayikwacacile kuye into yokuba oyena mntu unobutshaba nomtshonisayo ngumtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha uVuyisa Mgxali. UKhuselwa uhleli wawuthunga umlomo wakhe de yachithakala inkundla ngaloo mini. Uhleli ezicingela ngaphakathi kuye ukuba kanti kuhleliwe nje uVuyisa Mgxali unje ukuba ngumsont' onyikinyiki.

-5-
Usinde Cebetshu
K ubamangali umhla wetyala wacothoza okofudo. Ngumhla owawulindwe ngomdla kaloku 1o. Kumfo kaGqogqa lo mhla wawukhawuleze okombane. Wanqwenela ukuba ezo ntsuku zinga zingabuya umva. Akukho nto yayimtyhafisa ngathi kukutyholwa ngokuvukela umbuso. Le ncanda yayisazi kamhlophe ukuba ubomi bayo buphakathi kwenyama nozipho. Kaloku ityala eli lalisele limiselwe ijaji. KwiNkundla yamatyala eBisho yayingumMbo noMxesibe mhla ngemini yetyala. Kwiintsukwana ezingaphambili ihotele yegugu neqhayiya eBisho yaginya, yaginya de yabhukuxa. Emzuzwini isuke yatyekeza. Umtyekezo wayo ubonwe ungumrhululu usihla, usinga kwiihotele eziseQonce. Zithe nje ukuba ziwuve eziseQonce iihotele ukuba umthwalo unzima, azaphozisa maseko zazibika okwesikhukukazi sigqiba kubeka iqanda, nazo zicel izandla kuloo mnqongo wehotele ikwaZwelitsha. Yona ithe yakuphawula ukuba ilizwe lifile, yathi, Thina bakwaHotele sibanye, siyazalana kakade kakade, ke ngoko masithwalisane imithwalo yethu enzima ukuze kuzaliseke intetho yakwaNgqika ethi, isandla sihlamba esinye.
Kusasa ngemini yamatyala abantu yaba ngathi babizwe ngesigodlo, iindlela zivele macalana onke, zisinga kwiNkundla ePhakamileyo eBisho. AmaZizi kaNkos uNjokweni, A! Vusuhlanga! eMphekweni ayephume ngengxowa ukuza kuzivela ngeendlebe zawo ngetyala lokubulawa kukaSomashishini wawo uSopilisi Ngumbela. Amajingqi la kanye akuloNjalatya kaNkos uMaqoma, A! Zweliyazuza! onke ayephume kwimimandla yawo ukuza kuhlangula ngezawo iindlebe. Umntu ngamnye wayefuna kuthethwe ekho ngetyala lokudlwengulwa kwentwazana e t u m - t u m a n a u M a C e d u m e u Va th i s w a. I z i b o n d a, amaphakathi, iziphatha-lugaga zeenkosi, iinkosi ngokwazo zazikho zize kuzivela ngokwazo ngokuphathelele kuvukelo nonyolo-mbuso wazo. Abasebenzi nje basebuRhulumenteni babekho. Amagosa aphezulu nawona angcamla amacham achininika amafutha ebuRhulumenteni ayekho. Gxebe; asikuko nokuba oorheme babenomdla ekuxoxweni kwetyala, koko babesalusa izonka zabo zemihla ngemihla eMbusweni apho. Ewe, wonke ubani wawungamva esithi: Imbila yaswel umsila ngenxa yokuyalezela. Ukusuka kwiilali ezikufutshane abantu babeze bebetha ngezikaTshiwo. Nditsho abaphuma kwaTyutyu, eSikhobeni, eNcemerha, eZeleni, eKwalini, eNgxwalane, kwaNonkcampa, kwaRhayi nakwaBonke. Iintatheli zamaphepha-ndaba zazitsheleza zixel izinja emtshatweni. Abashicileli abathwele amagobho-gobho azizikhwenene bephuma kumajelo awahlukeneyo oSasazo babesele bekho. Abathabathi mifanekiso bemizi ngemizi yoomabona-kude babevutyiselwe.
Iindwaqula zomthetho kwiNkundla ePhakamileyo zingene zathabatha izihlalo zazo sele zivathe izivatho zazo zomthetho. Awubonanga nto ungabonanga izivatho zomthetho ezingafaniyo zidiza izikolo zomthetho apho kwakufundwe khona ngooSomthetho ababelapho. Phakathi kwezo zihandiba zikuhamba kungumthetho, kuthetha kungumthetho, kwenza kungumthetho, kunxiba kungumthetho, mandibalule zibe mbalwa ngolu hlobo, iJaji yeNkundla ePhakamileyo yaseBisho uMhlekazi uAlfred Freemantle, uMtshutshisi omkhulu weNkundla ePhakamileyo yaseBisho uMnu. Vela Gqoboka, noMnu. Phathekile igqwetha lika-Andile Gqogqa. UVuyisa Mgxali umtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha wayekho eze neendlebe zakhe zombini. UMnu. Phumelele Ndodana owaye eligqwetha lika-Andile Gqogqa kwiNkundla kaMantyi kwaZwelitsha naye wayekho. UKhuselwa Hombile naye waye ekho njengomphula-phuli nombukeli kwityala eliza kuxoxwa yijaji kwiNkundla ePhakamileyo. Zibekiwe izityholo ku-Andile Gqogqa nguMtshutshisi weNkundla ePhakamileyo ngolu hlobo:


Ummangalelwa u-Andile Gqogqa utyholwa ngokubulala usomashishini waseNgqushwa eMphekweni uSopilisi Ngumbela ngenjongo yokuzuza ngobuqhetseba, into ke leyo enxamnye nomthetho wesi sizwe. Ummanga-lelwa utyholwa ngokuzithathela isondo kwintwanazana enguVathiswa Tiso eminyaka ingaphantsi kweshumi elinambini ubudala, ekwenza oko ngolunya nangeenjongo zokwanelisa iinkanuko zentliziyo neemfuno zeminqweno yakhe, into ke leyo enxamnye nomthetho wesi sizwe. Ummangalelwa utyholwa ngokuvukela umbuso, into ke leyo elisikizi nenyala phambi kwamehlo esiGqeba sombuso weli lizwe. Ummangalelwa ukhe wavela eNkundleni kwaMantyi kwaZwelitsha. Yiloo Nkundla kanye egqibe ukuba eli tyala lize kubonwa apha ubunjani balo.

GQOBOKA












PHATHEKILE:
Kunjalo kanye Mhlekazi.
GQOBOKA:
Ummangalelwa utyholwa ngokuzithathela isondo kwintwanazana enguVathiswa Tiso eminyaka ingaphantsi kweshumi elinambini.
PHATHEKILE:
Kunjalo kanye Mhlekazi.
GQOBOKA:
Ummangalelwa utyholwa ngokubhukuqa umbuso ngokuwuvukela.
PHATHEKILE:
Nakanye Mhlekazi, ummangalelwa ubeqhuba inkqubo yeqela alikhokelayo yena.
GQOBOKA:
Ukwenzile oko injongo ikukugudla umbuso olawulayo?
PHATHEKILE:
Ummangalelwa ukwenze oku encamathele kwimithetho nemigaqo-siseko yeqela lakhe.
GQOBOKA
Ingaba oko ukwenze ngempazamo kusini na?
PHATHEKILE:
Akukho nanye into eyenziwe ngempazamo apha. Eyona nto emayicace kule Nkundla kukuba u-Andile Gqogqa ubeshumayela ecacisa inkqubo yeqela lakhe elilawulayo, ekwenza oko encamathele kumthetho okumgaqo-siseko walo. 
GQOBOKA:
Wabona ukuba makakwenze oko echasa ehlambela umbuso?
PHATHEKILE:
Ngqanga neentsiba zayo, akukho nasinye isihlandlo apho ummangalelwa athe wabonakalisa ukunyevulela umbuso. Ummangalelwa akakwenzanga oku phantsi kweengongoma ezimbini ezizezi: okokuqala, amatyala akhe amabini uwavume ngaphandle kwamanqanqanqa nokukrikriza. Okwesibini, mna mmeli wakhe andibuboni ubungqina kweli tyala lokuvukela uMbuso, ndaye ndiyayicela iNkundla ngokuzithoba ukuba, ukuba bukhona ubungqina kweli tyala ibudandalazise, ukuze umthetho ubone ukuba siwe isigwebo, ummangalelwa nommeli wakhe bazi, babone kamhlophe ukuba abadlelwanga ndlala. Ewe, ndiyavuma ummangalelwa sisigwinta kuba ubulele usomashishini waseNgqushwa eMphekweni. Ndiyavuma sisidlwengu, kuba uzithathele kuVathiswa Tiso. Bahlekazi, ndiyala mna ukuba ummangalelwa livukela-mbuso. Ndithi uyatyholwa.
JAJI FREEMANTLE:	U-Andile Gqogqa ongummangalelwa ufunyaniswe yile Nkundla enobutyala ngokukhupha umphefumlo kasomashishini waseNgqushwa uMnu. Sopilisi Ngumbela ngenjongo yokuzuza ngokungekho mthethweni kuMatshi wonyaka ophelileyo. Ngeso senzo iNkundla iyakohlwaya, uya kuhlala emjiva usebenza nzima iminyaka elishumi. Kubhaliwe kaloku kwathiwa, Uze ungabulali. Andile Gqogqa, le Nkundla ikufumanisa unetyala lokuzithathela isondo kwintwanazana eminyaka ingaphantsi kweshumi elinambini ubudala uVathiswa Tiso ngolunya, ngeenjongo zokwanelisa iinkanuko zentliziyo yakho. Ngeso senzo le Nkundla iyakohlwaya. Uya kuhlala emjiva iminyaka elishumi usebenza nzima, ukuze uhlale iminyaka emibini ungezi kule Nkundla nangaliphi na ityala. Andile Gqogqa, ngokwesityholo sokuvukela umbuso, le Nkundla izamile ukuphanda. Kuloo Matiletile iwenzileyo nakuloo mahlandinyuka iwenzileyo ize ze, ayifumananga bungqina bucacileyo bokuvukela kwakho umbuso. Le Nkundla ikufumanise umsulwa Andile Gqogqa.

Ijaji uMhle. Alfred Freemantle xa ekhov ukuwisa isigwebo, u-Andile Gqogqa wabonakala ekhupha umthamo abewetyisa lo gama kulixhaphetshu kuxhatshwe amagwebu kuxoxwa ityala lakhe. UNozabemdela igqirhakazi lakhe lalikho ukuza kuzivela ukuhamba kwetyala. Lagilana ngamehlo ovuyo negqwetha lika-Andile uMnu. Phathekile. Lalizingca igqirhakazi ngokunyanga de liye kunyanga nakwiNkundla yejaji. UMnu. Phathekile waye ethwele isingci okwengci ukusindisa ubomi buka-Andile. KuNozabemdela yayiyindlela entsha yokuzigayela abantu eyokuchitha ityala lokuvukela umbuso.

Abantu babemana ukuva ngalo Nozabemdela igqirhakazi laseDikeni eNgqele. Umntu owayefunyaniswe enobutyala ngokuvukela umbuso wayesohlwaywa kabuhlungu. Isohlwayo yayiyintambo. Kaloku umntu lowo ebethunyelwa ukuya kondliwa eXesi elinde imini yokuphuma komphefumlo wakhe ukhutshwa nguMthetho ngokusemthethweni kambe.
U-Andile Gqogqa nangani nje waye ethiwe nka iminyaka engamashumi amabini esebenza nzima eluvalelweni, kwaphinda kwacunjwa emibini engenasono. Wavuya akuva ngeendlebe zakhe ukuba ngesityholo sokuvukela umbuso iNkundla ePhakamileyo eBisho imfumanise engenatyala. Ngalo lonke eli xesha ubehleli eduda akucinga ityala atyholwa ngalo lokuvukela umbuso. Iminyaka yona yayilixesha elide lesigwebo, kodwa wayenalo ithemba lokuba iNkosi iya kuba ngecala lakhe ukuze aphume apho esaphilile. Amathemba akhe ayemxelela ukuba usinde cebetshu ekufeni. Wonke umntu owayekho apho wayezivele indlela elixoxwe ngayo elo tyala woneliseka. Kwakuthethwa ngoMnu. Phathekile igqwetha kule mizana, ubuciko nobuchule abusebenzisileyo ukukhulula u-Andile Gqogqa kwiinkalakahla zokufa. Igqirhakazi uNozabemdela laseDikeni eNgqele ubizwe ngapha nangapha, amadoda etsalana ngaye, ecelana emacaleni, iyileyo naleyo isithi: Myekeni aqale kum, umcimbi endinawo sele undivele ekhwapheni. Nomnye athi:
Makaqale kum, umcimbi wam ngoweveki ezayo. Amajelo eendaba aphinde aqhuba ngokwesiqhelo sawo ukuhlokomisa iindaba zeNkundla yaseBisho. Wonke ubani way' enomdla wokuba iya kuzala nkomoni na kakade.

- 6 -
Mandingaze Ndidaniswe

U
 mtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha, uVuyisa Mgxali, waye exhelelwe eXhukwane ngesigqibo senkundla, igweba uKhuselwa, eqonda ukuba uMantyi owise esi sigwebo akanalo nofifi oluncinane lwesisongelo sakhe ngoKhuselwa. Nangaphezulu kokuba uVuyisa lo ebeziphindezela kuKhuselwa, ebesele emphawule ukuba ukrele-krele, yaye engathandabuzi ukuba kwinkonzo yomthetho ngenye imini uya kumsokolisa njengoyise uDumile. Kanjalo wayecinga ukuba uDumile Hombile wazuza indumasi kwinkonzo yomthetho ngenxa yokusulungeka kwenkonzo yakhe nobunene emsebenzini.
Iindaba zokuphelelwa komsebenzi kukaKhuselwa zavakala zakrakra kwaRharhabe. Yayiludaba olukrakra olo, oko lukrakrele nezirhalarhume ezingamarholo-rholo kwa-Rharhabe. Umzuzu nomzuzu kuKhuselwa yaba ngathi usephupheni. Ufudukile ePhakamisa kwaNo.1 kuloNambitha esinga kowabo eMngqesha, ethwele umgodlwana wakhe. Intliziyo yakhe yayisopha yintlungu, nemalana awaye enayo ngoku sel' ishokoxekile, ezibuza imibuzo engenamntu wakuyiphendula. Kutheni na le nto ndisuke ndambathwa lilishwa? Ingaba la mashwa ahamba phambi kwam okanye ndihamba emva kwawo, kusini na? Oko wenza isikizi umzalikazi wam akukho nto intle ndiyibonileyo ebomini bam. Ubawo ufudukile naye ngeyakhe imini, wemka kungekho nxa phakathi kwethu. Namhlanje andambethe amashwa. Ndingokabani na ke? Nalowo umbuzo awuzange uphendulwe bani. Lithe lakuthambeka ilanga ehleli yedwa uKhuselwa kowabo, wacinga ethe cwaka. Emzuzwini uwe ngamadolo wavakala esithi, Yehova, undilibele kwaphela na? Ingaba .ubusithelisile ubuso bakho kum ngenxa yobugwenxa bam yhini na? Ngenxa yamashwa endinawo mna, ilihlwili, inesingqala intliziyo yam. Ukukhala kwam Nkosi kuve, ndiyakucela. Amehlo akho Yehova wavule ubone ukubulaleka kwam. Mandingaphindi ndiwe ngobuso phambi kwababandezeli bam, ndincede. Ndiya kutyhafa lundibhaqe utshaba lwam, igcobe intliziyo yalo ngam, ukuze luqhayise
lona ngam, lwandule ukutshabhisa wena Nkosi yam. Iinceba zakho mna ndikholosile ngazo. Nkosi ndithembe wena mandingaze ndidaniswe.
Emva kwalo mthandazo umazwi acatshulwe kwisiBhalo esiNgcwele, waqukeza ezilungiselela ukulala, ecinga ngemini yengomso akukhov ukuziyaleza kuNdikhoyo-kaMenzi uKhuselwa. Xa aqala ukubeka icala, uphupha eseNkundleni yamatyala nomtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha, uVuyisa into kaMgxali. UVuyisa kweli phupha uxelela uKhuselwa ukuba uza kumlandela ubomi bakhe bonke, kanjalo uzimisele ukuba amngcungcuthekise ubomi bakhe bonke. Uyicacisile ephupheni apho eyokuba le yenzeke eNkundleni kwaZwelitsha yintwana encinane ebanga amagqwetha aphuma esikolweni aphulukane nomsebenzi, engafihlisi ukuba leyo iseyinyele yehlathi lobunzima aza kuhamba kulo ubomi bakhe. Umbonise nerhengqe awayeyiphethe ngesandla sokunene, emxelela ukuba intsha kraca, ayikasiki mbona namazimba, ingaqala ngoku kuye ukusebenza, watsho emlingisa ngayo.
Wakhala esikrakra uKhuselwa, watsho wothuka ebuthongweni. Akazange aphinde abuthi nkwe ubuthongo. Usuke woyika engcangcazela ezingubeni kungathi angathi gqi umtshutshisi wakwaZwelitsha. Zikhale de zathululisa-na iinkuku zidiza ukusa. Ngomsobomvu uvukile, bumchwe-chwela ubuthongo, bufuna ukuzenzela kuye. Ngenxa yokoyika ukuselwa wavuka kumandlalo wakhe etyhafile, wayicoca yonke indlu yakowabo. Ekugqibile oko mbone nanko esinga emangcwabeni apho afike wema entloko yedlaka likayise. Umzila wombethe wawubonakala engceni.
Uthethe amazwi avakalayo phezu kwelo ngcwaba esithi:
Nina maMpondo, kwasezingcingeni zam bendinicelile, xa ndisiza kwezitsha izizinda ndiphelekeni kaloku. Ndinguye lo mna ndimi phezu kwentloko yedlaka lendoda eyandizalayo, yandondla, yandifundisa. Ndingumafungwashe nethumbu kumzi kabawo. Ndiyincam nenkulu engafakelwanga emaMpondweni aseMngqesha. Ndiyintombi, ndingunyana kumzi kaDumile Hombile. Ndize kuni ke maMpondo, nkomo zikaThahla, zikaNdayeni. Nini abanehlathi elishukumayo lakwaSibiside. Nditsho kuni nzala yaseQawukeni, bantu baseNyandeni. Iintonga zokulawula amaNyawuza zikuni kaloku, nkunzi ezingqukuva zikaBhala noGangatha. Xa kuyingxoboshishi nengxovu-ngxovu enje, ndandive ngani
ukuba kungxolwa kwingcwaba lenkulu yomzi, ibizwe nangegama layo lenkobe ukuba ayiva. Thina maMpondo sizingcwaba ezethu iinkulu sizijongise ubuso emakhaya. Siyazikhapha sibuye sizibuyise. Makashukume ke amathambo akho, Dumile, ndikubone. Nakuni zintloko zeli khaya andizazi ndinatyala. Ityala ukuba likhona laziwa nini yaye anilixeli. Thethani kaloku nangethongo ndilazi mna kaloku. Mabudede ubumnyama endleleni yam. Nditsho kuni ke boobawomkhulu nani boomakhulu. Makungabi lilishwa ukuza kwam kweli khaya. Sapho lukaNyawuza, kwaNdayeni, mna ndingowenu kaloku maMpondo. Ndijongeni, nindalathis' indlela emandiyihambe. Kutsho mna ntombi engumafungwashe nelithumbu likaDumile ncam-ncam.
Uwagqibe la mazwi uKhuselwa sele ethe vu kwintloko yengcwaba likayise. Uphakame apho iinyembezi ziqengqeleka ukuhla izidlele. Usuke apho wasinga kwasendlwini ebonakala ehamba ukuba unzulu ezingcingeni. Ufika endlwini kukho umyalezo wokuba kukho mntu uthile ubemtsalele umnxeba eseMthatha. Yena wayesoloko ecinga ngoNambitha oseMthatha. Wayezimisele ukumtsalela umnxeba, antame imeko azibona sekuyo, ebuhlungu. Esaphumle ngokomzimba, ingqondo ithatha ibeka, uve ngomgqumo wemoto, kanti yekaMvangeli uMohabi ophuma kwiziko labefundisi eFort White, umganyana nje ongephi xa uphuma eDebe Nek usinga eDikeni.
Ndincede, nkosazana ndithunywe kuwe nguMfundisi uLose omhlophe esikolweni phaya. Ufuna umntu wokumnceda. Sinomhlobo wethu ekufuneka efumene umsila, ngelishwa sithume abantu bade baba bahlanu. Onke la madoda awe phantsi ukumnika lo mfo lo msila. Ngoku uloyiko lukaMfundisi lolokuba uya kubanjwa engazi. Lo mhlobo wethu nankuya eQhibirha, ngusomashishini, uKhululekile Hashe igama. Umntu ongathi asincede ngokumnika lo msila uMnu. Hashe uya kuzuza amakhulu amahlanu eerandi.
UKhuselwa akaphozisanga maseko, ucele uMvangeli ukuba ampheleke njengomntu owayewazi umzi kaKhululekile Hashe usomashishini waseQhibirha. Bavumelene ke basinga kumaGqunukhwebe angubo zilubhelu, abantu abangazondaniyo bona, izinto ezizondana ngomthetho kuphela. Bathe ukuba basondele kumzi omkhulu onamanzi nemithi, bayilandela indlela emagoso-goso, ihonjiswe ngeentyatyambo kumacalana omabini. UKhuselwa ubone abasebenzi bedlula ngendlela betyathe iipeki nemihlakulo:
KHUSELWA:	Ndiyakucela bhuti ndincede.
NONTENTE:Uyintombi kabani le ingenambeko? Akuboni ukuba uyasiphazamisa?
KHUSELWA:	Ndincede bhuti, torho, andizi kukulibazisa. Ndiyakucela ndisusele laa mthi; wumbe uwukhuphe neengcambu. (Walatha umthi osenkundleni kwaHashe.) Ndiya kukunika amashumi amahlanu eerandi ngeyure.
NONTENTE:Amashumi amahlanu ngeyure? Ndiza kuwumba, nkosazana. Uthi amashumi amahlanu ngeyure enye?
KHUSELWA:Ewe.
NONTENTE:	Kulungile ke, nkosazana, ndiza kukunceda.
KHUSELWA:	Ndincede wumbe ngokukhawuleza.

Kwangoko nje unontente akabuzanga nto, wonde ngomthi kwavakala isithonga sepeki siqiphul umhlaba. Akuphelanga mizuzu mihlanu, kwavela isigqigqana sendoda, seza ngqo, sinqanda le ntlekele. UKhuselwa uyalele unontente ukuba aqhube akhawulezise. Usixelele isigqigqana sendoda eso ukuba uyalelwe ngumnini-mhlaba ukuba makenze loo nto. Sinkcunkcile esi sigqigqana somfo saphindela kwasendlwini. Emzuzwini luvuleke genge ucango. Kuvele esaa sigqigqana somfo, ngoku sele siphelekwe lugxogxo olude lwendoda, umfo okhangeleke esebomini. Akudibana noKhuselwa bancokole benjenje:

KHUSELWA:	UnguMnu. Khululekile Hashe, usomashishini waseQhibirha?
HASHE:	Ewe, nkosazana, uHashe ndim.
KHUSELWA: 	(Ethetha nonontente) Bhuti, ungawubuyisela loo mhlaba, nomthi uwuyeke ukuwumba, uzuze nantsi imali yakho.
(Uphethukele kuHashe) Mhlekazi, awusayi kukhathazeka. Ndithunywe kuwe nguMfundisi uLose, ukuba ndikunike lo msila. Ndinethemba uyalazi ityala lakho eliseXesi, nelingathi likutsalele irhola, narhola elinobuzaza. Kungoko uMfundisi ayalele ukuba mandikunike esandleni lo msila.UMnu. Hashe wawuthabatha umsila, wabulela. Wajika uKhuselwa bencokola noMvangeli kumnandi.

-7-
Sisigqibo Senkundla Eso?

Iindaba ziyawoyika umbethe. Ngentsasa elandelayo zabonakala kumaphepha-ndaba iindaba zokuba uKhuselwa Hombile umsila wawunika uKhululekile Hashe ongusomashishini waseQhibirha. Icacisiwe eyokuba lo msebenzi unabantu abahlanu abawenze ngaphandle kwempumelelo. Kwakuyinto enzima ukufumaneka kukasomashishini, kungaziwa nokuba uyazifihla okanye yintoni na eyayibangela ukuba angafumaneki. Kwakucacile ukuba ityala lona liya kuqhutywa nokuba akawufumananga umsila, eza kohlwaywa nangokudela iNkundla. Ephepheni umfundisi uLose wanika ubungqina bobunzima bokufumaneka kukaMnu. Khululekile Hashe ongumhlobo wakhe. Iphepha lona libucacisile ubuchule obenziwa nguKhuselwa, into ke leyo eyathi yabanga ukuba umfunwa azizise yena ngokwakhe kwintombi kaDumile. Wayicaphukela kakhulu uKhuselwa into yokuba iindaba zisoloko zingaye kumaphepha-ndaba.
Ngaminazana ithile, kuloKhuselwa, kufika uMnu. T. Vuma. Kugaleleka inzwana yomfo ephantse yagqibelela ebuhleni. Ayinde, ayifumtshane. Amashiya acacile kuba abekwe chu phezu kobuso obukhanyayo. Imisebe kankabi mide ngathi ifakelwe. Impumlo yakhe ngathi ibekiwe, wena wakha wayibona impumlo eqozolo yomLungu. Zizinto ezo ezazingunobangela wokuba umondele wakumjonga. Akuhleka uMhlantla-ndlovu lo, kwakuvela umhlantla kumazinyo angentla. Thina maXhosa sithi; Ubuso bendoda ziinkomo. Amaxesha amaninzi sukuba siquma ububi bayo xa sitshoyo. Loo ntetho kwakungeyomfuneko ukuba ibhekiswe kwithole lomCirha, uNcibane, uNojaholo. Wabe emhle umzukulwana kaGabha. Uzincokolisile yena noKhuselwa.

KHUSELWA : Ubusithi liphi ikhaya kanene bhuti?
VUMA	: NdiseMthatha ngekhaya Nkosazana, nangani  kunjalo, ngoku ndiphuma kulaa mhlaba waseNgqushwa. Ndilala apho ndihlwelwe khona ngokujikeleziswa ngumsebenzi kambe. Ndinomnqweno wokuba ndidlane nawe 	 iindlebe Nkosazana, ngokuphathelele kubomi bakho.
KHUSELWA: Yintoni ekutsale ukuba ube nomdla ngobomi bam?
VuMA	: Uya kundixolela, sele ndive kakhulu ngawe kumajelo eendaba. Ndivile ngesigwebo seNkundla. Kusasa phezolo ndivile ephepheni
	 ngawe.
KHUSELWA	: Mhlekazi, ndixolele, andithandi ukuthetha ngobomi bam nakubani na ongomnye.
	 Mandikucele ukuba sele uqhuba ufunda amaphepha-ndaba. Mhlawumbi aya kukuxelela le nto iyinyaniso ngobomi      .                     bam.
VUMA	: Ndifuna ukuva ukuba ngaba ngenene  nangenyaniso sisigqibo seNkundla na eso.
KHUSELWA	: Unyanisile, sisigqibo seNkundla yakwa- Zwelitsha eso.
VUMA	: Sisigqibo seNkundla eso? Yiloo nto kanye efuna  ukuba ndazi ngokubanzi ngobomi bakho. Ndiyazi kanjalo ukuba kwibali letyala ngalinye,
	 abantu bayathanda ukwenza impazamo  yokuqwalasela icala elinye. Ityala ngalinye linamacala amabini. Ndilivile ke mna icala 	 lokuqala letyala lakho. Ngoku ndifuna ukuva icala lesibini. Ungakhathazeki andisebenzeli mzi waphepha-ndaba. Oku kuyinxalenye yomsebenzi wam wemihla ngemihla. Ndikwabhala incwadi yomthetho.
KHUSELWA	: Ndikruqukile kukuba ziindaba mna. Ndincede bhuti yahlukana nam torho. Kudala kakhu...
VUMA	: Ndingakubethanga emlonyeni Nkosazana torho uxolo, olu dliwano-ndlebe ndithetha ngalo alusayi kuphuma nakuliphi na iphepha-ndaba. Mna ndizimisele ukuphanda ngale nyewe kude kuye kufikelela kwakuMantyi lowo ube echophele lo mcimbi. Iinjongo kukudandalazisa  ubunyaniso nobuxoki beNkundla ukuba inabo. Eyona nto ndijonge ekubeni eso sigqibo seNkundla sirhoxiswe kuba akukho nalinye igqwetha elinokuthi liphuma esikolweni, ligqiba kufunda ngeemali ezinkulu, lisuke lingasebenzi liziphumelele lona iincwadi zomthetho.
KHUSELWA: Kulungile Mnu. Vuma, ndikunqwenelela impumelelo kulo msebenzi uza kuwenza, yaye ndiza kukuvumela xa usitsho. Ndinomnqweno, ndikucela ukuba ibe yindaba yakwamkhozi le.

UKhuselwa ukudize konke okwathi kwenzeka eNkundleni yakwaMantyi kwaZwelitsha. Intombi yomntu imchazele yonke into ngokwamanqanaba ayo yaya kuthi xha ngesigwebo seNkundla, imgweba ngenxa yokungazi. Akazange angene kobunye ubucukubhede boomabona-kude, obamaphepha-ndaba, kwanobunye ubuvilikitshane bowasa-wasa baseNkundleni. Uyiphethe le nkcazo uKhuselwa sel efixi-fixiza, echiphi-chiphiza. Nazo ke zigilana iinyembezi ukuqengqeleka kwezo zidlelana zitum-tum. Ngalo lonke eli xesha uVuma umthe ntsho ngamehlo emangalisiwe. Wenjenje ke ukuthetha naye. Khuselwa Hombile, iinyembezi zeminyaka azincedi nto. Khumbula kaloku UYesu sisi wabethelelwa ooMariya benyembezana njengawe lo. UYesu ke yena wabethelelwa engenalo ityala. Mna ndiza kwenza unako-nako wokuba isigqibo seNkundla sirhoxiswe kuwe. Yona le into ndakuyichaphazela kulaa ncwadi ndiyibhalayo yomthetho. Ndakuzama usebenze apho uthanda khona njengamagqwetha onke.
Ndikunqwenelela impumelelo kulo msebenzi wakho, nangani nje mna ndingayiboni indlela yokujikwa kwesigqibo seNkundla. kutsho uKhuselwa. Bohlukene aba babini omnye eziphalaze kangako imbilini yakhe komnye. Kwaba ngathi sele besazana, kanti babeqala ukubonana.

-8-
Wamkelekile EGcuwa

Undulukile
 uMnu. Vuma ukusinga kwi-ofisi yakhe eseMthatha. Inqwelo-mafutha eyayimthwele ukumsa kuKhuselwa wayinyengeza kwisikhululo seenqwelo-moya eMonti. Kulapho kakade wabe eyizuze khona. Uncothuke emhlabeni ngenqwelo-ntaka ukusinga eMthatha. Yangena naye emafini. Isibhakabhaka esiluhlaza mzuba yasikrazula kubini. Ababekho kwisikhululo seenqwelo-moya bakungqina ukungxama kwaloo nqwelo-ntaka ngabakuva ngeendlebe zabo.
Ephezulu esibhakabhakeni uMnu. Vuma wacinga ngoKhuselwa osentlungwini emhlabeni wakhathazeka. Uwacingile amacebo ekufuneka eqale ngawo ukuhlasela loo mcimbi wakhe. Intoni na? Ikhawuleze ngamendu afana nqwa nawesikhotsholo ukuya kungena eMthatha inqwelo-ntaka. Ufike sele elindwe nguNambitha kwigumbi lakhe lokusebenza. Uncokole noVuyisa Mgxali emcela ukuba adibane naye ngomhla othile kwindawo ethile ngomcimbi othile. Wasamkela umtshutshisi omkhulu . wakwaZwelitsha eso sicelo. Akuba egqibile ukuncokola noVuyisa uMnu. Vuma akachithanga xesha, kwangoko uncokole noMantyi wakwaZwelitsha ngomnxeba. Umcelile naye ukuba badibane naye noMnu. Mgxali ngomhla othile kwindawo ethile ngomcimbi othile. Eso sicelo samkelwa ngothakazelelo olukhulu nguMantyi wakwaZwelitsha. Umnu. Vuma uzixelile kuNambitha ukuba umfihlele uKhuselwa ukuba yena ube ethunyelwe nguNambitha. Ayizange imkhathaze nakancinane uNambitha loo nto. Kaloku wabe esazi ukuba incwadi ethetha ngoMnu. Vuma lo isendleleni eya kuKhuselwa. Kwakucacile nje ukuba yayingekafiki ezandleni zikaKhuselwa kuba nanku engamazanga uMnu. Vuma ukufika kwakhe.
Imini yemini ethile, kwindawo ethile, engomcimbi othile, iye yafika. UMnu. Vuma, uMnu. Mgxali noMantyi wakwaZwelitsha badibana ngokwesicelo sikaMnu. Vuma. Ezi zazi-mthetho zithathu zagqiba ekubeni zidibanele kwindawo esekhusini iWayside kwihotele eseGcuwa kuba zaziza kuthetha ngento yasekhusini. Zalelwa iintatheli zawo onke
amajelo eendaba ukuba zingene ziwuve lo mbandela wasekhusini ungoKhuselwa. Emva kokuxovulana ixesha elide, isazi-mthetho ngasinye sithetha sicaphula kwiincwadi zomthetho, kwavunyelwana ukuba kurhoxiswe isigqibo seNkundla kuKhuselwa. Kwalapho engxoxweni kwavakala ukuba naso isithuba sobugqwetha eNgqushwa. Zohlukana ke ezi zazi-mthetho zozithathu, kuhlekwa kugigithekwa. Indoda nganye yaphuma eWayside ehotele, yasinga kwisithuthi sayo.
Kwindlela egodukayo kwenzeka isimanga. UVuma xa ephuma eGcuwa egoduka, ubone umbhalo osecaleni kwendlela obhalwe ngesiNgesi nangesiXhosa othi, Wamkelekile eGcuwa. Watsho wacinga ingoma ababeyivuma bengabantwana eyayisithi:

Kumnand eGcuwa,
Kumnand eGcuwa,
Kumnand eGcuwa,
Ziziyolo.
Kwesuk iqaba
Lising eGcuwa
Lathiiyho:
Kumnand eGcuwa.

Xa kanye aphuma edolophini eGcuwa uVuyisa esinga kowabo kwaZwelitsha, uwuthe jezu lo mbhalo ubhalwe ngesiNgesi nangesiXhosa nawo usithi; Wamkelekile eGcuwa. Kwangoko nakuye kuthe qatha ingoma le kanye yayivunywa nguVuma esengumntwana, leyo ithi, Kumnandi eGcuwa. Wathi qhuzu-qhuzu ngentsini umnene, wabuya wee cwaka. Uthe cwaka urnzuzwana ongephi kuloo ndlela imajiko-jiko buthabazi. Inqwelo-mafutha yakhe yiyo kuphela eyayimana ukuba nesifuthu-futhu, ide ibonakale ukuba buyenyuka ubushushu njengobosana. Emzuzwini ubonakele engomba ivili yokuqhuba ngenqindi, wavakala esithi; UNotshe! Akukho Khuselwa uza kusebenza eNgqushwa njengegqwetha ndisekho mna. Ndiza kwenza konke endinakho ukusichitha ndisivukele sonke esi sigqibo sigqiba ukusigqiba namhlanje. Imcacele phofu eyokuba uKhuselwa uqhawule kumakhamandela awaye emqamangele ngawo.
Kuloo ndlela iphuma eGcuwa iza kwaZwelitsha, wacinga urheme aphela amacebo. Ubhenele emaqhingeni ngoku. Mbone enyantsula ukuya kwityesi yamaqhinga. Uyigqogqagqogqile de wancama, akwaze kuvele nelinye elifanele
ukuqamangela uKhuselwa. Uyibhule wayivuthulula ingxowa yakhe yamaqhinga efuna nelithe nca. Intoni na? Usuke weza ze. Uninzi lwabaqhubi ababeqhuba ezabo izithuthi bevela ngaseMonti naseQonce lwalumngxolela ngamaxi1ongo luntama ukuba akahambi kakuhle emgaqweni.
Ekufikeni kwakhe kwaZwelitsha edinwe eyimfe, ungqiyame ngemfono-mfono umfo omkhulu. Ukrwece uMnu. Qhalikhitshi waseRhini owaye esebenza eTinarha njengegqwetha. Umxelele ngesithuba somsebenzi esikhoyo eNgqushwa ukuba usenomnqweno wokusebenza kufutshane nekhaya, eyicacisa kanjalo eyokuba makakhawuleze ukuba usenomnqweno kuba kukho ingcuka esele ifuna ukusithabathela kuyo eso sithuba. Uyivakalisile neyokuba eso sithuba wasiphanda ngenxa yesicelo sikaMnu. Qhalikhitshi owaye efuna ukusebenza kufutshane nekhaya. UMnu. Qhalikhitshi uphinde wawacela amagqwetha ombutho abhalise kuwo ngelithi usifumene isikhundla sempangelo kufutshane nekhaya lakhe.
Ngemvisiswano enkulu ephelekwe Iuthando noxolo wenzelwe itheko lokuthi ndlela-ntle noko lalingumdyubha nje. Kaloku akazange abanike thuba laneleyo lokuba bamlungiselele. Lazinyaswa elo thekwana ngabalingane bakaMnu. Qhalikhitshi, abaseBhayi nabaseTinarha. Bamkhulula ngamazwi abuhlungu bemcela ukuba aze ancede angabalibali. Yimini engasayi kuze ayilibale uMnu. Qhalikhitshi, imini eyayimbi kakhulu, imini yokuphuma kwakhe kunxweme lweQhagqiwa, esohlukana nezihlobo zomsebenzi asebenze nazo iminyaka emashumi mabini anesihlanu kungekho nxa.
Ngentsasa elandelayo walishiya iTinarha nezinto zalo. Ude washiya nedolophana yakwaNobuhle eyayiqhakazile yimithana yetolofiya. Imbelekile inqwelo-mafutha eyisinda naye, nayo ikhefuzela liphika, iphatha kukhohlela, ithimla. Langa limana ukubuya umva iTinarha, kanti njalo iyamkhupha kulo loo nqwelo-mafutha. Ude walinikela umva elo, netolofiya wayishiya ngasemva. Uzishiyile iintaba zikaVuba ziyibukele qelele idolophana yaseTinarha. Mbone igoqoza naye inqwelo-mafutha yakowabo. Inyuke amaqhina angumnqantsa, yehlisa imiqengqelezi, yaya kumbeka eRhini xa libantu bahle. Kwaba segcibhala kusapho lwakhe akufika. Uluxelele ukuba ngoku uza kusebenza eNgqushwa.
Phantsi kweNtaba yeZono, kweso sixeko seeNgcwele ubeke icala kowabo. Wathonga amathongo awathi kwakusa wawalawula nokuwalawula. Kwaba seyakala ke kumXhosa wasedolophini ukuthi akufika kowabo athonge. Njengomntu owaye esendleleni usukile emini enkulu, wenjenjeya ukusinga eNgqushwa. Akuqabela entabeni ukuza kumlambo iNxuba, kwakurhuqa inkungu, ivale vingci endleleni. Uthe akufika eNgqushwa wamkelwa ngobubele nguNala owaye exelelwe wonke umcimbi nguVuyisa Mgxali.
Ngentsasa elandelayo namanye amagosa ambona uMnu. Qhalikhitshi, amamkela enkonzweni kaRhulumente. Umsebenzi wobugqwetha eNgqushwa wawusisonka esiqatywe inyhobha-nyhobha nebhotolo. Kaloku idolophana yaseNgqushwa incinane yaye ke yonganyelwe zizithabazi zeelali ezinkulu.
Uchuku, ingxabano nokulwa, lilifa nokutya kwemihla ngemihla kwigqwetha eliseNgqushwa. Kwiilali ezifana neDabhani, iFeni, iBhodyam, eMphekweni, kwaJaji, kwaNobumba, eHlosini, eBhingqala nakwaTyhefu, igqwetha lilala ngetyala livuke ngetyala. Inkoliso yamagqwetha aseNgqushwa aqala ukuxoxa kwityala lamakhwenkwe athabathe ihagu yasemathileni aya kuyityela ese apha ngokuyoja. Alipheleli apho ke, lixoxa ukuphatheka kakubi kwentombi yasemathileni kwintonjane yasemathileni, limke liye kugqibela ngetyala elingelifa kubangisana unyana noyisekazi. Loo nto nje yodwa, itsho ukutya kwegqwetha kutyebe okobulawu bengcuka. Elaloo mini ilanga latshona engakhange azuze kuphumla uNgqolomsila into kaQhalikhitshi. Yaphuphuma i-ofisi yakhe ngabantu abaze kuntama yonke into ebubuvilikitshane nelungileyo.

-9-
Mvandedwa Ndiyeke

Kwiintsukwana nje ezimbalwa exoxe noVuma uKhuselwa wazuza incwadi evela eMthatha kugqirhakazi ongumhlobokazi wakhe uNambitha. Loo ncwadi yayimxelela ukuba kuza kufika indwaqula yegqwetha uMnu. Vuma okwadume njengoyise uDumile. Loo makhwekhwetha wegqwetha uthunyelwa nguMaGxarha uNambitha umhlobokazi kaKhuselwa. Le ncwadi icacisile ukuba lo mcimbi kaKhuselwa ubonwe koomabona-kude, waviwa ngamaphepha-ndaba noolindixesha benyanga. Loo nto iwenze umzi wamaMpondo kaBhokleni, umzi wabaThembu baseRhode, washukuma ulunywa. Kwacaca kuKhuselwa ukuba uNambitha umhlobokazi wakhe wenze inkcazo ngaye kweliya laphesheya kweNciba. Le nkcazo ke yenziwe ngentombi yomntu owaziwayo ngokuziphatha kakuhle. Wacacelwa uKhuselwa ukuba le ncwadi ithetha ngoMnu. Vuma osele esuka kuye yena Khuselwa.
Amazwi awaye esingethwe yincwadi yomhlobokazi wakhe uNambitha amhlaba, kuba ayethwele iindaba zovuyo, ekwaphethe neendaba ezimhlungisayo. Waqala ukubuqonda ubunyaniso kwintetho yasemaXhoseni ethi; Ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama. Kaloku ngoku uNambitha wafana nqwa nodade boKhuselwa. UKhuselwa waye engasenabo abazali, engenayo nempunde ezalana naye kwelo. Ewe! Amazwi kaNambitha amosela uKhuselwa. Ebengathini na ke phofu ukungamhlabi xa efika kuloo ntliziyo imanxeba-nxeba ziinkenkebula zezanzwili zobomi? Naloo mfundwana yobugqwetha waye eyifunjathiswe nguyise uDumile esadla amazimba yayingamncedi nganto. Inyaniso ethi; Imfundo lilifa elingaboliyo, yayithande ukungacaci kakuhle kuye.
Xa uphakathi kwabantu umvandedwa uyazibonakalisa, kuba uthi wena uwufihla usuke wona uqhayise ngesigqezu. Ezinzulwini zobusuku xa wena ukobentlombe ubuthongo uyakushukumisa. Kaloku wona awufunani nethongorha. Umn tu o n o mva n d e dw a l i ph a k u ph a k u e 1 o thu sw a nalibhabhathane. Kuxhentsa inkunzi yomvandedwa lwakuphela ulonwabo emntwini. Kulula ke nokuphawula
ukuba loo mbuku-mbuku yenkunzi yomvandedwa yombelelwa ziintsizi, iqhwatyelwe izandla ziinyembezi. Usuka ke nomntu wayo axambulisane nengqondo yakhe kube nje. Mbone wena umthatha apha, umbeke phaya, ithi ke ukuba yimbelukazi leyo efana noThuthula wakudala, intombi kaMthunzana eyayibalasele ngobuhle, isuke yoyisakale, buphele obo buhle bufane nqwa nentyatyambo ebunileyo ebusika. Linamandla amakhulu ke elo xhwangusha lingumvandedwa. Liyakwazi ukuyithwala nendoda enguphopho inge yikati ithwele ucwethe ngomlomo. Ewe! Imizuzu yokulila kuKhuselwa yayingadingeki. Le mizuzu yayimana ukumkroba, ukuze nje avakale ethetha yedwa esithi, Mvandedwa ndiyeke.
Wawuvumile umsebenzi wentonjane yasemaNgqosinini, iintombi zizingca ngomfaneleko. Uthe akucinga ngomsebenzi wathiwa khatha luvalo uKhuselwa. Kwajika oko kuyola kwafana nqwa nencindi yekhala. Yonke loo nto yovalo ayizange ibutshintshe ubuntu bukaKhuselwa nentlonelo yakhe ehlonele intonjane yentombi yaseMaNgqosinini uNondabamthini. Umzi waseMaNgqosinini ooGaba, ooTitiba, iinkosi zasemlanjeni kwaNyanyaza, wawumi phantsi kwamahlathi amnyama akwaHleke. Lo mzi wawukwamelene neKomkhulu lamaRharhabe. Wawu-likhweba iliso lomhambi ezigqithela ngendlela. Isizathu eso sasizinyaswe bubukho bezangxa zamaphakathi aphakatha phakathi kwelo lamaNgqika, oonyonyo bona, izinto zikaKhulile iTshawe leMitshiza. Yayikho apho inkosana yesizwe samaVundle ukuza kuzimasa umcimbi lowo. Le nkosana ndigwadla ngayo ngunyana kaBhayi kaKhetshe. Kusagcotyiwe kwesinjalo sona isizathu, uthe khwasu unyana kaNgqishimba uNkobezezolo edanduluka exwaxwa buqhularha inkosana leyo yesizwe samaVundle esithi.

A! Lungile!
Thole lembishi-mbishi,
Thole lesirhorho uyingqanga.
Mpof emqolo uneentanda.
Nyath eneempondo yasemaVundleni.
Chul ukunyathela nkom iyahlaba.
Sikhun esitshiswa singatshi,
Mban obaneka kuloNkundla
Zingcangcazel izinyola-mbuso,
            Banyel umchiza oontamnani.
           Dakasa nkonyana yohlanga.
         Thabatha iintonga zokulawula
        Ulawule amaVundle kayihlo.

     AmaVundle sisizwe sakho.
    Thabatha iintonga zikufanele,
    Nkunzi enomcondo yakuloBhayi,
   Nkunzi ebantu bahle basemathafeni,
  Abalizwe labo liyabukeka,
Libukeka kuba lihonjiswe ngeentaba
Labuya laqhayisa ngamahlathi eNdalo,
Kanti imida emidala yalo yimilambo.
Thetha mfo kaPhilile siphulaphule.
Gwadla nemibundlwana ithungulule,
Ibone ilizwe likayihlo nooyihlo-mkhulu,
Ilizwe abalishiya liyintombazana,
Ngoku ligxwala iingxungxu namaxhwili,
Likhaya lezikhova noodyakalashe,
Iinyoka zisemyezweni kulo.
Amaqaqa akasazazi nokuba ngamaqaqa,
Akasaziva kunuka ngoku anukayo.
Atsho ngevumba elibi kangaka,
Lidala ingxovu-ngxovu engqondweni,
Ezimpumlweni liyakhathaza.

Sibona izilo zamahlathi namathafa
Zikhedamile, zijongene nokujongana,
Kuyiloo ngxoboshishi yexwabaxu.
Ngabantu bakayihlo bayaphithizeliswa,
Upolitiko luyabadlokovisa.
Ngubani na ongevanga
Ngale nzwinini isisimbonono.
Esuka eNode isinga eSude?
Ngabadlezana bakha uthangazana,
Zishiyeke iimveku zitshibhiza.

Kungawe ke mzukulwana wenkosi yam,
Nazo izikrelemnqa zikurhangqile,
Azinamda nabhakana ekubhoxeni,
Zibalasele ekuntameni umbuso wakho.
Ekutshabalaliseni nasekucudiseni zigqibile. 
                                 Biza izitshingitshane zakwa-Indira Gandhi
                                Zivuthuze de zitshabalalise,
                               Zife izingcoli namanyolu-nyolu,
                              Zife zingayolelanga nganto.
                             Thina siza kuzingcwaba.
                             Siyamngcwaba kakade umntu,
                           Simngcwabe nento yakhe,
                          Athi akubhubha kuphele ngaye,
                         Singabi sathetha nto thina ngaye.
                       A! Lungile!
                     Ncincilili! /

Iinkcukacha nemigcobo kugcotyelwe ukuqhubeka komsebenzi wasemaNgqosinini kakuhle, zezabantu bomsebenzi. Akuzange kubekho kukhalaza kuba kaloku intsimbi emhlophe ibikho, inkxopho ikwalapho. Akukhange kubekho mikhwino nazililo emva kokwabiwa kweentombi ejakeni. Ilizwi elavakalayo ngengomso lelokuncoma ukuziphatha kakuhle komlisela nomthinjana.
Phambi kosuku lokugqibela lwentonjane uKhuselwa wenze utsi gxada okomzuzwana ekhayeni lakhe lokuzalwa. Wothuke wavuya akufika kukho ucingo oluvela kuMnu. Vuma, UNcibane. Olu cingo sele luphuma kuye eseRhawutini ngoku, lona luthwele udaba olunomkhitha nomfaneleko, lubika ukurhoxiswa kwesigwebo seNkundla, lucacisa kanjalo ukuba uKhuselwa uvumelekile ukuba angasebenza njengegqwetha kwaZwelitsha, eMdantsane, eBisho, eXesi, eNgqushwa naseVetlisi. Kwakulo ucingo olu, kubekho nomqolo wokugqibela omxelela ukuba makaqale emsebenzini eNgqushwa apho aya kusebenza njengegqwetha. Ezo ndaba wazamkela ngeenyembezi zovuyo uKhuselwa. Uvakele enqula amaMpondo angamawabo, ooThahl ooNdayeni. Uthe vu eguqe ngamadolo ethandaza ecaphula nakumazwi abhalwa kwiziBhalo eziNgcwele sisandla soMvangeli uYohane athi, Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye, ukuba sithi sicele into ngokuthanda kwakhe, uyasiva. 
Ngenxa yeentloni uKhuselwa waphindela entonjaneni yakwaNyanyaza. Eyona nto, waye. engathandi ukuba abonwe sele engabonakali, kuba loo nto yayiya kumfaka ezintlonini ezingummangaliso ekuhlaleni. Zazithabathe indawo ephakamileyo entliziyweni yakhe iindaba zokufumana kwakhe umsebenzi. Uququzele esebenza ezele yimincili.
Uvume iingonyana ezimnandana emana ukuzikhuza akuba nomfanekiso wakhe ese-ofisini yakhe eNgqushwa. Emva kwaloo msebenzi ugodukile ngeliya kuzilungiselela eqokelela amajacu ezivatho neengubo zakhe ezintsanyu-ntsanyu. Uthumele ucingo oluya kumhlobokazi wakhe uNambitha eMthatha. Umbikele ngezi ndaba zimnandi, embulela ngenxaxheba awayithabathayo ngexesha yena Khuselwa waye ephulukene nomsebenzi. Ngoku wazibona efanelekile ukuba angathi, Mvandedwa ndiyeke.

-10-
Umbethe Ngemfe lphindiwe

Zithe zakuhlokonyiswa ngamaphepha-ndaba iindaba zokurhoxiswa kwesigqibo seNkundla lwavuya uluntu. Wothuka uVuyisa noMantyi wakwaZwelitsha zezi ndaba, kuba kaloku babesazi ukuba iintatheli zazingavunyelwanga ukungena mhla kwakuxoxwa ngokurhoxiswa kweso sigqibo. Kungqine oomabona-kude bezivanga ngemifanekiso yabo bantu kuthethwa ngabo. Oolindixesha benyanga bangqumshela ngasemva yanga ngamadoda aselokishini angamayilo ehlabelela udosityaba. Olu daba luwushukumisile umzi ngokukodwa izazi nezithanda-mzi wakwaHombile. Ewe! Yayibuhlungu into eyehlela intombi yomntu, kodwa ke uluntu lwalungangeni ndawo emthethweni. Yinto ke leyo eyabangela ukuba uvelwano lwalo liwugcine ezintliziyweni zalo. Oku abanye bakubonakalise ngokuthi bamthumelele amacwecwe okumthuthuzela nokumkhuthaza mhla wagwetywa yinkundla. Ndingabalula imiyalezo yovelwano eyayivela kwimidaka eyayibhalwe ngolu hlobo:
Xa umoya kaThixo uphila ngaphakathi kuwe musa ukukhathazeka. Ivela kuNkosikazi Hanisi. Yiba nguwe ezintweni zonke, uthethe inyaniso ungathengisi ngayo. Ivela kuNkosikazi Gotyana. Yonke into oyenzayo, incinane inkulu, imbi intle, yazi ukuba kukho iliso elikubonayo. Ivela kuNkosikazi Nosiseko. Ukusebenza nzima nokuzinikezela emsebenzini yindlela esinga empumelelweni. Ivela kuNkosikazi Nosidima. Izinto zimbi. kodwa ayikho eyegqitha umntu othanda
ukulinganisa. Abantu bakwamkela uyile nto uyiyo, ungalinganisanga ubani othile owaziwa ngento ethile.
Ivela kuNkosazana Mbunyuza.
Xa unomonde nenyameko ezintweni zonke, uya kuphila ubomi obude, ukuze ekugqibeleni zife
iintshaba zakho.
Ivela kuNkosozana Nomncekelelo.

Kusuku lwesixhenxe efikile uMnu. Qhalikhitshi eNgqushwa kugaleleka uKhuselwa. UNala oligosa eliphambili emthethweni uthululele uKhuselwa kwimvaba abe ethululele kuyo uMnu. Qhalikhitshi ngezolo. Wazama ukumcacisela uKhuselwa uNala lo, emnika nocingo olwalurhoxisa isigwebo seNkundla. UNala wambetha ngemfe iphindiwe uKhuselwa, wada wazenza umntu onosizi. Kaloku waye ezamkele zona izicengo zokunyotywa nguVuyisa ngeso sikhundla. UQhalikhitshi elunga nje kweso sithuba akazi yena ukuba ungumvali ovalela uKhuselwa. UNala yena sele ezele uxakaxa oluphuphuma kumaphaphu kaMgxali. Uvakalise ukuvelana noKhuselwa ngeso sikhundla , emcacisela ukuba kudala sikho, kodwa ke ngelishwa kungekho bani wakusivala. Ethubeni kufike umankankela wegqwetha uMnu. Qhalikhitshi wenza isicelo samkelwa. Uthethe wophela uNala ebonakalisa ukuvelana noKhuselwa de abe umbonela isithuba sokutolika imithetho kaRhulumente.
Ekruqukile kukuhlala ekhaya uKhuselwa wasamkela eso sihlalo siphantsi sokutolika endaweni yeso sobugqwetha. Usebenzile uKhuselwa exakanisekile yile meko azibona egaxeleka kuyo. Akuphuma emsebenzini ngenye imini usinge edolophini. Ubuphalaze kuNambitha ubukrakra bentliziyo yakhe. Umyalezile ukuba le nyewe mayiye kufikelela ezindlebeni zikaMnu. Vuma. Konke oku ukuthetha ngocingo lweendaba. Wothuka wabanda uNambitha akuziva ezo ndaba. UMnu. Vuma waye engekho kwelo laseTranskei. Umkhondo wakhe ongacacanga kakuhle wawusalathwa kwimimandla yeKapa neziphaluka zalo.
Akazange azole uNambitha akuba eyivile imeko kaKhuselwa. Ubemana ukuyincokola ngelizama ukufumana uncedo namacebo ngalo mzuzu uMnu. Vuma angekhoyo. Emzuzwini uNambitha utsalele uKhuselwa umnxeba. Kwaba yinto emnandi kuKhuselwa ukuthetha noNambitha emnxebeni. Ufune ukwazi uNambitha ukuba ingaba imeko ayikatshintshi na emsebenzini kaKhuselwa. Ulandule uKhuselwa ezixela ukuba uzimisele ukuyinyamezela imeko

yomsebenzi. UNambitha wavakalisa uvelwano ngomhlobokazi wakhe uKhuselwa. Umkhuthazile ebethelela ngamandla ngelithi; Ekunyamezeleni ukho umvuzo. Uphethe exelela isihlobokazi sakhe ukuba yena usaya kufunda eLondon okwethutyana. Uthe ngumnqweno wakhe ukuba athi ebuya, zibe ziqhawukile iimbophelelo ezithandele uKhuselwa. Wawabulela amazwi enkuthazo avela kuNambitha uKhuselwa. Wamnqwenelela nethuba elihle ngexesha afunda phesheya umhlobokazi wakhe. Umcengile uKhuselwa uNambitha ukuba aze amane enxibelelana naye ngomnxeba xa enalo ithuba loko. Bashiyene bonwabile bobabini aba.

-11-
Umlingi Akaphezi

Isopha intliziyo, umphefumlo wakhe ungenakuzola, liphinde lasibekela kuye. Uzityande igila kwangoko kuMnu. Nala ngolu hlobo, Ndiqinisekile uyayazi imbalana engobomi bam ukuba izele amahlandinyuka. Indlela endiyihambayo liqhina elingumnqantsa. Oko ndafelwa ngubawo andizange ndizuze lonwabo. Ndaphelelwa ngumsebenzi wobugqwetha ndiphuma esikolweni ngenxa yamayelenqe. Lo msebenzi undiphelela ndingagqibanga nenyanga enye ndisebenza njengegqwetha. Ndiwe ndivuka ukuzama amalinge okuphila, asemfiliba nakaloku nje. Kulithuba elide ndihleli ndinga-sebenzi. Ndizamile ukumfuna unobangela kwizinyanya zakowethu emaMpondweni, suka zathi cwaka. Ndizibuzile nakuNdikhoyo-kaMenzi ukuba unobangela yintoni na, suka ndeza ze. Ndiyile kwabanamehlo okubona kude, suka babika imbiba babik' ibuzi. Ndithi kuwe andinabazali, nezihlobo ezikhoyo zindibalekile kuba ndiyahlupheka. Ilifa lemfundo elingaboliyo ngokutsho kukabawo uDumile, mna ndithi liyabola. Ngenxa yamashwa endinawo mna ndibalekwa nangabegazi lam. Ndithetha nawe nje ndingumpha ochutywe walahlwa. Umhla nezolo, ndiyaphawula, andambethe amashwa. Ubomi endibuphilayo mna bukrakra okwencindi yekhala. Ndifumana ukulila nokungcungcutheka, ndicudiselwe kuko. Ingathi kukho sinyanya sithile sakowethu esimana ukuthi, fumana nabo obunye ubunzima egameni lam, kodwa ndinoloyiko, ukuba kukuthanda komntu njengoko ndirhana, angenzi ade agqithise hleze ohlwaywe nguYehova. Nakule mbali uNala wabonakalisa ukuvelana nomntu wayo emxolisa ngelithi, Liyinene lona elithi, imfundo lilifa elingaboliyo.
UKhuselwa uwusebenze ngocoselelo umsebenzi wakhe wokutolika. Abasebenzi bonke bamthanda nangendlela abencokola ngayo nabo kwakuphunywa emsebenzini. Wayekhululekile, intlungu anayo ingabhalwanga ebusweni bakhe. UQhalikhitshi wathi akuyihlezelwa nguNala imeko kaKhuselwa emxelela ngokuba yena Qhalikhitshi uhleli kwisikhundla esasalathelwe uKhuselwa, wanovelwano
olunzulu, wamthanda uKhuselwa. NoKhuselwa wasebenzi-sana noMnu. Qhalikhitshi ngentliziyo ekhululekileyo nengamnqalanga. KuKhuselwa yayisele icacile eyokuba esokola nje usokoliswa nguVuyisa Mgxali. Ngaminazana ithile xa beza kuya kwisidlo sasemini abasebenzi, kufika imfono-mfono ifuna uKhuselwa Hombile oligqwetha apho. Bahlekisa ngayo abanye abasebenzi loo mfono-mfono. Akuba eyibambile uKhuselwa kwathi kanti ivela kuMnu. Vuma:
KHUSELWA : O! Mnu. Vuma, ndiyavuya ukuliva ilizwi lakho
	 emva kwethuba elide ndakugqibelayo. Kunjalo
	 nje mandikubulele ngako konke ondenzele kona
	 kwithuba eligqithileyo.
VUMA	: Noko MaKhusi yintwana encinane leyo.
	 Ngaphezu koko ngumsebenzi endifanele ukuba
	 ndibe ndawenza kudala, koko amaxesha kaloku
	 asingowethu. Phofu ke emsebenzini uqhuba
	 njani?
KHUSELWA	: Ndiva kabuhlungu ukukuxelela ukuba apha
	 ndafika sele kukho indanga-ndanga yegqwetha
	 eliphuma eTinarha uMnu. Qhalikhitshi
	 osengene waphelela kwesa sikhundla
	 wawuthetha ngaso kum.
VUMA	: Uyathanda ukuqhula ngezinto ezingeyonyaniso
	 Khuselwa.
KHUSELWA	: Bhut Ncibane, kanti ndikuxelela inyaniso
	 emsulwa. Mna andazi nje ukuba ndingaphuma
	 njani na kule nkonzo yobugqwetha. Xa
	 ndingafumana imali bendingafundela enye into,
	 ndiyilibale le yobugqwetha.
VUMA	: Khuselwa, ndisendleleni eza apho eNgqushwa.
	 NgoLwesine weveki ezayo ndiyakhwela. Hlala
	 usebenze ngenyameko ndakuncokola nawe
	 ubuso ngobuso. Sala kakuhle.
KHUSELWA : Enkosi Bhut Ncibane, sala kakuhle.

UKhuselwa akaphindanga waphuma ukuya kwisidlo sasemini. Uhleli apho e-ofisini yakhe, ecinga nzulu. Kucacile nje ukuba imfono-mfono kaMnu. Vuma ixobule ukhokho lwesilonda ebesiqala ukuqulungana silungiselela ukuphola. Loo nto yamvusela iinkumbulo zaseKholejini eFort Hare besafunda nomhlobokazi wakhe uNambitha. Yamcingisa
ikhaya lakhe iselikhaya oko. Uzibhaqe iinyembezi ziqengqeleka. Wagixa kanobom. Wothuswe yintsini yabasebenzi xa bethetha ezipasejini bengena kwii-ofisi zabo. Wazithuthuzela ngokwakhe ngelizifihlayo intlungu akuyo.
UNala waye engene waphelela kwiyelenqe likaVuyisa Mgxali ngoKhuselwa, ekuthe zakuvakala iindaba zokwenza kwakhe ngocoselelo umsebenzi uKhuselwa, kucaciswa kananjalo impumelelo akuyo emsebenzini, yahlamba intliziyo kaMgxali. Wahlala elinye igqugula lenyewe ngemfono-mfono noNala. Akuphelanga ntsuku zingaphi, uKhuselwa wafikelwa sisipheke-pheke sencwadi yaseMthethweni. Uyibone kwangoko ukuba ivela kwaZwelitsha eNkundleni, wabethelwa luvalo. Incwadi leyo incokole naye imalathisa eHewu apho aya kutolika khona imithetho kaRhulumente. Wavakala esithi, Umlingi akaphezi, kodwa nalapho ndiyaya, uThixo wakowethu selengaphambili. Uphinde wathwala impahlana zakhe emva kokwenzelwa ithekwana elibhityileyo ngabasebenzi, wonda ngeHewu. Ayemhleli endleleni amazwi athethwe nguMnu. Qhalikitshi kuye ewacaphula kumazwi embongi yasemaNgesini uRudyard Kipling athi:

If you can trust yourselfwhen all men doubt you,
But make allowance for their doubting too;
Ifyou can wait and not be tired by waiting,
Or being lied about, dont deal in lies.

La mazwi ebemenza angazi nokuba nguye na unobange1a wemeko akuyo, nokuba ngomnye umntu kusini na. Eyayimcacele yona into yeyokuba uMnu. Vuyisa Mgxali waye ekho kwimeko yakhe yokungafumani msebenzi ngenxa yamazwi awawathethayo kuye mhla waqala ukunyathela kwiNkundla yakwaMantyi kwaZwelitsha.

12
KwaNozabemdela

Isuke yaphungu-phunguza intombi yomntu yakuzibhaqa ukuba iyabhatyaza. Ibizigqibele iligorha kwasebuntwaneni, ikhula kungekho nto yayiyinqwenela ize iwe phantsi kuyo. Ibifanele kambe kuba izalwa ligorha netsha-ntliziyo uyise. Izibuze imibuzo engaphendulwa bani ngolu hlobo: Kutheni ngoku, sele ndaba lityutyusi legwala na? Kwenzeke ntoni ebomini bam? Umsebenzi ndiwufumana kusasa, kodwa litshona ilanga sendingekho msebenzini, kwenzeka ntoni na kum? Yintoni na ebangela ukuba kungqingqize izingqi zotshaba emva kwam? Kundilungele na ukuba ndinikezele kulo iwenze intando yalo kum ngam? Lwakuthi iwakonela ndiqalise ngemizamo yokuzifunqula ndizizama ukuze ndibuyele ebuntwini? Xa luthe lwakundifumana lwandosela, ndoba ngokabani? Gxebe! Mandizame ndirhubuluze ngesisu njengenyoka, ndisenakho ukusinda kwisandla sotshaba lwam. Ewe, ndaweni yokulinda ukufa kwam ndilele, makufike ndimi ngeenyawo. Mandixhobe ndif amacala ndizame ngako konke endinakho mna ukuzisindisa. AmaMpondo akowethu angamaNgqika, ayangqina engayiphikisi intetho yakwaRharhabe ethi, Kuf' ayayo. Emva kothotho lwale mibuzo uKhuselwa wabiwa bubuthongo kuba wabe engqengqe phezu komandlalo wakhe.
Lithe chapha ukuphuma ilanga wabe enqandelwa izinja kwaNozabemdela eNgqele, injongo ke ikukuba akhangeliswe lirhorho zamatye ezingaba zimjongile, iirhorho zasemibhinqweni yabafazi ezingaba ziyamlandela. Ngethamsanqa ufike nokugaleleka kwegqirhakazi livela kumhlaba kaVuba eTinarha. UNozabemdela namhlanje udutywe umzimba nguloliwe. Kwimpilo nemvelaphi kasingaye, uvile ukuba intombi ifuna iindaba ezinkulu, koko kube ngelishwa kuba lilandule igqirhakazi ngelithi makeze nomntu osivayo nokwaziyo ukusithetha isigqirha, noya kuthi abe ngumbuzeli. UKhuselwa uzamile ukucacisa ukuba uzibile yaye uza kuzivela abuye azibuzele yena ngokwakhe. Lalandula igqirhakazi ngelithi, alinaxesha lamntu ufuna ukufundiswa isigqirha lona, ebugqirheni kuyaphula-phulwa,
kuyagwadlwa okanye kuyavunywa.
Akuqonda ukuba akukho xesha lakuteketiswa kwakhe uKhuselwa akaphikanga nto. Unge akayanga eZihlahleni wabuya ngokukhawuleza sele ephelekwe ngumphakathi waKomkhulu wasemaGqunukhwebeni, uMncekeleli kaPeter. Wothuka wabanda uNozambemdela xa athi ukuthi, balulu amehlo, abe esithana ngqwakaqhwa kwanoKhuselwa. Kwesi sihlandlo akaphozisanga maseko usuke wee nca emgceni exela abangayo nonobangela. Uve weva umchazwa ngokwasezindabeni ezinkulu ebuzelwa ngumbuzeli de wadikwa yeyokosa. Uhlangulelwe ngumbuzeli ngelibuza kwakwigqirhakazi ukuba makuthiweni na xa kunje.
Lithe nje ukuba lo mbuzo ugqobhoze ezindlebeni zalo igqirhakazi, labanjwa yinkantsi umzimba walo. Libhodle lihlasimla igqirhakazi. Lithe ngokwesithethe nesiko lasebugqirheni ababizwa ngamagama abathakathi abathakatha umntu
Namhlanje elo siko ndiyalaphula, eso sithethe namhlanje ndiyasinyathela. igqwirhakazi elibulala wena nguwe lo. Impundulu etya wena nguwe lo. Isithunzela nothikoloshe ohamba naye ubizwa nguwe. Nditshilo kwakuqala kuwe ukuthi uhamba ze, akwambathanga. Imbeleko! litsh igqirhakazi, litsho kamnandi bafondini basekhaya. Bamvile bamqonda undonakele apho ulele khona. Bamrhuma uNozabemdela bemqhula ngelithi, Kaloku wena unamehlo okubona kude nalapho singaboniyo thina.
Baphinda indlela okokhuko lomtshakazi uMncekeleli noKhuselwa bencokola ngoNozabemdela endleleni, nangendlela awuhlasele wawuhlabanisela ngawo umhlola. Bamthulele umnqwazi ngokuwuchana umhlola. UMncekeleli umkhuthazile uKhuselwa akubona ukuba uyalithakazelela isiko. Uyicacisile nento yokuba uninzi lwabantu luthi lwakugqiba ukufunda luwatshikilele amasiko ngokuthi zizinto zobumnyama. Amakholwa wona athi ziinkolo zasebuhedenini amasiko. Uyakhumbula ukuba uYesu wathi:
Andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. Andikuqabi ngentshongo emehlweni, ndiyakukhuthaza inene. Uyalungisa, ungathi wena wakuba ufundile uqhelane nezawukawuka zokuba isiko zizinto zasebuhedenini. Bakuba befikile elalini uKhuselwa uye kumothula kowabo umfo kaPeter njengoko ebeye kumthatha ngenqwelo-mafutha.

-13-
Amazwi KaXhomiyakayaka

Omnye umfundi uza kufuna ukwazi ukuba uKhuselwa uyithathe phi na inqwelo-mafutha akhwelise kuyo uMncekeleli Peter ukuya kwaNozabemdela. Kaloku zikhona izithuthi othi xa uzikhupha kumgaqo wazo wesiqhelo zikubize iiRandi ezintathu ukuya kwezintlanu. Ndithetha ngezi zithuthi uthi ungena nje kuzo, ube usiva umculo onemibuzo ethi;
Nomsa ntombi yam,
Awusenamahloni,
Yhini ubhema usikilithi
Phambi kwam?

Phulaphula wena yakuguqulwa loo khasethi. Ibuza umbuzo zibekwa nje;
Awu! Makoti,
Mawungilethela ukudla,
Awusaguqi manje?
Hawu! Nabo ke,
Oomakoti besimanje-manje.

Le ke yinqwelo-mafutha kawonke-wonke abebehamba ngayo uKhuselwa noMncekeleli kaPeter ukuya nokubuya kwaNozabemdela. Xa uyikhupha endleleni yayo ikhumbi (ngokukodwa umgama ongephi), uhlawula nje imalana engephi.
Xa ejikwa nguNozabemdela uKhuselwa wacinga ngaloo Mncekeleli Peter. UTshonyane lo wena, waye ezazi kakuhle ukuba unguNyawuza, uZiqele. Oku kuthetha ukuba yayinguNyawuza oneziduko ezibini. UKhuselwa waye enawo amarhe angacacanga kakuhle ngokuzalana kwakhe noMncekeleli lo. Amaxesha amaninzi uMncekeleli waye efuna ukumxelela uKhuselwa ngokuzalana kwabo, kodwa abuye arhoxe kuloo nto. Namhlanje lalifikile elo thuba lokuba kudizwe amahlebo. Uhlahle indlela ke uMncekeleli ngokuthi anike uKhuselwa ibhokhwe yembeleko. Uthe xa eqala ukucacisela uKhuselwa ukuba bazalana njani na,
wamcenga uKhuselwa ngelithi basaphethe umsebenzi. Wavumela phezulu noMncekeleli ewubona nomdla uKhuselwa anawo kulo mba. Bawalatha umhla womsebenzi, bavumelana nangexesha lokuwuqala.
Kwiivekana nje ezingephi, kuze isimelwane nezizalwana kuloKhuselwa Hombile. Igqibe kwelokuba inyangwe intombi yomntu. Uthethe wophela uMncekeleli nooyisemkhulu kunye nooninakhulu bakaKhuselwa. Uwabize ngokuwabiza amaMpondo, ewucacisa umcimbi ekungawo. Uwanqule ewabiza ngamagama awo amaMpondo, evelise ibhokhwe emnyango. Aviwe amagama ooBhala, ooGangatha nooFaku. Usuke naloo bhokhwe emnyango wenjenjeya ukuya nayo ebuhlanti eyithe chu ngeempondo. Uhambe ngeenyawo ehloniphile nokuhlonipha uMncekeleli.
Umi exhantini wabhekisa yena ngokwakhe kumawabo aphilayo nakulawo angasatyi sandlwane seebhokhwe ezitya ingca. Ungxengxezile ezibika ubutyala ngamatyala akhoyo ekhaya eli. Uye ephuphuma ngumoya xa ebika ubuze bukaKhuselwa kumawabo. Uwabize onke amaMpondo de wabiza ngegama uDumile uyise kaKhuselwa. Ibhokhwe uyiwise emthonyameni eyalela ukuba mayiwiswe ilale ngecala lasekhohlo, ijonge yona emaxhantini. Uthathe umkhonto yena siqu. Wathunga ngawo ebhokhweni apha phakathi kwemikhono nemilenze. Ngeli xesha ibhokhwe ilele ngomqolo. Esenza le nto nje, ngalo lonke elo xesha unqula amaMpondo. Emva koko uyinyole buyihlaba embindini wesisu ibhokhwe ngomkhonto. Yahlahlamba ibhokhwe ixela ukuba icamagu livumile. Kuvakele isiwili-wili enkundleni yeli khaya isitsho emva kwakhe, Camagu. Zatyondyotha iintombi ezingamaxhokosha zizama ukubonga. Kobo buxhokosha kwaqaqamba uNomduntsuzo intombi kaMvimbeni.
Ihlinziwe ke ibhokhwe ngokomyalelo kaMncekeleli, kuhlonelwe uhlobo olo lwebhokhwe yomsebenzi. Inyama ikhutshiwe ngokwembeko negama layo ngohlobo lwasembelekweni. Isifuba, intloko namanqina zikhutshwe ngokohlobo lwazo. Yakhutshwa intsonyama ekhwapheni kwigxalaba lasekunene. Le ntsonyama yile ingazi kugalelwa tyuwa, koko ithontsizelwe amathontsi enyongo ityiwe nguKhuselwa nomama awaye emcelile ukuba abe ngumzali wakhe endaweni kanina. Imini le babeyihombele ke. Whena! Ityiwa nje inyama le, ibekwe phezu kwamahlamvu okanye amasebe omnquma. Kuqatywe ingxwala ngumdlezana nosana lwakhe. Izibindi zityiwe ebuhlanti ngootata, yaza eyangaphakathi yatyiwa ngoomama. UMncekeleli uyalele ukuba ithumbu lamanqe nesandlwane zigalelwe inyongo, zojiwe, zisiwe emaxhegweni. Usinga olumhlophe olusemqolo ulukhuphe ngokwakhe kusasa ngosuku Iwezipheko. Imbiza yokuqala ukuphekwa nokophulwa ngumkhono wasekunene. Iimbiza uyalele ukuba maze zophulwe ngentsimbi yokuqala ngelithi; Le ntsimbi isikelelekile xa kusenziwa umsebenzi emaXhoseni.
Inyongo ichithiwe kwaza kwisingxobo esisukiweyo kwagalelwa iintsimbi nosinga. Abazalisikazi bokoluka intambo babesele bechongiwe. Kwakukhethwe abazalisikazi abangabazili. Yolukiwe intambo leyo yanamaqhina angemnqakathi. Phambi kweso sidlo uyinxityiwe intambo yakhe uKhuselwa, wayalelwa nekufuneka ekwenzile ngofele. Intloko, amanqina nomlenze wasekunene ziphekwe zatyiwa kusuku olulandelayo xa kutshiswa amathambo.
Abantu basebuhlanti nabasekuhlaleni bawuncoma lo msebenzi bewucamagushela nokuwucamagushela. Bonke bethu bamnqwenelela ukudeda kobumnyama kuvele ukukhanya, ekwakungazeki kakuhle nokuba ingaba zona izinyanya zasemaMpondweni zikwamkele kakuhle na ukungxengxezwa kwazo nguKhuselwa intombi nomzukulwana wazo. Umnqweno kaKhuselwa wona yayingowokuba elo gazi lale bhokhwe linga ngokuphalala kwalo lingahlamba ilishwa elasoloko limambethe.
Eyona ndlela yokuxilonga isiko ukuba livumile yiyiphi na? Ewe kukuxibilika kwengubo yezothe obe uyambethe, isimnyama nesikhwakhwalala obe unazo ziphele. Lawo ngamazwi awayecingwa nguKhuselwa eyedwa. Eyona nto yayimkhathaza uKhuselwa ngamazwi kabawo uDlamini, uMaphiko, uMpembeni, uSolanga, uNdlovuzidl ekhaya ngokuswela umalusi, ingwevu uXhomiyakayaka. Le nkathavu yengwevu yayiwazi kakhulu umzi nabantu abakhulu bakwaHombile emaMpondweni. Yathetha kakhulu ngale mini kwambathiswa uKhuselwa yenjenje: Ukwenjenje oku ntomb' am kukwendisa ukucinga. Ndikhumbula abantu, izikhulu zomzi wakowenu, iingxilirnbela, izikhwakhwa zamadoda endiwaziyo mna, kub ezinye zizelwe phambi kwam, ezinye zizalwa nam, kanti ezinye zizalwa ndihleli ndiyile nkalanzinzi yengwevu. Ndizelwe ndawazi lo mzi,
nezinto zawo ndazazi. Wakubabiza ooyihlo-mkhulu ngolu hlobo, ndiyavukelwa, kuba ndazi kakuhle apho uphuma khona, nale ndlela uyihambayo ndiyibona icacile apho iza kukusa khona. Ewe! Amadoda abanikazi balo mzi yayizizikhwakhwa, izikhulu nasekuhlaleni, oophopho, beneentango zisithile, bengazigasi phofu ngemfuyo yabo. Wena ke ntombi yam Khuselwa, ungumnombo ophuma kwezo zangxa zamadoda, ekuthe ngenxa yokuhamba kwamaxesha kwafumana kwayile ngxobhoshishi kuyiyo namhla kowenu. Lisiko lakowenu ukuthi akuzondelela ezingile amashwangusha kuphalazwe igazi, kungxengxezwa kwizinyanya zeli khaya. Bekusenziwa oku ngenxa yonakano lwento engabonwayo ngeliso lenyama. Xa uhamba ngale ndlela uhamba ngayo wena, usekhondweni lendlela eyayihamba ooyihlo nooyihlo-mkhulu. Ekwazini kwam kwanyandla, bekuthi xa kuthe kwabakho ixwabaxu kulo mzi, kudliwane iindlebe, sisonjululwe eso sintsompothi sentsonkotha ngokungxengxeza, kuphalazwe igazi budede ubumnyama kuvele ukukhanya. Bekuba chosi kube hele limke elo lishwa. Nawe ke ndiyakuqinisekisa uza kuwubona umahluko.
Ngaloo mazwi ke awayemana ukunkenteza kwingqondo kaKhuselwa. Imvuyisile eyokuva ukuba uphuma kumnombo olandeka kakuhle kangaka, wabe ehleli ezingca ngabantu bekhaya lakhe kakade. Namhlanje ingwevu yasemaZizini imthwalisa intshinga ngamathambo akowabo alele ukuthula.


-14-
Ligqwetha Kwakhona
UKhuselwa

Ekufikeni kukaMnu. Vuma eNgqushwa edolophini uye ngqo kwiNkundla yakwaMantyi ngeliya kuKhuselwa. Wothukile akuva ukuba uKhuselwa uneentsuku ezingephi etshintshelwe eHewu. Ungene kwinqwelo yakowabo yasisichenene ukusinga eQonce, nanko esinga kwaMantyi kwaZwelitsha. Apho ufike phambi kwesidlo sasemini. Uthetha-thethene nabasemagunyeni ekulawuleni umthetho. Akazange abe mde, usuke wathi dum-dum nje kwiintloko zeenyoka. Kwakamsinyane uphumile apho. Uyipheke eyophula inqwelo yakowabo ukugqitha eCumakala, eKati-kati, nanko eya kungena eVetlisi abasebenzi bethe nqwadalala emsebenzini wabo okweenkomo zincamathele engceni. Akubanga thuba lide badibana noKhuselwa, bawelana phezulu, bawolana bade bangana.
Akuphuma emsebenzini uKhuselwa yena noMnu. Vuma baye kwikhaya elihlala uKhuselwa eSada. Apho kwakuhlala indoda eyayimazi uyise esadla amazimba. Indoda enkulu ye!i khaya yayingumfundisi wakwaLizwi, inkosikazi yayo ingunobhayibhile. Ngumzi wakwaMrhwebi 1o. Ummelwanekazi walapha ekhaya nguMaGatyeni ongumthandazelikazi. Kwamhla wafika uKhuselwa kweli khaya wamkelwa ngobubele kwenziwa isibhadlalala somthandazo, kucingwa uyise uDumile Hombile ababehlala naye oko ebesadla amazimba. Akuba eyanekile uKhuselwa imeko akuyo, bamana ukuhlangana qho xa aphuma emsebenzini bayiyaleze koPhezulu bebetha ucingo olucela iintsikelelo. Ngokufutshane uKhuselwa waqonda engena nje emnyango ukuba, kulo umzi wamkelekile. NoMnu. Vuma wamkelwa kulo mzi kuba uKhuselwa waye ethethe kangako ngaye kwamhla wafika. UMnu. Vuma akuziva naye ezibona kanjalo ukuba wamkelekile apha, wazichaza ngokwakhe ukuba ungubani na, engunyana kabani na, ephuma mlambo mni na, kwesikabani na, uyintoni na umsebenzi wakhe, liyintoni na ikamva lawo. Emva kwezo nkcukacha zingako
zasemaXhoseni kubizwe uMaGatyeni. Naye uchazelwe ngoMnu. Vuma. Ive ivile intombi kaNomala. Emva koko kuyiwe emadolweni njengesiqhelo. Bazibike ubungento besaneka nobujacu babo ngokwasemphefumlweni. Bamcelile uNyana woMntu ukuba abathobele iintsikelelo begxininisa kuKhuselwa nakuVuma. Emva komthandazo oshushu onjalo uKhuselwa noVuma bakhululwe ngemvume yabazali aba ukuba baye edolophini kuKomani okwethutyana.
Isidlo sangokuhlwa basizuze eCentral Hotel kuKomani. Kulapho uKhuselwa awaqhaqhe khona amabholo namahla-ndinyuka angeNgqushwa nomsebenzi wakhe nangendlela awathi wazibona sele engumtoliki wemithetho kaRhulumente. Uyichaze imeko yakhe de waya kuyithi tya ekuzeni kwakhe eHewu ngephanyazo. Uve weva wonela uVuma. Umxelele uKhuselwa ukuba yena sele evela kwiNkundla kaMantyi kwaZwelitsha, apho athethene namagosa aphambili emthethweni ekube kukho phakathi kwawo uMnu. Vuyisa Mgxali. Avumelene ukuba usebenze njengegqwetha, ukuba kukho mntu uthile usaziyo isimilo sakho, asichaze. Bebesithi boyikisela kwawena ngelithi ukususela okuya wawusezindabeni akukho bani unokuphinda akuthembe kumsebenzi wobugqwetha, utshilo uMnu. Vuma kuKhuselwa. Zamvuyisa uKhuselwa ezi ndaba, esazi ukuba into yencwadi eya kuchaza ngesimilo sakhe yinto engephi. Bonwaba ehotele noMnu. Vuma lushushu uthando phakathi kwabo. Babethandana okomntu nodade wabo kuyo yonke loo nto. Yinto eyayimana ifika kuMnu. Vuma eyokuba kanene unguNcibana uNojaholo yena, akazalani nakancinane emaMpondweni. Wawuthi wakufika lo moya, awubhaqe uKhuselwa awuchile ngobuchule boncumo. Waye evile kaloku ngomhlobokazi wakhe uNambitha ukuba uNcibana lo nguyise wabantwana ababini, yaye nonina wabo udla amazimba. Kungaqhogana umntu obhinqileyo noyindoda uyayazi ke nawe into ethethwayo ngabo, ngokukodwa xa bengazalani nokuzalana. Kwaba njalo ke nakuVuma noKhuselwa. Oomayifundivaliwe noomangena kuvaliwe bayisasaza yaya kufika koomachophayichaze eyokuba aba babini bayathandana. Ukuthandana andibi yimvumelwano phakathi kweentliziyo ezimbini? Asiyomvano nje ekwinkangeleko yabantu nangaphezulu.
Ekuhambeni kobusuku baphindele kwaseVetlisi. UMnu. Vuma ukhe wahlala iintsukwana apha kwabawo uMrhwebi.
Bawandlala umba kaKhuselwa ngaminazana ithile ekhayeni apho ekho noMaGatyeni. Ubawo uMrhwebi nowakwakhe babemazi kakhulu uyise kaKhuselwa uDumile Hombile oko ebesadla amazimba. Bayenza ngokulula incwadana engesimilo sikaKhuselwa, nayo yayalezwa kuNdikhoyo-kaMenzi, kukwayalezwe nezandla eza kufikela kuzo. Ngosuku olulandelayo uMnu. Vuma uphinde wangena endleleni ekumsebenzi wakhe. Uthembisile xa aphuma kumpondo-zankomo kwaMrhwebi eSada, ukuba bakubonana kwisithuba esingangonyaka iNkosi ivuma. Kwisithutyana nje esingephi uKhuselwa esebenza njengomtoliki kwaMantyi eHewu, wabizwa wanikwa incwadi esongiweyo emxelelayo ukuba kwinyanga ezayo uya kuqalisa ukusebenza njenge-gqwetha.
Usebenze kwiNkundla kaMantyi eHewu. Kulapho kanye uyise wasebenza khona ekhonza isizwe ngenkonzo engenachaphaza de wasutywa kukufa. Ayihlokomisile amaphepha-ndaba kwizihloko ezithi: Uphinde waligqwetha kwakhona uNkosazana Khuselwa Hombile. Oomabona-kude bakuvakalisile oku, ngoku bethetha ngoKhuselwa evathe izivatho zomthetho. Oonomathotholo abantetho isisiXhosa bahlahlambe kwayintsholo yamaxoxo exokozela ngoKhuselwa. Bekuthi xa kuza kungena imbizo phaya ngasebuhlanti kumadoda asezilalini, uve amadoda exoxa exhaphe amagwebu, ephikisana ngale nyewe yentombi kaDumile Hombile engene ezihlangwini zikayise. Ezi ndaba zaziwukrazula kubini umphefumlo womtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha uVuyisa Mgxali.
KwaMfundisi uMrhwebi apho ebehlala khona uKhuselwa bekuthandazwa umhla nezolo ekho nomama umthandazeli uMaGatyeni. UNdikhoyo-kaMenzi uwuvile umthandazo wabo usisikhalo esikrakra ezindlebeni zakhe. UKhuselwa wazimela waligqwetha elinegumbi lalo. Apho waye esebenza khona wawubona ugqitha ngendlela emnyango kwakubhaliwe kwathiwa:

KHUSELWA HOMBILE & ASSOCIATES

Ngoku uKhuselwa waye encedisana noZandile Ndzube intombi yaseSheshegu eDikeni eyafunda yaphumelela eYunivesithi yaseRhini. UFundile Xayimpi owaphumelela imfundo yakhe KwiYunivesithi iRAU wakuZingquthu
kwisithili saseQoqodala naye waye engumncedisi kaKhuselwa. Amatyala athile yena noZandi babewaqoshelisa, ukuze ubukhulu becala aqatha aye eNkundleni noKhuselwa. Umsebenzi ube namagingxi-gingxi ekuwusunguleni kwabo. Ngokuhamba kwamaxesha baye bemana ukuwatyumza tyum amagade endleleni yabo, de ube uyatyenenezwa umendo emsebenzini. Andibi na kaloku bazibonile iziphoso zabo?


15
UMvangeli Nehasa

Ubuchule bokuchophela amatyala abe nabo uKhuselwa bamenza undaba-mlonyeni kwiilali zaseHewu. Nditsho
kwiiDidimana zombini, kwiiLahlangubo zombini, eSawutiya, eRomanslagte, eNtabethemba, eMhuswa, eNgotini, eMlenze naseHukuwa. Waba yintandane kwimizi yoshicilelo maphepha-ndaba. Koomabona-kude wabe eyinzwakazi esisithandwa, umthunzi opholileyo wokuphumla abasasazi abaphuma ezipholileyo nezishushu iindaba kumajelo awohlukeneyo osasazo. Ndithetha ngejelo losasazo lesiXhosa, laseTranskei, Ciskei, Metro neRadio 2000.
Le ndumasi yegqwetha elinguKhuselwa Hombile ibe sesona sizekabani sokuba intlaninge yabantu ivumbulule amahasa amatyala iwase kuye. Elona hlebo kwimpumelelo yakhe ibikukuwahluza amatyala amakawaxoxe njengegqwetha. Ebengamkeli nemfitshi-mfitshi yetyala kub esithi ufuna imali. Lawo awakhethileyo amatyala ebewaxoxa axhaph amagwebu, aqiniseke kanjalo ukuba uzuza uloyiso ngawo. Uthande ukusingatha amatyala emizi-mveliso emikhulu. Mandibalule eyaseVetlisi, kwaGompo, eQonce, eBisho, eCumakala, eKati-kati, kwaKomani, eLady Frere naseCala. Abantu abakwiinkathazo zamatyala bengenamthetheleli ebevela engumthetheleli wabo. Phantse ngaphezulu kwezinto zonke eziphezu komhlaba phantsi kwemitha yelanga igama loxolo ibe yeyona nto awabe eyihlonele.
Ngaminazana ithile kufik uMvangeli uNtshutshiso etshutshumba yintshutshiso yehasa letyala lokonakalelwa yintombi yakhe uNodywebheza. Le ntwanazana kuthiwe yonakaliswe ngumtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha ngexesha yayingumfundi kwisikolo soqeqesho zititshala iLennox Sebe. Lalikhe laphathwa ityala eli, suka uVuyisa Mgxali wamelana ngeqaqa noNodywebheza. Uputalazile esiwa evuka uMvangeli uNtshutshiso ebopha amabande. Uthe engapha wabe engapha, athi ekulaa nkalo abe ekwelaa qolo. Ngenxa yokungazi nentswelo-mali wehla nomcinga. Akuzange kuphinde kuvakale mkhondo, kuba amalinge neenzame zokufuna umnini-senzo enziwe, koko ngelishwa
awe phantsi. Loo ntombi yakhe yaphuma kwaZwelitsha eLennox Sebe igqwesile, ithwele intshinga ngenxa zonke. Ngezandla yayiphethe isiqinisekiso esingqina ubutitshala, emqolo ibeleke usana olungenayise.
Kufika uKhuselwa nje eHewu umntwana kaNodywebheza uneminyaka emibini ubudala. Ngenxa yokungondleki (mhlawumbi yimfuza), akakaqalisi ukukhasa, ukuntshula abantwana, ukulinganisa izibizo oluqala ngazo usana ukuthetha ezifana nomama notata. Mandithi ludodile usana. Inkangeleko ngokwasempilweni yayinkene-nkene kakhulu. Wabe evathe amanikiniki anyhukunyhuku ngokwakwisi-nxibo sakhe. Bona nalo usana lwambeswe ngesinxibo esingathi yifayidukhwe, ekucacileyo ukuba ibisosula izitya ebezinamafutha. Usana olu lwalujongwe ngunina yedwa, unina ethwele nekhaya lakhe okwethol iduna, owathi ngenxa yobunzima bomthwalo waxel amavila amaninzi okucinga, wazinikela kakhulu kumdiliya omfaxangiweyo, ecikoza exel amaciko ezolo nawomhla wona athi acima iintsizi ngotywala.
UMvangeli uNtshutshiso ulenza umvuka ityala elilihasa likatitshalakazi onjalo nokuziphatha, kwaye ulaneka namhlanje kuKhuselwa Hombile. Intombi yegqwetha lethu uHombile nayo ikwaligqwetha lethu. Yinyaniso epheleleyo yasemabhulwini ethi, igqabi aliwi kude emthini walo. Awu! Akuncome ke umntu omdala wasemaXhoseni, akutyibele ngobuciko obuntubululu okocwambu, engazi yena ukuba ukufaka engxakini, ejonge ukuphunyezwa kweyakhe ingxaki, ungenakho nokwala ukuyisingatha, ngenxa yemiqobo ethile oyaziyo wena, kuba kaloku wakwenjenjalo uyichamele incoko emaXhoseni.
UKhuselwa ubuze imibuzo kuMvangeli uNtshutshiso ayiphendule ngaphandle kwamathandabuzo umbuzwa. UNodywebheza, kuba wayekho, umbuzile naye imibuzo esuke wanga uguda isaqhaga. Kuye kwamhlophe engqondweni kaKhuselwa ukuba uNodywebheza lo ubeneqela lezihlobo ezisenyongweni ngexesha awaye engumfundi eLennox Sebe, ekurhaneleka nokuba uVuyisa Mgxali naye uthe akuva ngesimo sokuziphatha kweso sihlotyana sakhe, waxel ingqiniba emlonyeni. Ityala eli asingomafutha, alinyibiliki kaloku.
Emva kwaloo mibuzo ingephi, uKhuselwa ubacelile ukuba bagoduke, ethembisa ukuba bophinda beve kwangaye.
Bohlukene kakuhle, kodwa kungacacanga nokuba isimangalo siviwe kusini na.
Yaxhuma-xhuma ixela itakane lebhokhwe likhawulela unina intliziyo kaKhuselwa akuva oku kungcola kwenziwe nguMgxali kuziswe kuye. Uzingombe isifuba esithi; Akugqiba ukudlala ngam kubomi bomhla nezolo uVuyisa, ukwazi njani ukuzibandakanya kumanyundululu eenkanuko zenyama nemveku? Ingathi ithuba lam lokuziphindezela kwesi singcoli senyama nomphefumlo lifikile ngoku. Wazimisela ukuba angaze akuvakalise oku nakubani na phakathi kukaFundile noZandile.

-16-
Ngenxa KaNodywebheza

Kwiivekana ezimbalwa phambi kwetyala likaNo dywebheza, uZandile noFundile babezama ukumnqanda uKhuselwa ngento eza kumdibanisa noVuyisa Mgxali. Bobabini uZandile noFundile babengabahambi bakwa-Zwelitsha. Phantse iimpela-veki zonke babezichithela kwa-Zwelitsha. Loo nto yenze ukuba barhogole izimvo nezisongelo ezenziwa nguVuyisa Mgxali kuKhuselwa ngeli tyala likaNodywebheza, iyinto yentsini eyokuba uKhuselwa angaphinda azibandakanye kwinto enoVuyisa Mgxali netyala.
Loo nto yenza ukuba abantu abaninzi abamaziyo uKhuselwa bafune ukumnqanda ngelithi udlala ngomlilo. UZandile noFundile baziva izinyeliso ezazisenziwa nguRhamba liyathwethwa, inyok enobuhlungu yeziziba zomlamb iBhafula. Lowo ke nguVuyisa Mgxali. Babesitsho abamaziyo xa bembonga. Babelubona ngamehlo uluhlu lwabantu analo uRhamba liyathwethwa, ekuthiwa yayiluluhlu lwezihlobo zikaNodywebheza ngexesha angumfundi eLennox Sebe. NgoMvulo kusasa bafika emsebenzini bamcuntsulela uKhuselwa kwizinyeliso nezoyikiso ezenziwa nguMgxali ngeli tyala, oko bekwenza ngeenjongo zokuba makalirhoxise eli tyala uKhuselwa ngonaphakade. UKhuselwa akazange abuye ngamva kwada kwafika imini yamatyala.
Andifuni kukhangelelwa yiNkundla indlela embi yokuziphatha kommangali. Ndiqinisekile ukuba uMnu. Vuyisa Mgxali nguyise walo mntwana sithetha ngaye. Ndithi unina womntwana akathandabuzi uqinisekile. Inye kuphela into ayifunayo yimali yokondla umntwana wakhe kuyise. Ucele ke iNkundla ngam ukuba mayincedisane naye kulo mba kuphela. Ewe, ndiyamazi uMnu. Mgxali ngumtshutshisi omkhulu kwiNkundla yakwaZwelitsha. Ngumfo onesidima, isithozela nokwahloniphekile ekuhlaleni kwaZwelitsha, eMdantsane kwaGompo. Uhlonelwe luluntu ngenxa yokucoceka kwesimilo sakhe emehlweni alo. Ngako oko ke makaqume nali ihlazo liza kumbhentsisa lonakalise isimilo sakhe esihle. UNodywebheza akafuni yena buqu, ufuna ukuba ondle
umntwana wakhe. UNodywebheza uyalufuna yaye ulufanele usuku lwakhe eNkundleni, kutsho uKhuselwa.
Asicingi ngaye nomntwana wakhe kule imeko, ingekuba asinalusizi ngabo bobabini, oyena mntu sivelana naye nguwe, sisenziwa kukwazi ubutshaba obukhoyo phakathi kwakho noRhamba liyathwethwa. Sinoloyiko lokuba aphinde akuchane, kutsho uZandile.
Uyazi kwelaa tyala lakwaGqogqa, kwakungekho nto ikuchaphazelayo, kodwa kwenzeka ukuba into iphume nawe. Kungoko ke sinqwenela ukuba ukhe ungayinanzi into edibene naye nomthetho, kutsho uFundile.
Ngamanye amazwi, nithi ukusa akufiki kabini ukuza kuvusa umntu. Ndiyaniva, kodwa andiyi kuye ngakuzingca ngakwazi umthetho nabuciko. Ndinethemba lokuba iinyaniso ngenye imini uThixo weZulu uza kuzidandalazisa zidule elubala. Ndiyakholwa kwisaci sesiXhosa esithi: Ungayenza into ezinzulwini zobusuku, uwedwa, iinkwenkwezi nenyanga zigqunywe ngamafu angqindilili, kurhuqa inkungu eshinyeneyo, kodwa lakuphuma ilanga, loo nto iza kudandalaza elubala. Nam ngenye imini ndakuwanikwa liZulu amandla, ndiyiphuhlise inyaniso ngaye, kutsho uKhuselwa.
Ngemini yetyala kwiNkundla yakwaMantyi eVetlisi, kwakuthontelene, abantu bakwaZwelitsha, nabaseMdantsane beze kubona uRhamba liyathwethwa, inyokenobuhlungu yeziziba zeBhafula (uVuyisa Mgxali) xa idlalisa ngoKhuselwa Hombile okwesithathu eNkundleni. Zibekwa nje, ityala suka larhosha lithabatha ndlela yimbi. Wonke umntu owayekho apho wabona ukuha liyamlahla ummangali ityala. UKhuselwa waye engazi nokuba wenze ubulumko na ukuzisa unina nomntwana ekwakuhlekiswa ngabo eNkundleni kuxoxwa. Wabonakala ediniwe etyhafile kwisihlalo sakhe sobugqwetha. Ngelo xesha kanye uMnu. Qhalikhitshi oligqwetha likaVuyisa Mgxali, ungenisa ingqina emva kwelinye emkhumbini elikhokela bulinyanzela ngemibuzo ukuba nalo malivume lingqine ukuba liyamazi uNo-dywebheza phantsi kwengubo. Kwakuhlekiswa ngommangali, ngomntwana nangegqwetha labo elubala. Kuloo ntsini idalwe ligqwetha likaMgxali ngabamangali, kwakumana kuvakala isikhalo somntwana esibandayo, ekuye kwacaca ethubeni ukuba lo mntwana wenza esi sithukuthezi sesikhalo ngulo kuthethwa ngaye kaNodywebheza. Ngalo
lonke eli xesha inye into eyenziwa nguKhuselwa, kukuhlala ecaleni lommangali ejonge abagwebi beNkundla emehlweni. Ubuchule obucaciswe ngobuciko nguMnu. Qhalikhitshi ngesimo sokuziphatha esibi sikaNodywebeza sayothusa iNkundla, wabe yena ethelela kubungqina obabuthululwe ngamangqina ecacisa le nyewe.
Enika obakhe ubungqina uKhuselwa ngoNodywebheza ucacise ukubaluleka komsebenzi wakhe wokwakha isizwe sengomso, ecacisa ukuzinikezela kwakhe kuloo nkonzo yakhe yokufundisa abantwana, ekungathi xa abantwana benokufundiswa ngumntu ohleli entlantlathwa ngumva-ndedwa onjengalo udlikidla uNodywebheza, abatsale engaqondi ukuya kubafaka kwingxovu-ngxovu yodaka. Ngako oko, le Nkundla mayikuqaphele ikunqande ukubhengezwa kwesimilo sakhe nawuphi na umntu omsebenzi wakhe umnxulumanisa noluntu. Le Nkundla mayikhumbule ukuba sinjenje sonke siphuma esandleni setitshala, isixonxa siludongwe olunohlalutye. Namhlanje sesigude sampuluswa nje ziititshala. Le ititshalakazi yenza umsebenzi onehatya ekuhlaleni, ikwazinikezele kangako nakwisikolo seCawa, ilungiselela abantwana bethu iZulu. Esikolweni yondla ingqondo, etyalikeni yondla umphefumlo. Yinto ke leyo enqabileyo kootitshala kule mihla.
Umcacisile ukuba unobubele, kodwa akananto esandleni, intombi yomntu efundiswe nzima ngumzali engathathi ntweni, ethe iseseso sithombo sihle sisafanelwe kukuncothulwa siye kutyalwa kumhlaba otyebileyo ukuze sivelise iziqhamo ezihle zokondla umthinjana osaqala ukunqakula ngengqondo, suke sadibana noomakad enetha, oodiza-dala kade bemkhwahlaza, oothambo-dala kade bemqongqotha abangoodlalani bamqhayisela ngemali. Bezezo ngcuka zambethe ufele lwegusha, bamntlokothisa, bammosha, bamlahlekisa, bamenza nzima, bamkhanyela, bahlekisa ngaye, bamshiya. Lo mfanekiso uzotywa ngu-Khuselwa ngelizama ukucela ukwenzelwa kukaNodywebheza imfobe novelwano yiNkundla. Unani na! iNkundla yavala iindlebe zosizi novelwano, yaze yazigqogqa zavuleka ezovelwano ukuze zingaphazami nakancinane ekuphumeni ekulandeleni umthetho.
Ezindlebeni zikaKhuselwa kwakunkenteza amazwi kaMnu. Qhalikhitshi athi: Xa uMnu. Vuyisa Mgxali ebenguyise walo mntwana, noko ngekukho into okanye indawo afana ngayo
nokuba ziintshiyi, amashiya, ibunzi, amehlo, iindlebe, umlomo nesilevu. Le Nkundla mayivume xa ndisithi, ngenxa yokuba kungekho nanye indawo edibanisa ngokwemfano, uyise nomntwana, ummangalelwa uyatyholwa. Ndinoloyiko kuba oyena ndoqo singaye apha namhla ngumzekelo wokuziphatha kakubi kwentombi yomntu, ekuthe yakwenzakala kuloo ndlela ibiyihamba, yacela iNkundla ukuba mayiyincede iyikhangelise oyena mntu uya kuyondlela umntwana. Amdla uKhuselwa loo mazwi, waza wenjenje yena ukuthetha ebhekisa kuMnu. Vuyisa Mgxali, eqonda ukuba eli lithuba lokuba uNodywebheza athethelelwe ngumthetho, nethuba ekufuneka ebonise ngalo iNkundla ukuba uMnu. Vuyisa Mgxali ungumsonto onyikinyiki nje. Umbuze imibuzo embalwa uKhuselwa uMgxali.
Unaye na umfazi Mnu. Mgxali?
Hayi, umfazi wam wabhubha kudala.
Kuvakele ukuncwina kwabantu abahambisana nalo kaMgxali ngelizama ukuba iNkundla ibe novelwano ngulo mhlolo.
Naninabo abantwana nomfazi wakho?
Ngelishwa wayeludlolokazi.
Wena phofu awunguye umdiza?
Andinguye ngokutsho kukagqirha.
Lo kaNodywebheza ngumntwana wakho omthandayo?
Abantwana ndiyabathanda, lo kaNodywebheza asingowam.
Ingaba unawo umnqweno wokuba nethole eliliduna eliya kuzibiza ngawe neliya kuthi liwuvuse umzi wakowenu wena sele ulele kobandayo?
Ndiyakuqinisekisa ukuba lowo ngumnqweno womntu wonke oyindoda.
Mnu. Mgxali ngexesha uNodywebheza angumfundi eLennox Sebe wawuthanda ukuya kwihotele eseNgqosi ngaseMkhangiso?
UMgxali wothuka walenca imilebe engaziva phofu, kodwa iNkundla yawuphawula yona loo mothuko.
Hayi bubuxoki obo.
Bubuxoki ukuba wena waqala ukudibana eNgqosi noNodywebheza?
Lwaxakeka kakhulu ulwimi lukaMgxali elenca umlebe ongezantsi, ephatha kuwucinezela ngamazinyo angentla umlomo.
Kunjalo Nkosazana, kodwa sagqibelisana ngoko.
Uthi naniqala ukudibana ngoko?
Ewe Nkosazana kunjalo.
UKhuselwa waye ezele lithemba lokuba ityala liyamlahla uMgxali, elubona luphithizela ulwimi ludlala undize phakathi kwemilebe.
Kanene le hotele iseNgqosi iphakathi kwemithi namatyholo?
Kunjalo Nkosazana.
Usengumhambi wayo wena?
Andisakholisi kuya ngoku Nkosazana.
Wagqibela nini ukukholisa ukuya eNgqosi?
Kwisithuba seminyaka emibini eyagqithayo.
Uqinisekile ngale minyaka mibini?
Ndiqinisekile Nkosazana.
Uyayazi phofu ukuba ihotele eseNgqosi likhaya lakwavula zibhuqe? Kulapho amadoda afuna iintombi busulwarha azibhada khona? Andibi neentombi ezingamanxanwa, iindidi zonke zamanxanwa zizuza uncedo ehotele eNgqosi?
Kunjalo Nkosazana.
Andibi wonke umntu oya phaya uya ngeenjongo zokuzuza utywala busulwarha, amadoda iintombi busulwarha, iintombi amadoda busulwarha?
Kunjalo ndiyavuma Nkosazana.
Andibi nawe waya ngaloo njongo inye?
Hayi mna, ndandinayo imali mna.
Into owawungenayo libhinqa?
Lowo umbuzo awubanga nampendulo.
Kusuke kwathi cwaka okomzuzwana.
Ndibhekisa eNkundleni, mna ngokwam ndigqibile ngommangalelwa nangetyala atyholwa ngalo, kutsho uKhuselwa.
Kwesi sithuba kuthethe uMhlekazi oHloniphekileyo uG.G. Mathunga owaye enguMantyi ochophele eli tyala. Ubuze ukuba igqwetha lommangalelwa nelommangali banawo na omnye umbuzo. Amagqwetha alandula. Wandule ke yena wathi: Siwevile amahla-ndinyuka okuxoxwa kweli tyala. Ndiqinisekile uninzi lwabantu abasebenza ngomthetho bazuze amava. Babuvile ubucukubhede bokucokoviswa komntu wasemthethweni ngokusemthethweni ngumthetho. Xa ndibhekisa kuwe Mnu. Mgxali, iNkundla le ichophele eli
tyala ikufumanise unobutyala obungephikiswa bani phantsi kwezi ngongoma zilandelayo: Uthabathe umntwana omncinane wamqhatha. Umbonise bonke ubuqheleqhele nobuyokoyoko belizwe ngenjongo yokumenza umfazi okwethutyana, ungamtshatanga, ufuna kambe ukwanelisa iinkanuko zenyama. Ngoku ukhanyela umntwana wakho, ude wayinto engenampilo. Njengomntu owaye engumhambi waseHotele eNgqosi, uya kukhumbula ukuba ubudala bomntwana bulingana twa totse neenyanga owagqibela ngazo eNgqosi. Le Nkundla inobungqina obuzeleyo ngokufana kwakho nomntwana lo umkhanyelayo. Ubungqina obuphandwe iigqwetha lommangali uHombile, budandalazise elubala imfuzo nemfano ebelikhale ngayo igqwetha lommangalelwa kwantlandlolo. Umntwana wakho ongamondliyo uxakene nobomi. Mbone uthe nyeke ulwimi ngaphandle emana ukulenca umlebe ongezantsi womlomo wakhe. Icace mhlophe eyokuba ufuze wena. Sikubonile siyile Nkundla ulenca umlebe ongezantsi womlomo wakho, uphatha kuwucinezela ngamazinyo angasentla omlomo. Konke oku ukwenza kuba uphithizeliswa yimibuzo yegqwetha lommangali. INkundla ibizivulile iindlebe zayo, yaqwela ukuwatweza amehlo ayo. Kungoko ke isithi kuwe, ngumntwana wakho lo, mondle, mambathise, uze umfundise ukususela ngoku ade abe uyifincile iminyaka elishumi elinesibhozo ubudala. Uya kuqala uhlawule umonakalo owawenza kwintombi kabawo uNtshutshiso ngokohlobo lwawo.
Emva kokuwiswa kweso sigwebo, suka iNkundla yee khwasu, yaphel'i int ibithethwa. Abantu babesele beligwebe ngokwabo ityala ngokuva indlela ebelixoxwa ngayo. Ewe! Noko babeligweba abantu ngokwezabo iimbono, babekho ababethabatheke ngumfanekiso ombi owazotywa nguMnu. Qhalikhitshi wokuziphatha kakubi kukaNodywebheza. Iqela elininzi labantu lalisothulela uKhuselwa umnqwazi ngendlela athe walwenza ngayo unxulumaniso efanisa umntwana noyise. Babekho nababencoma ubuciko bomgwebi wetyala. Abantu ababenamahasa amatyala, nabo ba benamatyala agwetywa bebucinezelwarha babecinga ukuba ngebewafake kweli gqwethakazi linguHombile. Yena umtshutshisi omkhulu wakwaZwelitsha uVuyisa Mgxali waphuma eNkundleni esisishwayimbana.

-17- NdleIa-Ntle

Emva kwetyala, izihlobo nezizalwane zikaVuyisa zamana ukuwuhla amahlongwane phantsi naphezulu lo mbandela. EzaseMdantsane emthini zazimxelela ezimpondweni ukuba ubhatyazelwe ligqwetha lakhe. EzakwaZwelitsha kwaNom-juqu zazimxelela ukuba uKhuselwa ukude emthethweni. Azizange zimoyike ukumxelela ukuba umntu ozimisele ukuxambulisana naye makazimisele ukungcotsha. Bekusithi ekuhlaleni apha uve tshuvana ithile ihlasimla isithi:

Sibe singoobani na thina,
Xa ngoku zitsarha noRhamba,
Inyok enobuhlungu yomlamb iBhafula?
Hayi! Lo mhlaba uyahlaba,
Kodwa! Guga sithebe kad usophulela.

Ezi ncokwana bezigalelwa ezindlebeni zikaMgxali. uRhamba liyathwethwa, inyokenobuhlungu yeziziba zomlamb iBhafula. URheme ubesuka athi, qhuzu qhuzu ngentsini, uqonde nawe ukuba esi siganeko sibethe kumqolo ongwanzilili wenkalanzinzi, unyonyo ngexesha laso, umagxa akaxhali nokuba sele exhaliswa, isibavu-bavu esintliziyo nesingqondo iphuphuma intsongelo. Xa kuhleliwe ngoontangandini exwaxwa ngoKhuselwa, ubesuka abonise ukungayinanzi imfeketho enjalo yaseNkundleni. Kwakufika ubusuku xa wonke umntu erhuqa umthwalo wakhe ngamathatha, ukhakhakha uphuthelwe. Ubesothuka eme xhonkxosholo ngeenyawo akuphawula ukuba ezi zikhalayo iinkuku zezandulela umsobomvu. Kothuka iphakuphaku lomfo osel efuna nokuphuma ngomnyango, lungongoz uvalo lumbanga iphika, atsho ngaloo mlomo unkebenkebe umnene. Ibimbhojabhoja imhokamhoka yaseNkundieni ngobusuku, kuthi kwakuvela ilanga ephakathi kwabantu, iqale loo mhokamhoka ukuba yimfekethwana yeNkundla.
Ahambile wona amaxesha njengesiqhelo. Belitshona ilanga, iphele iveki, kulandele inyanga, nenye inyanga ilandele. Kusuke kwenzeka ummangaliso. Isukile into ebiyidla ngobusuku into kaMgxali yayidla emini ngoku nje.
70
71

Emsebenzini umhla nezolo ubefika kusasa njengabasebenzi bonke, asuke aphathe eyeka ingabonakali indima yomsebenzi wakhe. Mbone ngentlazane xa abasebenzi bakwaMantyi kwaZwelitsha beqala ukugcakamela ilanga okomzuzwana, abanye beqwalasele amaphepha-ndaba, bambi beziziqhu bencokola ngezezolo, umfo kaMgxali ethokombise intloko e-ofisini yakhe. Ngexesha lesidlo sasemini ubungambona engqengqe ngomqolo eqikaqikeka kuqaqaqa oluhlaza yaka ejongise iqeba phezulu phantsi komthi omthunzi upholileyo. Idlemini ibimbuza amavela phi ilanga lihlabe umhlaba. Azibanga ngaphi iintsuku, wabhitya umntu wangumcinga. Yathi namhla imfekethwana yaseNkundleni yaphel ubumfekethwana nobumfeketho, yayint ibila ngobunto bayo. Umvandedwa wawuzibhijabhija kuye imini nobusuku. Umhla nezolo umhlobo wakhe wenene yayibubunzima bokuhlawula intombi kaMvangeli, kanti isondlo somntwana sasilala sivuke naye, side simkhaphe nokumkhapha ukuya naphi na apho aya khona. Ewe buyathwaleka ubunzima bentlawulo yomntwana. Kunini na ukuya kufika kwishumi elinesibhozo leminyaka ngenxa yesondlo? uvakele esitsho umfo wasemzini ebindekile. Kwakucacile ukuba esona sigxala esasigxungula isilonda entliziyweni yakhe, siwenze krakra umphefumlo wakhe yayikukuthotywa ephoxwa nguKhuselwa eNkundleni ngenxa kaNodywebheza.
Enguloo mqhovuqhovu ukunqina ngomzimba, intliziyo yakhe yayityebile, kunjalo nje ichininika amanqatha entsongelo. Ukuphuma kweianga de liye kunina wabe yena ecinga icebo lokuziphindezela kuKhuselwa nakuNo-dywebheza. Ucinge ngengqitsimakhwe yegqirhakazi laSesheshegu. Elo gqirhakazi lalidume okwehashe lomdyarho ngamayeza amdaka anjengala: umalingatshoni esaphila, ivamna, isichitho, uvutha, impindezelo, inceba, uphuncuka bemphethe nelokubetha ngeZulu. Waqiniseka ngelithi ukuba lisadl amazimba wozuza kulo ichiza lokudlisa umntwana nonina, esazi mhlophe phofu ukuba, ukuba uNodywebheza nomntwana wakhe baswelekile kuphelile ngentlawulo nangesondlo. Efutha intsongelo ngamathatha eempumlo zakhe, engcangcazeliswa yintiyo etyhutyha-tyhutyha igazi elisemzimbeni wakhe ngenxa yokuthiya umzi wakwa-Hombile, ufikelwe ziingcinga zokuba uDumile kaHombile awamsongela esadla amazimba usuke wasutywa kukufa esalibele kukumfungela. Kungoku nje akalali buhlayo,
izihlobo nezalamane zakhe zebhongo zimnikele umva ngenxa kaKhuselwa. Xa edubada njalo ekwesikabhadakazi ngeengcinga, zityhutyhumeze okomlilo otshis idobo iingcinga zakhe, de ngelingeni aye ngazo phambi kwendwaqula yegogo elalithambisa imikhosi neenkosi zasemaMfengwini eNgqushwa mhla ngoGayi ukukhula kwakhe. Lo mankankela wegogo inye into awaye esaziwa ngayo, kukubulala qha. Izinto awaye ezisebenzisa ngoko zazimbini, umbane (iZulu ke ngoko Lawundini), eyesibini inguvutha. Waye engasaqinise-kanga nokuba igogo elo lisaphila na. Kwakumana kufika ingcinga yokuba, ukuba ebeqinisekile ngokuba igogo elo lisadl amazimba, ebeya kuya kulo limbethe limkrazule izibindi namaphaphu ngeZulu. Ewe, yayikho nengqondo yokuba ube efanele ukutshiselwa into yakhe yonke ngovutha, ukuze kamva kutshiswe yena ngovutha, kube ke njalo liyaphela.

Loo maqhinga obuqhetseba awaye ecingwa ngumfo kaMgxali adanjiswe yingcingane yokuba makaphinde ambethe ngomthetho uKhuselwa njengezolo. Ucele ukuba makatshintshelwe kwaKomani khon ukuze abe kufutshane kuye. Inene ukuba iinwele ezi bezivuthuluka kukucinga kakhulu emntwini, uVuyisa Mgxali ngewayede wanempenyelele. Elona qhinga acinge ukuba aqale ngalo lelo lokucela ukuba atshintshelwe kuKomani ngenxa yokukhathazwa yimpilo eyayisele icacile kuye wonke ubani. Eneneni ayizange ibe yimbambezela leyo kuba emva kweenyanga nje ezimbalwa, wenzelwe isibhadlalala setheko lokuthi kuye Ndlela-ntle.

Kweso sihika-hika setheko lesihandiba saseburhulumenteni kwakukho ooni nooni. Izimuncu-muncu nezimundela zazide zatyiwa zizinja naziihagu ngenxa yobuninzi bazo. Kwakukho noku kutya kuphakelwa kwizityana ezincinane zeglasi ofika sele kungcangcazela ngathi koyika ukutyiwa. Lihlokondiba izihlobo zakhe ezazikho ngokwazo ukuza kuthi ndlela-ntle kuye. Wanikwa iintlobo-ntlobo zezipho, nemali wayiphiwa. Uyabazi ke nawe abasebenzi baseburhulumenteni ukukhuphisana kwabo ngezipho eziyimali. Ngumzuzu nomzuzu nje, ukuba kukhe kwathiwa ubani-bani onguzithilethile uya phesheya kolwandle, ngaxa limbi umntu lowo uya kudla umhlala-phantsi, okanye uyatshintshwa emsebenzini njengoMgxali lowo, nguwashiywa nowashiywa koorheme ukumnika imali. Uphawula ukuba uninzi alumphi loo mali
kuba luthanda nokuthanda, abanye bacenga ukuhlala kakuhle bengagungqiswa ezikhundleni zabo, abanye bankqonkqozela eso sikhundla sishiywa ngumshiyi waso, kanti abanye bazama ukufunela oonyana neentombi zabo ezingekho mpangelweni isithuba. Kaloku abanye babo bebengekho mpangelweni isithuba seminyaka emihlanu ukuya esibhozweni oko baphuma esikolweni. Obukeleyo uye aqonde kamhlophe ukuba ngoku akuphiwa mntu mali, ngaphandle kokuthenga emithiyo ngenethole.

-18-
lntlwa Ayibanjwa
Ngentloko lsavela

Undulukile wasinga kuKomani uVuyisa Mgxali. Ufike wayingqwayi-ngqwayi yomtshutshisi nalapho. Namhla kwafika isinunza-nunza inxindeb emgxashe, irholorholo kwakuphathwa umthetho, imbunguzulu yakwaZwelitsha neelali ezikwingingqi engqinge iQonce.
Ucand amathafa ilanga lihlab umhlaba. Yemka yalincumel iKhubusi xa icanda eCumakala. Phambi kokuba ilishiye elo laseCumakala, ithenge isiselo esihlwahlwazayo sibanda ceke kwaNothwishi. Kuvakel ukurhathaza kwemfene ngamathatha xa igqitha kwiintaba zeKatikati ukumka kwemini ngaloo mini.
Waphuma ingqina njengekroti, injongo ikukufuna ukutyumza uKhuselwa ngobuqhophololo, ezimisele ukumxhawula nokuba yena uyamxwaxwa. Ewe, kaloku ukhakhakha wabe eyingcuka eyambethe ufele lwegusha, efutha intsongelo imini nobusuku ngamathatha eempumlo zakhe. Imilebe yomlomo wakhe yayingcangcazeliswa bubukrakra obufukanywe yintliziyo yakhe.
Ekufikeni kwaso eso siduli sintusi kwezimdaka, zothuka zabamba ongezantsi iintaba uLukhanji noBhambatha. Intaba kaDudumashe yona ide yagungqa nokugungqa. Isibhakabhaka sambathiswa yinkungu ephelekwe lufazana ngephanyazo. Izulu lona lisuke lazongoma, ligragrama kanobom. Ezo ndudumo zibethe kwasisizungu, into ke leyo ebangele ukuba idede loo nkungu khon ukuze kucace ukudanyaza kwemibane. Zezo ndudumo zingcangcazelise umhlaba, naloo mibane ethwele isitshi ezazisamkela uRhamba liyathwethwa ngobusuku. Ewe! sigalelekile eso silwangangubo sixakathe izixwexwe zamazembe entliziyweni nasengqondweni yaso. Zonk izinto zachola umcwangcisi akufika kwi-ofisi yakhe. Umcoci we-ofisi wazazi into ayiyo, wawazi nomtshayelo. Umenzi weti wawazi umsebenzi wakhe, wazazi iiketile neekomityi apho zihlala khona. Umthunywa akazange awuphazamise nomnye umsebenzi wakhe wobuthunywa. Aqala ukunanzwa amaxesha, elokuqala, elokuphumla nokuphuma emsebenzini. Bonke abasebenzi basuka basebenza oku koomatshini abasetwayo. Yafumana ucwangco yonke into ngephanyazo, axhonywa eludongeni amaxesha, elokuqala, elokuphumla nelokuphuma emsebenzini. Kwigumbi lomsebenzi ngamnye la maxesha ahombisa eludongeni. Kwigumbi leso sikhwakhwa kwakukwaxhonywe amaphetshana amabini abhalwe ngolwimi lwasemzini. Elokuqala iphetshana kwakukho imigcana efundeka ngolu hlobo:
                                  Take time to Work
It is the price of success.
Take time to Pray.
It is the greatest power on earth.
Take time to Love and be loved.
It is a God-given privilege.
Take time to be Friendly.
It is the road to Happiness.

Elesibini iphetshana nalo lalikwabhalwe ngobulumko ngamazwi ambalwa kakhulu athi:

THE BOSS
1.	The Boss is always right.
2.	The Boss does not sleep, he relaxes,
3.	The Boss does not read the paper, he studies t.
4.	The Boss does not go out, he is absent.
5.	The Boss does not hesitate, he reflects.
6.	The Boss is not late, he has been delayed.
7.	The Boss is not wrong, he is misunderstood.
8.	The Boss does not complicate, he organises.
9.	Enter the Office of the Boss with your ideas and leave it with his ideas. In case of doubts, refer to No. 1.
1 O.	The Boss does not leave early, he has an appointment.
1 1.	The Boss does not drink, he only quenches his thirst.

Ekufikeni kwakhe uMgxali akaziqhathanga, usuke wangumtya nethunga noTutswana okhaya liseHewu. Qho
ngeempela-veki benza utsi gxada eBowden emhlophe kaMajola, apho iziyunguma neziyolo zomlisela nomthinjana zishushu qhu. Ibixhaphake okwamaqhashu xa kuvunwa eyokubona indoda esele isondele kanobom ebunyanyeni, iinwele zimhlophe pee ingeyiyo imfuzo, iphal ibhekabheka okomqheliswa wenkunzi yehashe, ijuxuza nebutho elingelilo elayo. Igumba-gumba itsho ngentswahla etshutshisa iindlebe zamakholwa. Kwenziwa umjuxuzo obizwa ngokuba Lihashi. Nika iliso ukutya kwalo, ufike ukhenkebe lo sel epetsu-petsula eman ukungqisha okwegusha ixwaxwa zizinja, abile ke unkabi abe linqugwala, ibhatyi yendoda sele iyintsanyuntsanyu, uthuli nalo luphokoka ngomnyango nangeefestile. Baphi na abantu xa kunje? OwaseDyaphi nowaseMandileni kuZingquthu wawungamva esithi: Bemk' abantu nomsinga.
OwakuBengu eLady Frere wothuka wabamba ongezantsi akubona okwenzeka apho. Wavakala esithi: Akuqhweshi nadonki eBowden emhlophe kaMajola.
Ututswana wayephuma kwikhaya elinempembelelo yobuKrestu. Isiphene esasibanga isihlava esinomtsalane kuye yayikukuthanda ukudlala amakhasi namadayisi, injongo iyileyo inempandla yokuzuza imali busulwarha. Le midlalo inemali kakhulu kubadlali bayo, kodwa, hayi ngobungozi. Andibi na kaloku ekhasini nasedayisini kuduntswa kuncwinwa nje iimela zinyathelwe ngeenyawo? Umdlalo wasekhasini nasedayisini uphuma kungamkelwanga fefe. Amaxesha amaninzi uphuma ngobhovu-bhovu kuhlatywana ngeemela. Namhla kuvel amapolisa ngesiquphe imali ibuthwa nomhlaba kucelwe kwabanentsente. Umthetho uphakamisa isandla soxolo ukhusela bonke abantu abaxhatshazwa ngokungekho mthethweni. UMgxali ukhe wazama ukumnqanda umhlobo wakhe kulo mkhuba, wathi akubona ingeniso, suka naye wazeka mzekweni, kuxhatshazwa loo mali ixhaphe amathontsi egazi. Kuthe ngenxa yokuphithizela kwamapolisa ebuthela emjiva yonke into edlala ikhasi nedovolayo, woyika uMgxali. Yinto ke leyo ebangele impixano engqondweni kaMgxali, ithath ibeka ingqondo engazi nokuba makakholise ugxa wakhe ngokwaphula umthetho awaziyo. Ufikelele kwisigqibo eyedwa ngelithi: Ndim ndedwa omaziyo unobangela wokuba ndilinikele umva elakwaZwelitsha. Ubethi ngemini aphumileyo ngeliya kuphangela uTutswana, abuye ekuzeni kokusa nentywenka yemali, afike amvuse ekobentlombe umhlobo wakhe babelane ngaloo mali. Imsithele kwaphela uTutswana eyokuba umhlobo wakhe ufikelele kwisigqibo eyedwa. Kuthe akuphuma uhili ezingcongolweni, baxabana. Yayisele iliqela imali esetyenzwe nguTutswana ekuMgxali. Uqale xa kulapho uTutswana ukumvelisela bonke ubugulukudu bakwaKomani. Umxelele eziqhitsini ukuba ungumxhaga yaye akanamlilo, kanjalo yena akanakubanjwa inkunzi yimixhaga enj engoVuyisa, eyakhe imali uza kuyikhupha emagxeni endodeni ngebhozo. Akuziva zonke ezo zisongelo woyika uMgxali, waziqonda ukuba uzifake kwiinkalakahla zebhubesi. Ewe, ngaphambili waye ewavile amahum-hum eembali zesi sikrelemnqa singugxa wakhe. Akukhov ukucinga nzulu, ugqibe ukuba makantame eso sibavu-bavu sisisitshamlilo kwabakwaNtsasana. Udize, wadiza nendawo nexesha anokufunyanwa ngalo uTutswana. Azibanga ngaphi iintsuku, ambhada amakhwenkwe akwaNtsasana emabaleni exakekile ngamakhasi. Amgxagxamisile ngemibuzo emphanga-phanga nangee-mpama. Amgalela kwinqwelo yawo aya kumgalela eziseleni. Ngomhla wetyala, uTutswana wadliwa ikhulu leerandi, waza wagwetyelwa ngaphandle iminyaka emibini. Ekufikeni kwakhe kowabo ephuma eluvalelweni uyisemncinci umhlambe ngenqwebeba ebuhlanti ngelithi ugxotha ilishwa. Kubanjwe umthandazo ekho umfundisi uMrhwebi, noNobhayibhile ekho. Emva kweveki uTutswana uphindele kwaKomani. Ufike sel esazi ukuba wabanjiswa nguVuyisa Mgxali. Kungenxa yokukhumbula amazwi omthandazo okubangele ukuba uTutswana angahambi ngezantya. AmaXhosa asebaThenjini kaloku athi intlwa ayibanjwa ngentloko isavela.																																																																																																																									


-19-
Lwahlanza Uselwa

Esazi uVuyisa Mgxali ukuba utyala uTutswana imali eliqela, ucinge indlela yokumhlawula, kwanzima. Eyona nto yayiba ngumqobo kwingqondo yakhe, kwakufuneka ehlawule amatyala amabini ngenyanga enye, elokuqala ilelo lokuhlawula isisu sikaNodywebheza intombi kaMvangeli uNtshutshiso, elesibini, lelo lokuhlawula isondlo somntwana kaNodywebheza. La matyala waye engawahlawuli kuba ethanda, waye enyanzelwe yiNkundla ePhakamileyo yaseBisho. Le mali wayeyihlawula ukuphela kwenyanga yayimshiya engenayo nesenti. Yiyo loo nto kanye eyabangela ukuba ahendeke lula ekuzibandakanyeni noTutswana ngemali yokudovola nokudlala amakhasi. Ngoku uthi akucinga ngokuba kufuneka ongeze imali elityala kumatyala akhe anawo enyanga, aqonde mhlophe ukuba uya kuphela engqiba ngoku aphangelayo. Uzonwaye entloko esele ibukhuthukarha kub umntu ubesele ekhulile kaloku. Ube ngacinga akazuza nto tu. Ufikelele kwisigqibo sokuba amcele uTutswana ukuba ammele, ukuze aqalise ukumhlawula emva kweenyanga ezintathu, ecinga kambe ukuba isamsithele uTutswana eyokuba nguye yena Vuyisa owambambisa ngabakwaNtsasana ngaphambili. Oko kuthandabuza kuko okwambangela ukuba azive emadolw anzima ukuzityanda igila kuTutswana.
Njengoko uTutswana ebesele eyiqondile eyokuba ebanjwa nje, egwetywa nje, kungenxa kaVuyisa Mgxali, ibe ngumzuzwana egcine iziyalo zabazali ekhaya. Ewe, umthandazo othandazwe mhla aphuma eluvalelweni wawusankenteza ezindlebeni zakhe, eweva amazwi kayise abuhlungu xa waye emhlamba ngenqwebeba ebuhlanti emyala nokumyala. Ucinge ukucela nakuKhuselwa, ooZandile nooFundile icebo njengabamelwane bakhe baseHewu. Uphinde kwayena wabona ukuba ukugcina iziyalo zabazali akumncedi nto, kuba akanayo ngoku imali. Tyhini! Ndiza kulibala kukugcina iziyalo ezingandiphatheli mali, nditheni? Ubevakala esitsho ngamanye amaxesha. Ubethi akucinga ubungakanani bemali yakhe esetyenziswe nguMgxali, ahlasimle ngenxa yomsindo. Kwangoko wasenza isigqibo sokuba aye kuVuyisa Mgxali.
Efikile uTutswana kwaVuyisa Mgxali ngobusuku, ufike kumfo oqhumisa inqawa engqengqile phezu komandlalo wakhe. Kungene umfo obumanzirha lufazana olupheleke inkungu eyayirhuqa ngobo busuku, into leyo eyaba ngunobangela wokuba nenyanga eyayibakho ngobusuku kwezo ntsuku ifihlwe ziingqindilili zamafu. Akuba engenile uTutswana kwaMgxali, uthe gubhululu kwangoko emandlalweni walungisa ukuhlala, uvalo lungongoza. Ubuze impilo, yamfutshane kakhulu. Nomnye uphendule ngokombuzo, ekuthe yena akubuzwa wenza umlembelele wempilo kwade kwacima naloo nqawa. Ututswana wamxelela ngemali yakhe ayifunayo kuye, emxelela engamfihleli nangengxaki akuyo ngayo. Ungxengxezile omnye naye emxelela imeko embi akuyo ngolu hlobo: Kudala ndinqwenela ukuzityanda igila kuwe mfo wasemzini. Ndiyavuya kakhulu xa lide elo thuba laziveza ngokwalo. Ndiyakucela ke ngoko undinyamezele. Ndisuswe yingxaki kwaZwelitsha. Ndabanjiswa nguKhuselwa oseHewu ngoMthetho ngokungekho mthethweni phofu. Yinto ke leyo eyandihlabanisela kanobom ngokwasemalini yam.
Ndithetha nawe nje kwinyanga nganye ephelayo ndihlawula amatyala amabini. Yintlawulo yentombi enguNodywebheza, kwanesondlo somntwana wakhe. Kungoku nje ndenza isicelo sokuba nawe ndiqalise ukukunika imali yakho ngezavenge emva kweenyanga ezintathu ukususela ngoku. Ndilapha nje ke kukufuna ukuza kuziphindezela kuKhuselwa ngoMthetho. Xa ndingathi ndilifumane ithuba likaNodywebheza nomntwana wakhe, nabo andinqweneli ukubashiya besadla ubomi. Kungoko ndacela ukusondezwa kubo. Ndiqinisekile ukuba xa ndilapha, andifikanga ndigalelekile kubo! Lifutshane eli xesha ndilicelayo kuwe. Ndiza kuwukhawulezisa lo msebenzi wokubafumana aba, kakuhle futhi.
Kuthe kanti njalo unqike ilitye elineembovane. UNodywebheza lowo uthetha ngaye ngumntwana kabawokazi wam nqo. UKhuselwa lo uthetha ngaye, uyamazi phofu ukuba ngummelwanekazi wam? Ubusazi phofu ukuba kwaHombile, kutata uDumile ndiyintoni na mna? Uze ngenjongo yokungcola kanti apha kwaKomani? Andinaxesha leenyanga ezintathu. Imali yam yonke ngoku. La mazwi
arhabaxa ngolu hlobo athethwa sisigebenga uTutswana, sele sirhole inkaba-nkaba yebhozo.
Esaphakama uVuyisa Mgxali emandlalweni, uTutswana umkrazule esiswini ngelo bhozo. Amathumbu kwa-oko nje atyhalene ngokukhawuleza ukuya kuncamisa umhlaba. Athe nje ukuba awuncamise umhlaba, lwahlanza uselwa kuMgxali. Uphumile uTutswana apho, wasinga eHewu ngeliya kuzintama kwikhaya lakhe eliseHewu, exhinele ukudiza yonke into kuKhuselwa nakuNodywebheza, emva koko azise yena emapoliseni. Kumncede ngantoni na okunjalo ukungxama kuba kwakusebusuku ngeCawe. Izithuthi eziya eHewu ziphuma kwaKomani zazinqabe okwepolisa leKula.


-20-
Khuselwa Ndixolele

Kungokuhlwa nge Cawe, uKhuselwa udinwe uyimfe. Uqhube phantse iiyure ezingaphezulu kweshumi elinesibini esuka kwaNamba 4 eMqhayi kwaLanga eKapa. Apho kwakufihlwa isihlobo sikayise nesasingumtshutshisi kwiNkundla yaseBhayi ngexesha lokubhubha kukaDumile Hombile. Bekufihlwa iyolisa, iciko elakhe lagwadla kwafixiz abazili, kwancwina iingwevu mhla ngomngcwabo kaHombile. Umntu omkhulu uthe akuzuza umhlala-phantsi eBhayi, kwathi kuba ulwandle ubesele eluqhelile wasel ekhetha ukuya kuphumla phantsi kweNtaba yeTafile. Kulapho amathambo omntu omkhulu aya kubekwa khona. Ingcwaba lakhe nakusasa nje likuloo nkitha yamangcwaba ahethwa yimpepho yolwandle lweKapa. Ngaloo mangcwaba abethwa ngamazolo ngorhatya lwemivundla, kanti kusasa aphululwa yimitha yelanga. UKhuselwa umfixene ngum-khuhlane awuzuze kuloo ndlela ingumtyukatha. Uqaqanjelwa yimilenze, yaye ulungiselela ukulala ukuze ngengomso abe sempangelweni.
Akukhov isidlo sangokuhlwa xa aqala ukubeka icala, nanko efumana udaba olumothusayo. Olo daba luthululwa kuye yintloko yesibhedlele eKing Edward. Lucacise lungafihlisi ukuba kukho umntu wakhe ogulayo nonqwenela ukumbona esibhedlele eThekwini. Olu daba lumbethe watyhaf' amadolo akucinga ngendlela esinga eThekwini.
Ucinge engqengqe phezu komandlalo, suka wabiwa bubuthongo zaya. Uphuphe ekwigumbi lakhe emsebenzini ngentlazane. Kwakusibekele umoya ubanda okwempumlo yenja. Imibane yayingaphani thuba iphambana, isikrazula kubini isibhaka-bhaka. Iindudumo zazithululisana zigra-grama, kugungqa iintaba. Amabhodlo ezindlu angcangcazela ada adilika. Ngokwasephupheni apho ubone uthuli olumbhoxo luvela kwelaa damakazi laziwa ngokuba kuseLunweleni. Luphume lwagudla amathambeka anxuse umgaqo wetha osinga edolophini eVetlisi. Olu thuli umthongi wayekhe alubone esengumntwana oko. Besengabantwana bebelukhwaza olo thuli bahlahlambe bathi; Mpundulu.
Luthe nje ukuba lugaleleke edolophini, londa ngegumbi asebenza kulo. Uthe akuluqonda ukuba luza kuye, wanga angababeleka abasicatyana, suka zaphikisana iingqondo zakhe. Woyika ukuphuma, ecinga ukuba olo thuli luya kumfunqula lumke naye angabisaziwa mntu apho akhona. Uqwalasele ngomdla kumbindi wothuli olo. Apho kwakukho ukuqulungana okuthile. Umoya owawukhapha olo thuli wawukhawuleza. Ucinge ngokuncothuka kophahla lwegumbi lakhe. Wangcangcazela esoyika, ithath ibeka ingqondo.
Olo thuli luhamba ngesantya esiphakamileyo lufike phambi kwegumbi lakhe lwathula amabhaku amabini ezinja kunye noxholovane wengonyama, izinto zona ezingakhange ziphozise maseko ukwehla kwazo kuloo nqwelo bezikhwele kuyo. Ezi zikhakhamela zonde ngaye. Zigilene ukuya kufika kuye engcangcazela njalo, suka izinja zambungezelela zimbetha-betha ngemisila, zikhwina nokukhwina. Uziphawule ukuba azinabungozi. Ngelo xesha linye, uvalo lwalungathi luza kuphuma ngomlomo kukoyik ingonyama esuke ndaweni yokumtsibela imqwenge, yaphakamisa umkhono wasekunene yanga iyambulisa imamkela kwilizwe lezilo, ekuthe kwimizuzu engephi yamkhotha ebuchotsheni. Ngalo lonke elo xesha yena sele eguqe ngamadolo elungiselela ukuba ingonyama ingamaphuli umqolo xa imnqwenga. Uthe akuqonda ukuba ezi ntshaba zakhe zijike zazizihlobo ezisenyongweni, waziva engenakuzibamba edumisa iNkosi esithi:

Unabantu bakho Thixo,
Ngamaxesha onke.
Ubagcina ubanceda,
Endaweni zonke.

Wothuka ebuthongweni ecula esoyika engcangcazela ezibuza imibuzo engenampendulo. Kukuthini ukuphupha ingonyama? Yingonyama etheni le imbuna? Intombi yomXhosa iyazi, azilawulwa nakubani na izinja zasephupheni. Eli thongo walijika-jika uKhuselwa efuna intsingiselo, kodwa nkqi ukuza nayo. Wafana wazixolisa ngengcinga ethi; Bezingezanga ngabubi zonke ezo zilo.
Kwakuse kumhlophe phandle. Uvuke waya ebazalini bakhe baseHewu wabaxelela ngolu daba ekho noZandile. Emva komthandazo oshushu banduluka ukusinga eThekwini. Banyathele eLady Frere balityakatya elo laseTranskei baya
kufika eMthatha xa liya kunina elaloo mini. Banqumle eRichmond ikhefuzela liphika inqwelo yakwaNyawuza. Ngentlazane ngosuku olulandelayo bagalelekile eThekwini. Igqotsile inqwelo ukusinga esibhedlele. Badityaniswe nengqonyela yeso sibhedlele ugqirha Everson. Emva kwencokwana engephi ugqirha Everson ephuphuma bububele, uthando novelwano, ubathabathe wabasa kuSister Khulile Khumalo okwicandelo labasetyhini. Yena uthe ukuba eve nje ukuba ngoobani na, akaphozisa maseko, wacela uZandile ukuba akhe alinde okwethutyana. Kwaoko nje, ungene noKhuselwa kwigumbi elaziwa ngokuba yi-I.C.U., kwathi kanti udibanisa unina nomntwana.
Okunene uKhuselwa umbonile unina, namhlanje ubone inkosikazi angabanga sayazi kakuhle. Isuke yaba mntu wumbi kwinto ayaziyo. Ithe folokohlo emandlalweni yangathi isongiwe. Usisigaqana, umqhovu-qhovu ukunqina. Iintungo nentende yonyawo zisesamenteni, amathambo ambala aphuma ngamanye emanxebeni abonakalayo. Umlenze nengalo yasekhohlo zizotywe zacaca ngemivumbo yemvubu. Akabethwanga utywatyushiwe, umntu uyagcuma ziintlungu. Incwina yakhe ibetha zikrazuke iindonga zovelwano, athi okubonileyo oko kupena-pena asikwe yinimba, athi ngovelwano, loo ntlungu iphuhliswe kukuchiphi-chiphiza kwamehlo. Akukhohlela umguli uphokoza igazi ngomlomo. Umqolo wona untanywa yincwina yomguli ukuba uyaqaqamba.
Intokazi enkulu uNomkikise iyijongile intombi yayo eshiywe nayo nguSister yayililela. Unge angayiwola, wanga angayanga, suka aphela amandla. Iphika nalo lidiza ubukho xa etsarhwa ngamathe. Ubuye wee tywa ngomqolo omivumbo ichizayo emandlalweni. UNomkikise ucele uKhuselwa ukuba ahlale phantsi, aze andule ke unina athi kuye: Khuselwa mntwana wam, ndim lo ingathi asindim. Ndingunyoko MaMpondo, inkosikazi kayihlo uDumile Hombile. Awu! uDuma ezweni engenzanga nto mntwini. Ubukrakra odibene nabo kubom bakho bomhla nezolo unobangela wabo ndim. Ndisisizekabani sempilo yobunkedama obuphilayo. Ikhaya lakho. umzi wam, ndim owawudilizayo. Ndada ndathabatha ikrele elintlangothimbini ndahlaba ngalo uyihlo entliziyweni. Ndingumoni phambi kwamehlo ezinyanya zomzi wam, naphambi kwamehlo eZulu. Andisafanelwe ngokubizwa njengenkosikazi kaDumile, kundifanele ukuba ndityhaphake emehlweni, kuba andinakho ukujongana nomyeni wam ngamehlo emangcwabeni nasemva kovuko lwabafileyo, kanti andisafanelwe nokubizwa njengomama wakho. Impucuko nenkcubeko eyeza nomfo wasemaMpondweni emzini wam, ndayithabatha ngeenyawo ezinentsente. Loo mpucuko andizange ndiyihombele, suka yacumza ingqondo yam yemveli. Namhlanje naku ndipena-pena yintlungu. Ndiyi-mpula kalujaca kwesikabhadakazi. Amehlo omphefumlo wam atyhaphakile akaziboni zombini iindlela, eyenyama neyomphefumlo. Ndingumpha ochutywe walahlwa. Khuselwa, ndicela uxolo.
"Mama iimpazamo zakho zezolo uzibonile ungazi boniswanga mntu. Ezezolo ziyeke zimke ziye kusithela nezolo. Uxolo ulucelile ungacetyiswanga mntu. AmaZulu wona aluvile uxolo lwakho ndiyakuqinisekisa. Ewe, ubuyatha bezolo sisifundo sanamhla. Elam lelo lamanyange elithi, Ekhe lee eve lee. Into endiyifunayo neyahlala ingumnqweno wam kukuba nam mandibe naye umama xa esaphila. Imithandazo yethu ekhaya iphendulwe, utshilo uKhuselwa.
"Khuselwa mntwana wam ndixolele, utsho uNomkikise iinyembezi zigilana ukuhla ngamathambo asezidleleni. Bona nazo ezinye zisinga kuloo ndawo engeba ibinezinxonxo, koko sele iziingxondorha ngenxa yeenkxwaleko, izilingo neenzingo.
"Unaso isihlobo esiligazi lakho, umntwana wam. Buza kuMnu. Vuma ongunozaku-zaku omele elaseTranskei kweli laseThekwini.
Uthe akuwagqiba la mazwi wee cwaka zole, waphuma umphefumlo uNomkikise. Kwesi sithuba kungene uZandile edinwe kukulinda esiva isikhalo. Bancedisene ukuyicima amehlo intombi yakwaNala. Walila kabuhlungu uKhuselwa ethuthuzelwa nguZandile nabanye abongikazi. Benze amalungiselelo okuwugodusa umzimba kamfikazi. UZandile ube luncedo kakhulu ke ngoku. Akazange aphinde aphumle kukuntama loo mphanga ngeengcingo, ewuntama nomhla womsebenzi.
NgoMgqibelo bawukhapha umzimba wentombi yasemzini bawusa kumzi wokulinda phantsi kozikhangelene. Inkonzo enjalo yona ukuzuka. Akuzange kubekho mahluko kubantu ababezimase inkonzo yomngcwabo kaDumile Hombile, nabo babeze kweyenkosikazi yakhe. Abanye abantu babeze apho ngenxa yokwazi uMnu. Hombile. Inxalenye kuloo ndimbane
akuthandabuzeki ukuba yayize ngenxa yokwazi umafungwashe lo wasekhay' apha uKhuselwa.
Nanamhlanje iintatheli ziletsheze zaxela ezi zinja zelali kuthiwa ngoosebekho, yekoko ke ukuzithathela zithuthela ukuya kuthululela uluntu ngokubanzi ngalo mcimbi kuwo onke amajelo eendaba, oomabona-kude, oonomathotholo namaphepha-ndaba. Lo mbandela wathethwa bungquku-varha, bambi begxininisa kukuqulungana nokuyola kwe-nkonzo yomngcwabo ukususela kwasemlindweni. Zazikho iintatheli ezalambisa uluntu ngokulubengela ubhaxa ngokwenza abe mgqazu ngomfikazi. Zikhona kambe nezisuke zabhala zibalisa ngomfi uMnu. Dumile Hombile. Libekho negcuntswana elisuke lona lahola lathetha ngomsebenzi omhle kaKhuselwa njengegqwetha. Kwacaca kamhlophe ukuba oyena mntu uya kuzihluzela kuloo ntluze-ntluze ngumphulaphuli woonomathotholo, umfundi wephepha-ndaba nombukeli kamabona-kude, noyena mntu uyaziyo ezingcanjini ingcombolo yomzi wasemaMpondweni kwaHombile.

r

	3

14		s

16		7

18		9

20		21

22		23

36		37

42		43

44		45

46		47

56		57

68		69

68		69

74		75

82		83

	86

